1. UKUHLELWA NGOKWENTLUPHEKO
1.1 Ukuze kumiselwe imimiselo nemigangatho yolwabiwo-mali yezikolo, izikolo zihlelwa ngokwentlupheko ngokungqinelana neMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali yeZikolo kaZwelonke (IGazethi kaRhulumente 29179, yomhla we-31 Agasti 2006) (National Norms and Standards for School Funding (NNSSF) ) (Government Gazette 29178, dated 31 August 2006).

(a) Ngo-2006 zonke izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni zahlelwa ngokutsha ngokomhlathi 101 we-NNSSF othi ukuba ukuhlwempuzeka kwesikolo (poverty of a school) kusekelwe ekuhlwempuzekeni ngokubanzi kwabahlali baloo ndawo isikolo esikuyo, nokuthi ke kwenze ukuba sixhomekeke kwintlutha okanye kwintswelo yekhaya ngalinye ngokumalunga nengeniso, ubutyebi kunye/okanye inqanaba lemfundo.
(b) Kwasetyenziswa idatha ukubala oku eyathathwa kweyoBalo lwaBantu lukaZwelonke (National Census) olwenziwa ngu-StatsSA. I-NNSSF icacisa ukuba "ukuze kupheliswe ukufunyanwa kwedatha egwenxa (distorted data) okunokwenzeka, abo bafumana izabelo zezikolo (abanjengezikolo nezithili), makungaze kube ngabo abanika idatha. Ngenxa yesi sizathu, iSebe iWCED alinakho ukusebenzisa iisaveyi ezenziwe ngulowo nalowo (individual surveys) ezivela ezikolweni nezingokuhlwempuzeka kwalowo nalowo mfundi.

1.2 Ngokomhlathi 109 we-NNSSF, amasebe emfundo amaphondo makasebenzise ithebhile yokubonisa ukuhlwempuzeka kazwelonke (national poverty distribution table) ukufikelela esigqibeni sokuba zabiwa njani na izixa-mali ekujoliswe kuzo (targeted amounts) kwiphondo ngalinye. Le thebhile ilapha ngezantsi ibonisa ipesenti yabafundi bePhondo leNtshona Koloni abanokufakwa kumanqanaba ngamanqanaba kazwelonke okuhlelwa ngokokuhlwempuzeka (various national quintiles (NQs)).

 NQ1NQ2NQ3NQ4NQ5Ewonke
KuZwelonke20%20%20%20%20%100%
ENtshona Koloni6.54%8.02%23.09%27.72%34.63%100%

2. IZIKOLO EZINGABIZI ZIFIZI (NO-FEE STATUS)
2.1 Ukwenzela ukulwa ukunyuka kweendleko zokufundisa kubazali abanemali encinane, kuye kwafakelwa izilungiso kwakhona kuMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (SASA) ukwenzela ukuba uvumele ukuphunyezwa kokungabizi zifizi kwezikolo (no-fee schools), o.k.t. izikolo zikarhulumente ezingazi kubiza zifizi zesikolo ezinyanzelekileyo.
2.2 Ithagethi kazwelonke kwizikolo ezingabizi zifizi (no-fee status schools) isengu-NQ 1 no-2, njengoko kumiselweyo nguMphathiswa weMfundo kuzwelonke (national Minister of Education (MoE)) ngo-2006.
2.3 Ngaphezulu, njengoko iPhondo leNtshona Koloni linepesenti esezantsi yabafundi abawela phantsi kwamanqanaba okuhlwempuzeka 1 no-2 (NQs 1 and 2), xa kuthelekiswa nawo onke amanye amaphondo, eli phondo lifikelele esigqibeni sokuba landise kwakhona amanqanaba ezikolo ezingabizi zifizi kubandakanywe nezo ziwela phantsi kwenqanaba lokuhlwempuzeka 3 (NQ3). Njengoko oku kungabanga nokwenziwa ngokweGazethi kaRhulumente, kuye kwenziwa amalungiselelo ngokuzithandela nezikolo eziqatshelwe njengezo ziwela phantsi kwenqanaba lokuhlwempuzeka 3 (NQ3). Ezi zikolo nazo mazingabizi zifizi zesikolo ezinyanzelekileyo.
2.4 Ngaphezu koko, njengoko kungakhange kwenziwe zinguqu kwithebhile yokuhlwempuzeka (umhlathi 1.2 apha ngentla), akukho zikolo zongeziweyo ke ngoko ezingabhengezwa njengezikolo ezingabizi zifizi ngo-2008/09.
3. ULWABIWO-MALI

