1.

Intshayelelo

Olu viwo lweBakala 11 yinto eza kwenzeka kube kanye qwaba ukulungiselela abafundi uviwo kunye nenkqubo yoviwo yokubhala okokuqala ngqa iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) kwiBakala 12 ngo-2008.

ISetyhula 0042/2007 yanika ithayimthebhile yokuphela konyaka yeBakala 11 zaza iimfuno ezintsha zokupasa ze-NSC zabhengezwa kwiSetyhula 0031/2007. Ezinye iisetyhula ezisingethe imibandela yeBakala 11 zezi, 0025/2007, 0039/2007 no-0041/2007. Izikolo zanikwa kwakhona imizekelo (exemplars) neemomeranda zazo zonke izifundo kwiBakala 11 ekuqaleni konyaka.


2.

Ukuqhutywa koviwo lweBakala 11

2.1

INgcaciso eMfutshane yeCandelo leeMviwo DEA/0042/2007 yanika imihla ekuya kuthi kusiwe ngayo amaphepha emibuzo ezikolweni. Iinqununu ziya kuba noxanduva lokuvula iibhokisi zamaphepha emibuzo eBakala 11. Emva kokutshekisha ukuba onke amaphepha emibuzo afunekayo afunyenwe, iinqununu maziqinisekise ukuba amaphepha emibuzo agcinwa kwigumbi elinqatyisiweyo lesikolo, ahlulwe kumaphepha eBakala 12. Kufuneka la maphepha eBakala 11 apakishwe ngokweeseshoni ezo ziya kubhalwa.

2.2 Izikolo mazibonelele abafundi ngephepha lokubhala, njengoko iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lingayi kubonelela ngeencwadi zokubhala njengoko kunjalo kwiimviwo zeBakala 12.
2.3 Ukupakishwa kwamaphepha emibuzo kwigumbi elinqatyisiweyo, kwakunye nokuvulwa kwamaphepha ngosuku loviwo makulandele inkqubo efanayo naleyo yoviwo lweMatriki. Oku kuya kuthintela nawaphi na amaphepha ekubeni avulwe ngomhla okanye ngexesha elingelilo.
2.4 Ukugada abaviwa makulawulwe sisikolo kwaye kuqinisekise ukuba ootitshala bezifundo abasigadi ngokwabo isifundo sabo.
2.5 Makugcinwe iirejista zokurekhoda bonke abafundi ababhale isifundo esithile.
2.6 Amagosa akwaNdlunkulu nakwii-EMDC aya kubeka esweni ukubhalwa koviwo lweBakala 11.

3. Ukumakishwa koviwo lweBakala 11
3.1 ISebe iWCED liya kuzama ukunika izikolo imemorandam yesifundo ngokukhawuleza emva kokuba iphepha libhaliwe.
3.2 Injongo yoku kukuthumela ezi memoranda ezikolweni nakwizithili ngekhompyutha kusetyenziswa i-imeyili. Ezo zikolo ezingenayo i-imeyili mazifumane iimemoranda kwii-ofisi zezithili zazo. Ukuba izikolo aziyifumani imemorandam kwangolo suku lunye, mazincede ziqhagamshelane noMnu G. Plaatjies weCandelo leeMviwo apha 021 467 2949.
3.3 Izikolo mazikope imemorandam yephepha ngalinye kwi-imeyili yazo emva kokuba iphepha libhaliwe.
3.4 Imemorandam mayiprintwe kwenzelwe iikopi bonke ootitshala abaya kube bemakisha amaphepha esifundo esithile.
3.5 Ii-HOD okanye iinkokeli zezifundo mazixoxe ngememorandam nabo bonke ootitshala bezifundo abaya kube bemakisha amaphepha. Ii-EMDC zingenza amalungiselelo eengxoxo ngememorandam ukuqinisekisa ukungqinelana ngememorandam yokugqibela, kodwa oku makungenziwa ngendlela eya kulibazisa inkqubo yokumakisha yootitshala.
3.6 Imemorandam luxwebhu lokugqibela olufanele ukulandelwa ngqo kangangoko kunokwenzeka, kodwa makuqatshelwe ukuba kusenokubakho izikhewu zokongeza iimpendulo, izithetha-ntonye, njl. njl. Ootitshala njengabantu abaqeqeshelwe umsebenzi mabagwebe ngendlela yokuba kuzuze okanye kulungiselelwe umfundi, kodwa kwakhona bagcine ukuthembeka kovavanyo.
3.7 Ootitshala kufuneka bagqibe ukumakisha amaphepha eempendulo aze amanqaku ewonke (grand total) abhalwe kwiqweqwe elingaphezulu lencwadi yeempendulo nganye.
3.8 Amanqaku ewonke ombuzo ngamnye makabhalwe kwiqweqwe elingaphezulu lencwadi yeempendulo kwimeko yeeLwimi (isiNgesi, iAfrikansi nesiXhosa), iMathematika noLwazi lokuBala lweMathematika (Mathematical Literacy).

