1. Ngokubhekiselele kwiSetyhula 30/2007, kucelwa ngesihle uqaphele umqathango oyimfuno wokuba ukubhaliswa kwiBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika (South African Council for Educators) (SACE)) kuyafuneka ngokunjalo nako ukuze uqeshwe njengotitshala.
2. Ngenxa yesi sizathu, kwixa elizayo, kuya kufuneka ezi fom zilandelayo ukuze kuvunywe ukutyunjwa kwabenzi-sicelo bezithuba zethutyana zokufundisa nezababambeleyo:
3. Xa kuqeshwa umntu, eqeshelwa naliphi na ithuba, oko kuqeshwa kuzimeleyo kwaye kufuna enye iseti yamaxwebhu engqesho nazaliswe ngokupheleleyo kwisihlandlo ngasinye.
4. Akuyi kuqhutyelwa phambili kusetyenziswe amaxwebhu abatyunjwa angazaliswanga ngokupheleleyo kwaye oku kuya kubangela ukuhlawulwa kade kwemivuzo, nto leyo iSebe leMfundo leNtshona Koloni elingayi kwamkela zigxeko ngenxa yayo.
5. Kucelwa uthathe iSetyhula 30/2007 ekhankanywe apha ngasentla njengefakelwe izilungiso.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:22

Ifom yegama lomtyunjwa (A3) ("Nomination form")  (ubukhulu: 12 KB)
Ifom yesicelo (A2) ("Application form")  (ubukhulu: 11 KB)
Ifom Z56  (ubukhulu: 7 KB)