Ziqhotyoshelwe apha iinkcukacha zolwabiwo-mali ngokwe-N&S zesikolo sakho ngalo nyaka-mali oqala nge-1 Apreli 2008 kuye kwi-31 Matshi 2009. Kucelwa ukuba uthathele ingqalelo oku kulandelayo:

3.1 Ulwabiwo-mali lubalwe ngokungqinelana nemigqaliselo ekwimihlathi 108 - 113 yeNNSSF.
3.2 Ulwabiwo-mali ngokwe-N&S ngonyaka-mali 2008/09 lwabalwa ngokususela kumanani abafundi afunyenwe kwiSaveyi yeCEMIS yango-2006.
3.3 Imali eyabelwe izikolo ngokweSetyhula 0049/2006 mayisetyenziswe iphele zizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 phambi kwe-31 Matshi 2008, njengoko ziya kuphulukana nemali engasetyenziswanga ngalo mhla. Imali eyabelwe izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 esagciniweyo ngenxa yokuba izikolo ezo zatyeshela ukungenisa iingxelo zazo zenkcitho zekota ngefom WCED 043, nazo ziya kuphulukana nayo ngowama-31 Matshi 2008 ngaphandle kokuba iifom ezingekangeniswa zifika ngaphambi kwe-29 Februwari 2008.
4. ISICWANGCISO SENTLAWULO (PAYMENT SCHEDULE)
4.1 Izikolo ezibiza iifizi
4.1.1 Kufuneka izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21, ngaphambi kwe-29 Februwari 2008, ziyahlula-hlule imali yesabelo sazo sonyaka-mali ophela nge-31 Matshi 2009 kwifom WCED 032 ibe ngamahlelo amane, angala, ele-LTSM, eleenkonzo zikamasipala elolondolozo (maintenance) nelokuthenga kuloo ndawo inesikolo (local purchases). Lakufumana ifom WCED 032, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kutshekisha iibhajethi. Izikolo ziya kwaziswa ukuba iifom zazo azenziwanga kakuhle ukwenzela ukuba ziphinde zingenise iifom WCED 032 ezintsha.
4.1.2 Iintlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) kuzo zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zolondolozo (maintenance) kunye neentlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) kwizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ezizihlawulela ngokwazo ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, ziya kuhlawulwa ngolu hlobo lulandelayo: i-50% yesixa-mali esibhajethelwe zona iya kuhlawulwa ngo-Apreli 2008 ize i-50% eseleyo ihlawulwe ngoNovemba 2008.
4.1.3 Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 ziya kusifumana isabelo-mali sazo sonyaka-mali 2008/09 ngezavenge ezibini, ekuzezi i-60% neya kukhutshwa ngo-Apreli 2008 ne-40% eya kukhutshwa ngoNovemba 2008. Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazisebenzise intlawulo yokuqala yazo (eyi-60%) neya kwenziwa ngo-Apreli 2008, ekuthengeni iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM) zonyaka ka-2009 ngaphambi kokuphela kukaSeptemba 2008, zize zihlawule enye inkcitho, njengoko kucacisiwe kumhlathi 5.1 apha ngasezantsi. Intlawulo ethunyelwa ngekhompyutha yesibini (eyi-40%) neya kwenziwa ngoNovemba 2008 mayisetyenziselwe ukuhlawula iindleko ezifanelekileyo ezinxulumene nesikolo ukuya kutsho ekupheleni konyaka-mali kaRhulumente o.k.t. 31 Matshi 2009.
4.2 Izikolo ezingabizi zifizi (No-fee schools)
