1. Ukupasa kwiBakala 9 ngo-2007 kuya kusekelwa kwiimfuno ezimiselweyo nezicaciswe kuMgaqo-nkqubo woVavanyo kwi-GET (GET Assessment Policy) kwiGazethi kaRhulumente No. 29626.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kuphinda lisebenzise iiCD zokufaka idatha yeBakala 9 (Grade 9 data-capturing CDs) ukufaka iziphumo zokupasa zeBakala 9 kuvimba wedatha kazwelonke (national data bank). Ngenxa yokuba iCD ye-Excel yeBakala 9 yeSebe iWCED (WCED Grade 9 Excel CD) ingena endaweni yala maxwebhu computerised sheets ("lotto sheets"), kunyanzelekile ukuba zonke izikolo zingenise idatha yazo ka-2007 yeBakala 9 ikule fomathi ye-Excel (Excel format).
3. Omnye wootitshala bakho owayekho kuqeqesho ekusebenziseni i-CD yeBakala 9 (Grade 9 CD training) ngekota yesithathu ka-2007, wayinikwa waza wayisayinela le CD egameni lesikolo. Le CD iya kuba kukuphela kwesixhobo esisemthethweni sokufaka idatha yeWCED yeBakala 9 (official WCED Grade 9 data capturing instrument).
4. Nayiphi na imibuzo emalunga nokufakwa okanye nokusetyenziswa kweCD ingabhekiswa ngqo kumququzeleli wovavanyo we-EMDC. Kungenjalo, qhagamshelana noMnu L van Gensen okanye uMnu L van Harte kwi-ofisi yakwaNdlunkulu yeSebe iWCED. (Jonga isiHlomelo A ukufumana iinkcukacha zonxibelelwano).
5. INGCACISO NGE-CD YEBAKALA 9
5.1 Uxwebhu lwemiyalelo lwenyathelo ngalinye emalenziwe (step-by-step instruction sheet)
5.2 Amagama abo bonke abafundi beBakala 9 esikolweni, athathwe kwidatha yobhaliso ye-CEMIS (Isikolo ngasinye siya kuyifuna inombolo yaso yoviwo, inombolo ye-CEMIS nepaswedi (password) ukufikelela kwingcaciso engomfundi.)
5.3 Amaxwebhu ii-recording sheets ayo yonke imisebenzi yovavanyo emiselweyo kwinkalo yesifundo nganye ngonyaka (Ii-recording sheets zibandakanya la macandelo: CTA Section A no-Section B naya kuthi, ngokweGazette 29626, abe ngumsebenzi wovavanyo omiselweyo weKota yesi-4.)
5.4 Ingcaciso ethathwe kwii-recording sheets iya kungena kwishedyuli ngokuzenzekelayo. Iziphumo zazo zone iikota ziya kufakwa (captured) kwishedyuli enye. Isitampu sesikolo esisemthethweni masivele kwiphepha ngalinye leshedyuli. Kukho isithuba esikhoyo kwiphepha lokugqibela lale shedyuli esenzelwe iisiginitsha zokungqinisisa zabo bantu bachaphazelekayo.
5.5 Iprogram ye-Excel iya kubala iziphumo zomfundi ngamnye kwaye bayacelwa ootitshala ukuba bangatshintshi nanye into esemaxwebhini (sheets) njengoko eprogranyelwe (programmed) ukubala iziphumo zomfundi ngamnye. Ngako oko kucelwa ukuba iCD ingasetyenziswa kunxibelelwano lwekhompyutha (network) njengoko oko kunokubangela iimpazamo.
5.6 Iprogram ibhalwe ngendlela yokuba ingcaciso evela kwishedyuli iya kubhalwa ngokuzenzekalayo (register automatically) kwiripoti yomfundi ngamnye kwi-CD. Izikolo zingakhetha ukusebenzisa eli khadi leripoti okanye ziqhubeke zisebenzise iifom zazo zeeripoti zesikolo, okoko nje zibandakanya ezona zinto ubuncinane zifunekayo kwiripoti (minimum information) nezicaciswe gca kwi-GET Assessment kwiGazethi kaRhulumente 29626 (Government Gazette 29626).
