1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linqwenela ukukwazisa ukuba uNks Naledi Pandor, uMphathiswa weMfundo kuZwelonke, unike imvume yokuba kuqeshwe kwakhona nawuphi na utitshala owashiya inkonzo yokufundisa ngokuthatha iPhakheji yokuZiyekela ngokuThanda (Voluntary Service Package (VSP)), kwakunye nabo baphuma kwinkonzo yokufundisa ngo-1996/97 ngokweSiqgibo 3 sika-1996 seBhunga lezeMfundo lezoBudlelwane eMisebenzini (ELRC Resolution 3 of 1996) ngokuthatha iVSP.
2. Le mvume ithetha ukuba utitshala oqeqeshwe ngokupheleleyo enamabanga emfundo afanelekileyo (fully qualified teacher) owashiya inkonzo yokufundisa ngokuthatha iVSP nofuna ukuphinda aqeshwe kwakhona, ufanelekile ukuba aqwalaselwe ngenjongo yokuqeshwa, ngokuxhomekeka ekubeni uyazanelisa iimfuno ezimiselweyo zokuzaliswa kwesithuba.
3. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, kwakunye nabo bathathe ikhefu njengangoku.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:21