4.2.1 Kwizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21, i-20% yaso sonke isabelo-mali saso se-N&S, esithathwa ngokuba yingeniso yonyaka evela kwiifizi zesikolo, siya kuhlawulwa kwisikolo ngo-Apreli 2008. Izikolo ziya kwaziswa ngesi sixa-mali kwileta engesabelo-mali sazo se-N&S eqhotyoshelweyo. Makukhunjulwe ukuba esi sixa-mali masisiqhube isikolo de kuye kutsho ku-Apreli 2009, apho kuya kufumaneka intlawulo yonyaka-mali olandelayo. Kufuneka izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ziyahlula-hlule imali yesabelo sazo sonyaka-mali ophela ngowe-31 Matshi 2009 kwifom WCED 032 ibe ngamahlelo amane, angala, elokuthenga iincwadi zezifundo kunye nezinye iincwadi, elokuthenga kuloo ndawo inesikolo (local purchases), eleenkonzo zikamasipala nelolondolozo (maintenance) zize zingenise ifom ezaliswe zonke iinkcukacha kwiSebe iWCED ngaphambi kwe-29 Februwari 2008. Lakufumana ifom WCED 032, iSebe iWCED liya kutshekisha iibhajethi. Izikolo ziya kwaziswa ukuba iifom zazo azenziwanga kakuhle ukwenzela ukuba ziphinde zingenise iifom WCED 032 ezintsha.
4.2.2 Ukongeza, iintlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) kuzo zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zolondolozo (maintenance) kunye neentlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) kwizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ezizihlawulela ngokwazo ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, ziya kuhlawulwa ngolu hlobo lulandelayo: i-50% yesixa-mali esibhajethelwe zona iya kuhlawulwa ngo-Apreli 2008 ize i-50% eseleyo ihlawulwe ngoNovemba 2008.
4.2.3 Isabelo-mali ngokwe-N&S ngokumalunga nonyaka-mali 2008/09 sezikolo eziphantsi kweSiqendu 21 siya kuhlawulwa ezikolweni ngo-Apreli 2008 (i-60%) kuze kuhlawulwe ngoNovemba 2008 (i-40%). Kubalulekile ukuqaphela ukuba sisonke isabelo-mali se-N&S sesonyaka-mali 2008/2009 njengoko kufuneka esi sabelo-mali sisiqhube isikolo de kuye kutsho ku-Apreli 2009, apho kuya kufumaneka intlawulo yonyaka-mali olandelayo. Kwangokufanayo nezikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 (funda umhlathi 4.2.1 apha ngentla), i-20% yaso sonke isabelo-mali saso se-N&S, mayigcinelwe inkcitho ebihlawulwa ngaphambili ngeefizi zesikolo. Umncono oseleyo (balance) mawulawulwe ngokomhlathi 5 olapha ngasezantsi.
5. UKUSETYENZISWA KWESABELO-MALI
5.1 Isabelo-mali ngokwe-N&S senzelwa eyona njongo ephambili nengeyokuqala, ukuthenga iincwadi zezifundo kunye nezinye iincwadi, ukuthenga kuloo ndawo inesikolo (local purchases), ukuhlawula iinkonzo zikamasipala, ukubonelela ngezona zinto zibalulekileyo kulondolozo lwemihla ngemihla lwezakhiwo zesikolo, amabala nezixhobo zomsebenzi (ulondolozo olwenziwa sisikolo), kunye nokuhlawula ezinye iindleko ezikhoyo zemihla ngemihla. Ingeniso yesikolo esiyenze ngokwaso, njengoko kuchaziwe kumhlathi 6, mayisetyenziselwe kuqala ukongeza apho kushota khona kwezi zinto zilapha ngentla phambi kokuba isetyenziselwe ukuhlawula izithuba zengqesho zamaBhunga oLawulo.