4. Ukumodareyithwa koviwo lweBakala 11
4.1 Inqununu mayiqinisekise ukuba ubuncinane yi-5% yeencwadi zeempendulo kwisifundo ngasinye seBakala 11 emodareyithwa yi-HOD, yinkokeli yesifundo, okanye ngutitshala oneqhuzu (senior teacher). Ukumodareyitha okwenziwa esikolweni makuqinisekise ukuba inkqubo yokumakisha yenziwe ngokufanelekileyo.
4.2 Ukumodareyitha kwangaphakathi, ekufanele kubandakanye uviwo novavanyo oluqhubekela esikolweni (school based assessment), yindlela yokuqinisekisa umgangatho kwaye kubalulekile kuphuhliso lomfundi (important development value).
4.3 Abamodareyithi mabatshekishe ukuba
4.3.1 memorandam isetyenziswe ngokuchanekileyo nangokufanelekileyo,
4.3.2 wonke umsebenzi ochaphazelekayo umakishiwe,
4.3.3 amanqaku anikwe iimpendulo ngokuchanekileyo,
4.3.4 amanqaku adityaniswe ngokuchanekileyo,
4.3.5 iimakhishithi zibhalwe amanqaku achanekileyo athathwe kwiincwadi zeempendulo,
4.3.6 ukubalwa kwamanqaku oviwo kwenziwe ngokuchanekileyo kwaye
4.3.7 ipesenti yokugqibela yesifundo ibalwe ngokuchanekileyo.
4.4 Ingxelo eyodwa ngokuqhubekileyo xa bekumodareyithwa mayinikwe ootitshala ngokukhawuleza ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ulawulo lweemviwo alulibaziseki nangayiphi na indlela.

5. Iimakhishithi neeshedyuli
5.1 Ootitshala mabazalise iimakhishithi kwisifundo ngasinye, ekufuneka zidibanise amanqaku ewonke ephepha ngalinye lesifundo kwakunye namanqaku ewonke oviwo kweso sifundo.
5.2 Amanqaku ovavanyo olwenziwa sisikolo (school-based assessment mark) anokudityaniswa nawo kule makhishithi, ukwenzela ukuba kufumaneke amanqaku okuphela konyaka esifundo. La manqaku okuphela konyaka anokutshintshelwa kwipesenti.
5.3 Iimakhishithi zeeLwimi, iMathematika noLwazi lokuBala lweMathematika ziya kukhutshwa liSebe iWCED lisebenzisa iprogram yeSebe leMfundo likazwelonke. Ezi zifundo mazifakwe kwikhompyutha (be captured) ngokombuzo ngamnye (per question) wephepha ngalinye.
5.4 Izikolo mazenze iishedyuli zokugqibela ngokusebenzisa ipesenti yokugqibela yesifundo ngasinye.
5.5 Ishedyuli yeSebe iWCED ka-2008 inikwe izikolo kwiSetyhula 0049/2007 yaye inokusetyenziselwa ukwenza ishedyuli yeBakala 11 ka-2007.
5.6 Ishedyuli ezalisiweyo yeBakala 11 mayingeniswe kumphathi wesekethe okanye kwelinye igosa le-EMDC elabelwe lo msebenzi nguMlawuli we-EMDC, ukulungiselela iinjongo zokupasa kwabafundi.

