1. UMgaqo-nkqubo kazwelonke woSetyenziso lweeLwimi kwezeMfundo ka-1997 (national Language-in-Education Policy of 1997) (oqhotyoshelweyo) ngulowo wokusetyenziswa kweelwimi ezimbini ekufundeni apho kumana ukongezwa olunye (additive bilingualism) nokhuthaza ukufundiswa kweelwimi ezininzi (multilingualism). Uxwebhu lweMigaqo neMigangatho (Norms and Standards) ngokumalunga noMgaqo-nkqubo weeLwimi, oluqhotyoshelwe kuwo nekufuneka lufundwe noMgaqo-nkqubo kazwelonke woSetyenziso lweeLwimi kwezeMfundo, luneqela lemigqaliselo engamalungelo nemisebenzi yabantu ngabantu, yezikolo nekarhulumente.

2. Ngo-2007 iSebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) liya kuqalisa isiCwangciso salo seNguqu kwiiLwimi (Language Transformation Plan) (oqhotyoshelweyo) esibeka iithagethi ezithile zephondo kwaye sisongeza ngokuxhasa uMgaqo-nkqubo kazwelonke woSetyenziso lweeLwimi kwezeMfundo ka-1997 (national Language-in-Education Policy of 1997) kunye nayo yonke eminye imithetho echaphazelekayo, kubandakanywa neNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement (NCS)).

3. Ngenxa yokuba imibandela yolwimi ingumba o-ethe-ethe kakhulu nongenakwenziwa ngobungxamo, iSebe i-WCED lenze amalungiselelo okubamba iiseshoni zokwazisa izikolo kwikota yokuqala, apho kuya kukhutshwa iikopi zesi sicwangciso kuze kuxoxwe ngaso.
3.1 Kumenywa isikolo ngasinye - isikolo saseprayimari, isikolo semfundo ephakamileyo nesikolo esidibeneyo (combined).
3.2 Sicela ukuba le ntlanganiso ebaluleke kangaka inikwe ingqwalaselo ephambili.
3.3 Singathanda ukuba izikolo zithumele abathunywa aba-3: inqununu yesikolo, usihlalo webhunga lolawulo lesikolo notitshala.

4. Ii-EMDC ziya kwazisa izikolo ngeenkcukacha zeendawo, amaxesha neesekethe.

4.1.1 Imihla yeentlanganiso kwi-South Cape & Karoo:
5 (Knysna), 6 (George) nange-7 (Mossel Bay) ngoFebruwari
(Ezinye iingingqi zakulandela kamva ekuhambeni konyaka).
4.1.2 Imihla yeentlanganiso kwi-Breede River & Overberg:
6 (Ceres), 7 (Worcester) nange-8 (Caledon) Februwari
4.1.3 Imihla yeentlanganiso zase-West Coast & Winelands:
13 (EMDC Hall), 14 (Moorreesburg) nange-15 (Vredendal) Februwari
4.1.4 Imihla yeentlanganiso zase-East:
26 (Helderberg), 27 (Khayelitsha) nange-28 (Kuils River) Februwari
4.1.5 Umhla wentlanganiso yaseSouth:
5 Matshi (iindawo ezi-3)
4.1.6 Umhla wentlanganiso yaseCentral:
6 Matshi (iindawo ezi-3)
4.1.7 Umhla wentlanganiso yaseNorth:
10 Matshi (iindawo ezi-3)

4.2 Iintlanganiso zangoMgqibelo ziya kuba kusasa. Ezinye iintlanganiso ziya kuba semva kwemini okanye ngokuhlwa. Iintlanganiso ziya kuthatha malunga neeyure ezi-4.

4.3 Ukusinceda kumalungiselelo okutya, sicela wazise i-EMDC yakho ngamanani abantu abaya kuza.

4.4 Abantu ekunokuqhagamshelwana nabo kwii-EMDC:
North: Nks J Caroto
South: Nks N Tolashe
Central: Mnu G Davids
East: Nks H Letsika
Breede River & Overberg: Mnu T van der Ross
South Cape & Karoo: Nks N Guga
West Coast & Winelands:	Mnu A Arendse
4.5 Amabango entlawulo ngenxa yeendleko zokuhamba anokuhlawulwa, kodwa kungabi ngamabango endawo yokulala. Bayacelwa abantu ukuba badibane ngezinto zokuhamba.

5. Iiseshoni zokwaziswa ziya kuqhutywa ngamalungu eProject for Alternative Education in South Africa, eseYunivesithi yaseKapa, naziinkokeli zezivunyiweyo kumazwe ngamazwe kule nkalo, wona akhokelwa nguGqr Neville Alexander.

6. Qaphela ukuba iyaziwa ncam into yokuba naziphi na iinkqubo zokutshintsha ulwimi olusetyenziswa sisikolo zifanele ukuba ziphunyezwe ngokuthi zimane kwandiswa kwisigaba ngesigaba (implemented incrementally) nokuba le yinkqubo e-ethe-ethe kakhulu exhomekeke kwiqela lezinto ezininzi kakhulu, ngokukodwa iminqweno yabazali, ukuqeshwa kootitshala kunye nemali efunekayo. Nangona kunjalo, yinjongo yeSebe i-WCED ukubeka iithagethi ezinqwenelekayo kwesi sigaba lize emva koko lincedise izikolo zibe nokufikelela kwezi thagethi ekuhambeni kwexesha.

7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:01:26

Language in Education Policy  (ubukhulu: 13 KB)
ISICWANGCISO SENGUQU KUSETYENZISO LWEELWIMI KWEZEMFUNDO  (ubukhulu: 130 KB)