Kucetyiswa ukuba izikolo ziyahlula-hlule imali eziyabelweyo ngolu hlobo lulandelayo ngokweendidi ngeendidi zeendleko

  • I-60% isetyenziselwe iincwadi zezifundo ezimiselweyo (textbooks) nezinye ii-odolo zeencwadi zika-2009. Ngamnye umfundi makabe nencwadi yesifundo emiselweyo ngenkalo yesifundo nganye okanye ngesifundo ngasinye. Khangela kwisiHlomelo A ngokumalunga noluhlu lwezinto ezifakiweyo phantsi kweencwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi.
  • I-20% isetyenziselwe iinkonzo zikamasipala. Izikolo zingenza ibhajethi yepesenti enkulu kunoku ukuba iindlela zenkcitho zazo (expenditure tendencies) zenza ukuba oku kube yimfuneko.
  • I-4% isetyenziselwe ulondolozo lwesikolo
  • I-16% isetyenziselwe ukuhlawula izinto ezithengwa kuloo ndawo inesikolo (local purchases)

5.1.1 Iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM)

(a) Izikolo zinokuthi, phantsi kwale miqathango ilandelayo, zikhuphe isabelo esinga-phantsi kwesimelwe ukwabelwa iincwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi
  • ukuba ngamnye umfundi osesikolweni unencwadi emiselweyo yenkalo yesifundo nganye okanye yesifundo ngasinye YAYE ukuba ibhunga lolawulo lithathe isigqibo ngokusesikweni malunga noku kutenxa kokumiselweyo.
  • ukuba isigqibo sebhunga elilawulayo ngokumalunga nebhajethi, ekufuneka ingeniswe kwintlanganiso yabazali, sicacisiwe yaye isixa-mali esichithwe kwiincwadi ezimiselweyo nakwezinye iincwadi ngomfundi ngamnye sibonelelwe. Esi sigqibo masandlalwe kwintlanganiso yabazali, nokuba ngaba umphathi wesekethe uyasixhasa okanye akasixhasi.
(b) Zonke izikolo mazilandele ngqo uMgaqo-nkqubo woKuthengwa kweeMpahla neeNkonzo ngokuKhetha aBathile kuQala (Preferential Procurement Policy) weli phondo xa zisebenzisa isabelo-mali sazo ngokwe-N&S ekuthengeni iincwadi zezifundo nezinye iincwadi. Ukulungiselela le njongo, kunikwe izintlu ezimbini zabathengisi-zincwadi (suppliers). Uluhlu lokuqala (luluhlu lwabakhethwa kuqala) lumele abo bathengisi amabakhethwe kuqala. Babizwa ngokuba zii-Historically Disadvantaged Individuals (HDIs) nee-Small, Medium and Micro Enterprises (SMMEs). Izikolo mazithenge iincwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi ngexabiso ubuncinane eliyi-70% yesabelo sazo seN&S kubathengisi abakolu luhlu lokuqala. Iincwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi zingathengwa kubathengisi abakuluhlu lwesibini ngebhalansi (eyi-30% yesabelo-mali seencwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi). Ezi zintlu zamvanje zathunyelwa ezikolweni ngeesetyhula ezahlukeneyo.
(c) Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba luxanduva lwazo ukwenza iinzame mpela zokuthetha-thethana nabathengisi-zincwadi bazo ngezaphulelo ezikhulu kumaxabiso eencwadi.
(d) Zifunyanwa njani iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (i-LTSM)
  • Izikolo njengangoku ezingafakwanga kuluhlu lwamaziko aphantsi kweSiqendu 21 mazilandele iinkqubo ezimiselweyo kwisiHlomelo A.
  • Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazizithengele i-LTSM yazo zizenzele nenye inkcitho ngokwazo.
  • Ukuba izikolo zifuna uncedo ngokumalunga nokukhetha i-LTSM kunye nokuthetha-thethana nabathengisi-zincwadi ngawona maxabiso abhetele zinako ukunxibelelana nee-EMDC zazo.

5.1.2 Iinkonzo zikamasipala

(a) Injongo yesabelo esinikwa izikolo ngokwe-N&S, phakathi kwezinye izinto, kukuhlawula ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, o.k.t. umbane, amanzi, ugutyulo lomphutha (sewerage removal), ukuthuthwa kwenkunkuma, njl. njl. yaye asibandakanyi ukuhlawulwa kwerhafu yepropathi. Njengoko kwakunjalo nakwixesha elidlulileyo, uRhulumente uya kuyihlawula irhafu yepropathi ebhaliswe ngegama leRiphablikhi yoMzantsi Afrika.
(b) Izikolo ezimbalwa zivakalise ukuba azifuni kulawula ii-akhawunti zazo zeenkonzo zikamasipala yaye ezi akhawunti ziya kuqhubeka zihlawulwe yi-EMDC echaphazelekayo. I-EMDC iya kunika isikolo ngasinye iikopi zee-akhawunti zaso qho ngenyanga ngenjongo yokuba sizitshekishe kwaye singqine ukuba ii-akhawunti ezo zichanekile.
(c) Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazibale imali ebekelwe iinkonzo zikamasipala ngokwenkcitho yazo yangaphambili yezi nkonzo zize ziyibonise kwifom WCED 032. Esi sixa-mali kunye nemali yolondolozo ziya kuhlawulwa ngaxeshanye kwizikolo ezavumayo ukwenza lo msebenzi.
(d) Phakathi kwezinye zezinto emazenziwe zizikolo, kukuphumeza amanyathelo okonga imali aboniswe kwiSihlomelo B.
(e) U-ESKOM noninzi loomasipala bavakalise ukuba bangazenza iimitha zombane ohlawulelwa ungekasetyenziswa (pre-paid electricity meters) ezikolweni. Oku kuya kwenza izikolo zibe nolawulo olubhetele losetyenziso lombane.