6. Iimfuno zeSebe leMfundo likazwelonke
6.1 ISebe leMfundo likazwelonke licele ukuba amaphondo makalinike iishedyuli zazo zonke izikolo zeBakala 11.
6.2 ISebe iWCED liya kuzifumana ezi shedyuli zisuka ngqo kwi-EMDC emva kokugqitywa komsebenzi wokupasa kwabafundi.
6.3 ISebe leMfundo likazwelonke licele kwakhona ukuba amaphondo aqhube ukumodareyithwa kweeLwimi, iMathematika noLwazi lokuBala lweMathematika, nokuba anike izikolo iimakhishithi kwezi zifundo.
6.4 OoTitshala abaziiNtloko zeZifundo okanye iinkokeli zeZifundo mazithathe iincwadi zeempendulo ezimodareyithwe ngaphakathi ezili-9 kwisifundo ngasinye kwezi zilandelayo:
  • English Home Language Papers 1 and 3
  • English Home Language Papers 1 and 3
  • English Home Language Papers 1 and 3
  • English Home Language Papers 1 and 3
  • English Home Language Papers 1 and 2
  • English Home Language Papers 1 and 3
  • English Home Language Papers 1 and 3
  • English Home Language Papers 1 and 3
  • Mathematics Papers 1 and 2.
  • Mathematical Literacy Papers 1 and 2.
6.5 Iincwadi zeempendulo ezithathwe kwiphepha ngalinye zingakhethwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

Ukushiyana kwepesentiInani leencwadi zeempendulo
80 - 1001
70 - 791
60 - 691
50 - 591
40 - 492
30 - 392
Ngaphantsi kuka-301

Oku kwenza ziyanelise le mfuno ilandelayo:
Iincwadi zeempendulo ezi-3 ezithathwe kwabaphumelele phambili (ngaphezu kwe-60%)
iincwadi zeempendulo ezi-3 ezithathwe kumndilili ophakathi ukuya kwabanelisayo (40% - 59%)
iincwadi zeempendulo ezi-3 ezithathwe kwabapase cebetshu nakwabangapasanga (abafumene ngaphantsi kwe-40%)

6.6 Iincwadi zeempendulo mazisotwe ngokokupasa ukususela ezantsi ukuya phezulu (o.k.t. awona manqaku asezantsi makabe ngaphezulu) kwiphepha ngalinye lesifundo aze enziwe ibhetshi ngokwesifundo ngasinye. Ibhetshi yesifundo ngasinye mayibe nephepha elingaphezulu elinegama lesifundo.

Umzekelo webhetshi epheleleyo esuka esikolweni:

English Home LanguageIincwadi zeempendulo 18
(9 kwiPhepha 1 ne-9 kwiPhepha 3)
Afrikaans Second Additional LanguageIincwadi zeempendulo 18
(9 kwiPhepha 1 ne-9 kwiPhepha 2)
isiXhosa Home LanguageIincwadi zeempendulo 18
(9 kwiPhepha 1 ne-9 kwiPhepha 3)
MathematicsIincwadi zeempendulo 18
(9 kwiPhepha 1 ne-9 kwiPhepha 2)
Mathematical LiteracyIincwadi zeempendulo 18
(9 kwiPhepha 1 ne-9 kwiPhepha 2)

