1. Ukuvalwa kwakutshanje kweziko lemfundo labucala elingabhaliswanga kubangele ukuba abafundi balahlekelwe yimali nazezinye izinto.
2. Ukuze kuthintelwe ukuba umntu abe lixhoba lala maziko angoovuk' engceni, (fly-by-night operations), abafundi abanenjongo yokuqhubeka nezifundo zabo kumaziko emfundo noqeqesho abucala, kufuneka baqinisekise ukuba la maziko alolu hlobo abhalisiwe kwiSebe leMfundo.
3. Apha kuqhotyoshelwe uluhlu lwamaziko emfundo abucala abhalisiweyo nabhaliswe okwethutyana alapha eNtshona Koloni, njengoko kunjalo ukuqalela nge-28 Agasti 2007.
4. Njengoko kusoloko kuqhutyekwa nokubhaliswa kwamaziko abucala, abhaliswe okwethutyana okanye akhutshwe ezincwadini (de-registered), abafundi nabazali abafuna ingcaciso yamvanje kufuneka bakhuthazwe ukuba bajonge irejista yamaziko abucala emfundo ephakamileyo kwiziko lewebhu leSebe leMfundo kule dilesi yewebhu ilandelayo: http://www.education.gov.za
Klikha ku-DoE Branches
uye ku-Higher Education 
uye ku-Private Higher Education Institutions,
uye ku-Register of Private Higher Education Institutions
uye ku-Open,
5. Sele kumbovu ukuba kubhaliswe amaziko abucala eMfundo noQeqesho oluQhubelekayo kwaye uluhlu lwamaziko emfundo abhalisiweyo alolu hlobo luya kugqithiselwa ezikolweni ngokukhawuleza lwakuba lufumaneka. Abafundi abanenjongo yokubhalisa kumaziko alolu hlobo phambi kokuba igqitywe inkqubo yobhaliso, kufuneka bakulumkele kakhulu oku xa besenza ubhaliso.
6. Uyacelwa ukuba wazise okukule setyhula bonke abafundi nabazali, kwakunye nootitshala abafundisa iingcebiso ngamakhondo emisebenzi (career guidance).


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:11

List of institutions  (ubukhulu: 7 KB) >