5.1.3 Ulondolozo lwemihla ngemihla

(a) Ulondolozo lwemihla ngemihla lubandakanya ukulungiswa kwamabala kwakunye, nokuhlaziywa, nokulungiswa kunye/okanye ukukhutshwa kwezinto ezonakeleyo kufakwe ezinye kwizakhiwo zesikolo. Ukuba alwenziwa ulondolozo lwemihla ngemihla kwangoko, izakhiwo ziya kugxagxiseka kangangokuba zifune ulungiso olungxamisekileyo lomonakalo omkhulu nobiza imali enkulu.
(b) Izikolo mazizenzele ibhajethi yolondolozo lwemihla-ngemihla ngokungqinelana nemeko yezakhiwo namabala azo. Isabelo-mali ngokwe-N&S sondolozo lwemihla ngemihla sinokungeneli. Kwiimeko ezinjalo isikolo masiyongeze ngokwaso imali esiyabelweyo ngemali ephuma kwiingxowa zaso, apho kusebenzayo oku.
(c) Isabelo-mali ngokwe-N&S masingaze sisetyenziselwe ulondolozo lwezixhobo lwemihla ngemihla kwiihostele zokuhlala. Olu hlobo lolondolozo maluxhaswe ngemali yentlawulo yabafundi yokuhlala ehostele/ngeebhasari.

5.1.4 Ulondolozo lwezixhobo zomsebenzi

(a) Izikolo mazibekele bucala esinye sesixa-mali kuleyo ziyabelweyo yokwenza ulondolozo lwemihla ngemihla sokusetyenziswa kulondolozo lwezixhobo zomsebenzi zokuhombisa amabala esikolo, umz. ukulungiswa kwemowa, ukusika ingca, ukupeyinta izitulo ezisemabaleni esikolo, ukuthenga ilayimi (lime) nesichumiso (fertiliser).
(b) Irenti mayingabhidaniswa nolondolozo. Luxanduva lwezikolo ukuzihlawulela imali yeemvumelwano zerenti nezengqeshiso (leases) kunye nolondolozo nolungiso lwezixhobo, umz. iimatshini zokufotokopa neekhompyutha. Ulondolozo lwezi zixhobo alusiyonxalenye yolondolozo lwemihla-ngemihla lwezakhiwo namabala esikolo.

5.2 Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazibonise izabelo-mali ezenzelwe ulondolozo lwezakhiwo, amabala nezixhobo zokusebenza njengesixa esinye kwifom WCED 032.
5.3 ISebe leMfundo leNtshona Koloni aliyi kwamkela butyala ngentlawulo yazo naziphi ii-akhawunti apho izikolo zichithe ngaphezu komlinganiselo osisabelo sazo. Kuya kufuneka izikolo zizihlawulele ngokwazo ezi ndleko. Ukuba kuthi ngenxa yaso nasiphi na isizathu, nesaluhlobo luni na, izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zigqithise kwisabelo sazo ngokwe-N&S, nayiphi na inkcitho engaphezulu iya kuxhuzulwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni kwisabelo sesikolo sonyaka olandelayo. Oku akuthethi ukuba makugqithiswe kwizabelo-mali ngokwe-N&S. Ukuba isikolo esingekho phantsi kweSiqendu 21 asiyisebenzisanga yonke imali yaso yonyaka esiyabelweyo ngokwe-N&S, isixa-mali esisashiyekileyo siya kuphelelwa lixesha. Khangela kumhlathi 3.3 apha ngentla.
6. INGENISO EYENZIWA SISIKOLO NGOKWASO

NgokweSiqendu 36 (1) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, (UMthetho 84/1996), njengoko ufakelwe izilungiso, (SASA), amabhunga olawulo ezikolo (SGBs) makathathe onke amanyathelo afanelekileyo okongezelela kwisabelo sikarhulumente ukwenzela ukuphucula umgangatho wemfundo efundiswa sisikolo. Akukho sikolo esingabizi zifizi masibize iifizi zesikolo ezinyanzelekileyo. Nangona kunjalo ziyakhuthazwa ezi zikolo ukuba ziqokelele iminikelo ekhutshwa ngokuzithandela (voluntary contributions) kwaye zinyuse ingxowa-mali ngendlela yezipho-mali (donations), amatheko okunyusa ingxowa (fund-raising functions) njl. njl.