6.7 Iibhetshi zeencwadi zeempendulo mazibotshwe ngamaphepha okubopha ambala umdaka esebe lemfundo ukuze incwadi yempendulo nganye ikhuseleke.
6.8 Zonke iibhetshi zeencwadi zeempendulo mazifakwe kwingxowa yekhuriya yesebe lemfundo, ziphawulwe ngokucacileyo ngolu hlobo Grade 11 Examination zize zinikwe inkampani yekhuriya yeCandelo leeMviwo. Akukho maxwebhu ezolawulo angamanye makathunyelwe ngenkampani yekhuriya yesebe lemfundo.
6.9 Igqiza leemodareyitha zeSebe iWCED elenziwa ngaBacwangcisi beKharityhulam aBakhulu naBacwangcisi beKharityhulam liya kumodareyitha iincwadi zeempendulo lize linike ingxelo kwiSebe leMfundo likazwelonke.
6.10 Makuzaliswe iimakhishiti ngokumalunga nezi zifundo zilapha ngasentla ngombuzo ngamnye ize ikopi ibuyiselwe kwiSebe iWCED nesampula yeencwadi zeempendulo ezimodareyithiweyo zezi zifundo.

7. Inkqubo yokupasa (Promotion process)
7.1 Kubalulekile ukuba abafundi ababhala iimviwo zeBakala 11 zikazwelonke ngo-2007 abadlelwa ndlala (are not disadvantaged) xa kuthelekiswa nabafundi beminyaka yangaphambili.
7.2 ISebe leMfundo likazwelonke, ngokubonisana namaphondo, likhuphe olu xwebhu lusisikhokelo luqhotyoshelwe apha lweenqununu zezikolo nabaphathi bezithili (abalawuli bee-EMDC) lokusetyenziswa ekulawuleni inkqubo yokupasa ukunceda izikolo ngalo nyaka wokuqala wokuphunyezwa kwekharityhulam entsha kwiBakala 11.
7.3 Ukulungiselela inkqubo yokupasa, kufuneka izikolo zibonisane nee-EMDC zazo.

8. Ukubhalwa kweeripoti
8.1 Izikolo maziqhubeke ngenkqubo yesiqhelo yokubhala iiripoti ngoko nangoko emva kokuba i-EMDC izivumile iishedyuli zazo zabapasileyo.
8.2 Iiripoti mazenziwe ngokweGazethi kaRhulumente 29467 kaDisemba 2006, ngokumalunga nolu xwebhu Protocol for Recording and Reporting.
8.3 Iiripoti mazinikwe abazali ngosuku lokugqibela lwesikolo (4 Disemba 2007).

9. Izibheno
9.1 Izibheno ezisuka kubazali mazingeniswe kwiiveki ezimbini zokuqala kwekota entsha yokuqala ku-2008 (o.k.t. phambi kwe-31 Januwari 2008).
9.2 Isigqibo se-EMDC ngokumalunga nezibheno sesokugqibela.

10. IProjekthi eliLinge yeBakala 11 (Grade 11 Pilot Project)
10.1 Kukhethwe eNtshona Koloni izikolo ezilishumi ukuba zithathe inxaxheba kwiprojekthi elilinge yeBakala 11 (Grade 11 Pilot Project) yeSebe leMfundo likazwelonke. Idatha eqokelelwe kwezi zikolo nakwii-EMDC zazo iya kunceda ekuqiniseni ngakumbi iimviwo zika-2008.
10.2 Kuya kufuneka ezi zikolo zizalise iimakhishiti zeSebe leMfundo likazwelonke kwizifundo eziye zakhethwa ngokukodwa kwizikolo ezo njengenxalenye yeprojekthi kazwelonke.

11. ISebe iWCED linqwenelela zonke izikolo impumelelo ekuphumezeni uviwo lweBakala 11.


ISAYINWE: NGU-B.K SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:11

Managing the Grade 11 promotion processes  (ubukhulu: 21 KB)
Government Gazette 29467: ... Regarding the National Protocol for Recording and Reporting  (ubukhulu: 1 078 KB)