6. UKUZALISWA NOKUNGENISWA KWEDATHA YEBAKALA 9
6.1 Ukuba umfundi akakho (absent) ngenxa yezizathu ezisemthethweni (legitimate reasons) kwaye u nobungqina obuvokothekileyo (convincing proof) nanini na ngamathuba ovavanyo, zonke iziphumo ezikhoyo ezifunyenwe ngovavanyo rhoqo (continual assessment (CASS) nee-CTAs (Section A and Section B), mazithathelwe ingqalelo ukulungiselela injongo yokupasa. Amalungiselelo alolu hlobo makarekhodwe kwikholam yee-Remarks kwishedyuli yokupasa. Oku kufuneka kwenziwe kuphela kwiimeko ezizodwa.
6.2 Umfundi obengekho engenazo nezizathu ezisemthethweni ezibubungqina obuvakalayo uya kubhalwa njengongekhoyo (absent) (A) kwaye iprogram ayiyi kunika manqaku kulo msebenzi (misebenzi). Kwakhona, oku kufuneka kwenziwe kuphela kwiimeko ezizodwa.
6.3 Iikopi ezintathu (3) eziprintiweyo zeshedyuli evunyiweyo ziya kusayinwa ngumphathi wesekethe okanye ligosa elabelwe lo msebenzi ngexesha lokundwendwela ezikolweni ekupheleni konyaka. Kucelwa ukuba izikolo ziprinte iikopi ezingamaphepha (hard copies) kwiphepha elingu-A3.
6.4 Ikopi eprintiweyo yeshedyuli evunyiweyo yaza yasayinwa mayigcinwe ngokukhuselekileyo sisikolo njengoxwebhu oluya kuhlala luyirekhodi esisigxina (permanent record).
6.5 Iikopi eziprintiweyo ezimbini (2) zeshedyuli yokugqibela evunyiweyo (final approved schedule) mazigqithiselwe kumphathi wesekethe.
6.6 I-CD eneeshedyuli zokugqibela ezivunyiweyo zaza zasayiniswa (final approved and signed schedules) mayingeniswe kumphathi wesekethe. Le iya kusetyenziselwa ukufakwa kweziphumo ekhompyutheni (electronic capturing of the results) zeSebe leMfundo kuzwelonke. Iinqununu kufuneka ziqinisekise ukuba iiCD ziphawulwe ngokucace gca ngokuthi zibhalwe zonke iinkcukacha zesikolo.
6.7 Le datha iya kukotshwa (downloaded) ngqo kwiprogram yokufaka ingcaciso ekhompyutheni (computer capturing program) kwaNdlunkulu weSebe iWCED. Ngelishwa, akukho ndlela konke konke yokuba izikolo zingenise idatha ikuyo nayiphi na enye indlela (ifomathi) enokusetyenziselwa iiprogram zazo zolawulo.
7. Yonke idatha mayisayinwe ize ingeniswe kubaphathi beesekethe phakathi kwe-30 Novemba ne-4 Disemba 2007.
8. Ukuze iSebe iWCED libenako ukuqhubeka liphucula isistim, likuxabise kakhulu ukufumana ingxelo ngokuqhubekayo (feedback). Ziyacelwa izikolo ukuba zizalise olu xwebhu lovavanyo luqotyoshelweyo (attached evaluation sheet) (isiHlomelo B) zize ziluthumele nge-imeyili okanye ngefeksi ku-Heléne van Zyl ungagqithanga owe-30 ngoNovemba 2007.
9. Ingcaciso engaphezulu iyafumaneka kwiziko lewebhu lovavanyo (assessment website) apha: http://curriculumpgwc.gov.za/site/21/page/view/


ISAYINWE: NGU-E.Z.Z. SIYENGO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:21

Isihlomelo A  (ubukhulu: 6 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 7 KB)

National Policy on Assessment and Qualifications for schools in the General Education and Training Band (GET)
(kwiGazethi kaRhulumente No. 29626)
  (ubukhulu: 947 KB)