7. UKUNIKA INGXELO
7.1 Ibhajethi yesikolo evunyiweyo mayingeniswe kwi-EMDC echaphazelekayo ungadlulanga owe-1 Disemba kunyaka ngamnye.
7.2 Zonke izikolo mazingenise le fom WCED 043 (iingxelo zekota ezingenkcitho) kwi-EMDC echaphazelekayo zingekapheli iintsuku eziyi-30 ukususela ekupheleni kwekota nganye (inkcitho eya kutsho kwi-31 Matshi, 30 Juni, 30 Septemba, ne-31 Disemba). Imali iya kuhlawulwa ezikolweni kuphela xa kufunyenwe iingxelo WCED 043 ezanelisayo malunga nemicimbi yemali yeekota zangaphambili. Iyafumaneka le fom WCED 043 kwii-EMDC ngefomathi yekhompyutha.
7.3 NgokweSiqendu 43(5) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (uMthetho 84 ka-1986), izikolo mazingenise (ukuze iqwalaselwe ngumlawuli we-EMDC echaphazelekayo) iseti yeengxelo-mali eziphicothiweyo (audited set of financial statements) zonyaka-mali ongaphambili ungekadluli owe-30 Juni kunyaka ngamnye.
8. ULUNGISO LOMONAKALO OMKHULU OLUNGXAMISEKILEYO

Ngokomhlathi 97 weNNSSF, iSebe iWCED liyalwamkela uxanduva lolungiso olungxamisekileyo lwezakhiwo ezonakeleyo, kodwa ke ayininzanga imali iSebe eli linayo yokwenza olo lungiso. Ezi ntlobo zolungiso lomonakalo zilandelayo ziya kuqwalaselwa ngokungqinelana neenkqubo ezikwiSetyhula 175/2000:

IHLELO A
Umonakalo omkhulu odalwe ziintlekele zendalo, iingxaki zesakhiwo nemililo

ISebe iWCED liya kuyithathela kulo le misebenzi yolungiso lwezakhiwo olungxamisekileyo kuphela xa iindleko zingaphezu kwe-R5 000 nangokuxhomekeka ekubeni ikho imali eyaneleyo.
Eli Sebe iWCED linokuthi kwakhona, ngokwengqiqo yalo, lijonge ukuba alinakufaka imali yokuhlawulela umonakalo kwi-akhawunti yebhanki yesikolo ukulungiselela ukuthenga izinto zokwakha kwiimeko apho ungemkhulu kangako umonakalo.
IHLELO B
ISebe iWCED liya kuyithathela kulo le MISEBENZI YOLUNGISO INGXAMISEKILEYO, ngokuxhomekeka ekubeni impilo kunye/okanye nokhuseleko lootitshala nabafundi zisengozini yaye kukho imali eyaneleyo:
Ukutshintshwa okanye ukulungiswa kwemibhobho yamanzi ephantsi komhlaba kunye nemibhobho yogutyulo lomphutha (sewer pipes)
Ukulungiswa kweekhebhile zombane (electric cables) eziphantsi komhlaba
Ukulungiswa kweegiza zombane (kwiihostele kuphela)
Ukulungiswa kwezona zixhobo zikhulu zisetyenziswayo ehostele
Ukulungiswa kweendawo zokugcina amanzi okusela
(Uncedo lungaluhlobo lokunika imali yokuthenga izinto eziza kusetyenzwa kuphela).
Izikolo mazingenise iikowuteshini ezi-3. Umsebenzi wokulungisa umonakalo ungaqalisa kuphela emva kokufumaneka kwesigunyaziso soko esivela kwaNdlunkulu.

9. EMINYE IMIQATHANGO
9.1 I-SGB mayibe nolawulo olululo kwingeniso nakwinkcitho njengoko kucacisiwe kule ncwadana- Manual of the Basic Financial System for Schools. Ukuba amalungu ebhunga lolawulo lesikolo akanabo ubungcali obuyimfuneko bokwenza lo msebenzi ngendlela eyiyo, makakhethe (co-opt) umntu oya kuba nako ukuwancedisa.
9.2 Yonke imali yesikolo, efunyenwe kwisabelo sikaRhulumente naleyo evela kwisikolo ngokwaso, mayisetyenziselwe iinjongo ezinxulumene ngqo nezemfundo, njengoko kucacisiwe kwiSiqendu 37(6) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, yaye ngakumbi ukuthenga iincwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi kunye nezinye izinto zokuncedisa ekufundeni iLTSM. Ngokomgaqo-nkqubo weSebe iWCED, makungaze kwenziwe iikopi zeencwadi zezifundo ezimiselweyo (textbooks) kunye neencwadi zokufunda (readers) njengoko oku ikukunyasha uMthetho weLungelo eliValela uKwenziwa kweeKopi, 1978 (uMthetho 98 ka-1978) (Copyright Act, 1978 (Act 98 of 1978)).
9.3 Eli Sebe iWCED linelungelo lokuhlola iirekhodi ezinxulumene nemali yesikolo kunye nokuthatha amanyathelo ngakuye nawuphi na umsebenzi/utitshala wesikolo okanye ilungu lebhunga lolawulo, ukuba lithe lachaphazeleka kwizenzo zokusetyenziswa gwenxa kwemali yesikolo. Ngako oko ke izikolo mazigcine bonke ubungqina bengeniso nenkcitho.
10. ISICELO SOKUFAKWA KWESIKOLO PHANTSI KWESIQENDU 21

Izicelo zokutshintsha ukusuka ekubeni sisikolo esingekho phantsi kweSiqendu 21 sibe phantsi kweSiqendu 21 mazingeniswe ngaphambi kwe-29 Februwari 2008 ngale fom eqhotyoshelweyo. Izikolo eziphumeleleyo ziya kufakwa phantsi kweSiqendu 21 ukususela kunyaka-mali olandelayo kuphela, o. k. t., ukususela kowe-1 Apreli 2008.

11. IZIBHENO
11.1 Amanani abafundi

Njengoko kutshiwo kumhlathi 3.2 apha ngentla, kusetyenziswe amanani abafundi athathwe kwiinkcukacha-manani ze-CEMIS ukubala isabelo-mali sezikolo ngokwe-N&S. Ukuba athi ande kakhulu amanani abafundi besikolo esithile, ande ngaphezu kwe-7% ekuqaleni kunyaka wesikolo omtsha (2008), kuya kuhlenga-hlengiswa izabelo-mali ngokwe-N&S. Izicelo zokongezelwa imali ngenxa yokukhula kwamanani abafundi mazingeniswe ungadlulanga owe-15 Februwari 2008). Akukho zicelo zifike emva kwexesha ziya kwamkelwa.

11.2 Ukuhlwempuzeka

ISebe iWCED lifumene izicelo ezinzi ezibhaliweyo nezefoni ngo-2007/08 zokuba kuhlaziywe ii-NQs zezikolo ngokususela kwiimeko zokungaqeshwa kwabazali, abafundi abahamba isikolo abavela kwiingingqi ezihlupheke ngaphezulu, ukungahlawulwa kweefizi zesikolo, njl.njl. Ngokumalunga noku, i-NNSSF iyiqonda kakuhle into yokuba izikolo (ekuzizo ezifumana izabelo-mali (beneficiaries of the allocation)) mayingabi zizo eziza nale ngcaciso, kodwa makusetyenziswe u-StatsSA okanye idatha efana naleyo yakhe.

Akukho luhlenga-hlengiso lwenziweyo ngenxa yezizathu ezingeniswe zizikolo ngo-2007/08. Kuphela kukwiimeko apho iSebe iWCED liye layalela izikolo ukuba zibhalise abafundi abavela kwiingingqi ezingezizo ezo ezo zimi kuzo izikolo ngenxa, a) yokunqongophala kwendawo (inadequate spaces), okanye b) yengxaki yomgangatho wokufundisa apho kungathathelwa ingqalelo uhlenga-hlengiso lokuhlelwa kwesikolo ngokwenqanaba lentlupheko (NQ ranking). Abafundi abahamba isikolo abavela kubahlali abangengabo abo besikolo (outside the community) ngokuzikhethela kwabo, abanako ukuqwalaselwa ngenjongo yokuhlaziywa kokuhlelwa ngokwamanqanaba entlupheko (revision of poverty placement).

Ngaphezulu, iSebe iWCED linako ukwaba amanani abafundi ngokwenqanaba lentlupheko likazwelonke (per national poverty quintile (NQ)) kuphela njengoko kuchaziwe kwithebhile ngokwamanqanaba entlupheko (poverty table) kumhlathi 1.2 apha ngentla. Ngenxa yokungalambathi kwepokotho kuninzi lwabantu (relative wealth) baseNtshona Koloni, yi-62% kubafundi bethu (Izikolo) ekwi-NQ 4 & 5. Mayikhunjulwe into yokuba ukuhlelwa ngokwamanqanaba entlupheko kwiNQ, kususelwa ekuthelekisweni kunye nezinye izikolo (nabahlali bazo) kwilizwe liphela.

Ukuba izikolo, ekubeni zithathele ingqalelo oku kulapha ngentla, zibe zisanqwenela ukwenza isibheno malunga nesabelo senkxaso-mali okanye ukuhlelwa ngokwamanqanaba entlupheko (allocation or quintile placement), oku kufuneka kwenziwe ungadlulanga owe-30 Novemba 2007. Akukho zicelo ezifike emva kwalo mhla ziya kuthathelwa ingqalelo.

12. NAZI IINOMBOLO ZONXIBELELWANO ZOKUBUZA IMIBUZO

ISihlokoIgamaInombolo yefoni
Iifom WCED 043 zeengxelo zekota neengxelo-mali zonyaka eziphicothiweyoUSekela-Mlawuli (wezoLawulo) kwi-EMDC:Yeye-EMDC echaphazelekayo
Ukuhlelwa kwesabelo sonyaka (kwifom WCED 032)Mnu P Steyl021 467 2762
Ukuthengwa kweencwadi zezifundo nezinye iincwadi(WCED 034) nokuthengwa kwezinto kuloo ndawo inesikolo(WCED 026). Zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21Mnu M Josias021 903 8453
Iintlawulo ezifakwa kwii-akhawunti zebhanki zezikolo (izabelo-mali ngokwe-N&S)Mnu A.Ngxoza021 467 2212
Ulungiso lomonakalo olungxamisekileyoMnu G Martin
Mnu P Beukes
021 467 2137
021 467 2134
Imibuzo ngokubanziMnu J Kitshoff
Mnu R Eyssen
021 467 2665
021 467 2662



ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:21

isiHlomelo A: IINKQUBO ZOKUTHENGWA KWEEMPAHLA NOKUFUNYANWA KWEENKONZO  (ubukhulu: 24 KB)
isiHlomelo B: Saving measures in respect of municipal services  (ubukhulu: 9 KB)
Application for Article 21 Status  (ubukhulu: 8 KB)

WCED Forms:
The following forms are in WordŽ (".doc") format.
To save a form for later use, click on the "zipped" link below and follow the intructions.
If you have WordŽ installed on this computer, click on the "DOC" link below (the form will open in a separate window: to return to this circular, close that window)

Form WCED 026: Requisition for stores and other requirements  ("zipped" version, size: 34 KB)
Form WCED 026: Requisition for stores and other requirements  ("DOC" version, size: 63 KB)

Form WCED 032: Allocation for local purchases, municipal services and maintenance  ("zipped" version, size: 35 KB)
Form WCED 032: Allocation for local purchases, municipal services and maintenance  ("DOC" version, size: 65 KB)

Form WCED 034: Requisition for text- and other books  ("zipped" version, size: 6 KB)
Form WCED 034: Requisition for text- and other books  ("DOC" version, size: 28 KB)

The following form is in ExcelŽ format.
To save it for later use, click on the "zipped" link below and follow the intructions.
If you have ExcelŽ installed on this computer, click on the "XLS" link below (the form will open in a separate window: to return to this circular, close that window)

Form WCED 043: Quarterly Report  ("zipped" version, size: 33 KB)
Form WCED 043: Quarterly Report  ("XLS" version, size: 57 KB)