1. INGCACISO YOKWANDLALELA
1.1 Izithuba ezabelwe izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo zenzelwe isigqibo ngokwemimiselo ehlaziyiweyo yokubonelelwa ngezithuba zengqesho ezivunyiweyo yiKomiti yeeNtloko zamaSebe eMfundo (Heads of Education Committee) (HEDCOM) ngo-2007 ngenxa yeenguqu zamvanje kwikharityhulam yeBakala 10 neyeBakala 11. Ukubalwa kobungakanani beemfuno (weightings) kwiBakala 12, njengoko kubonisiwe kwiNdlela eHlaziyiweyo yoLwabiwo lweZithuba (Revised Post Distribution Model) (RPDM) eyaqhotyoshelwa kwiSetyhula 0143/2002 ye-15 Novemba 2002 njengesiHlomelo A, kuhlala kunjalo. Oku kuthetha ukuba, kwiBakala 12 kukwasetyenziswe kwaloo migaqo nemiqathango eyasetyenziswa kulwabiwo lwezithuba zango-2003 ukuya kutsho ku-2007 nakulo ka-2008.
1.2 Ngaphambi kuka-2005, izithuba zengqesho ezabelwe izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa zazikhutshwa qho emva kweminyaka emithathu. Ukususela ngo-2005, izithuba ezabiwayo zikhutshwa qho ngonyaka.
1.3 Njengoko kumiselwe ngumthetho, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lithetha-thethene nawo omabini amaqela emibutho yabasebenzi yePhondo ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (Provincial Education Labour Relations Council) (PELRC), kunye nemibutho yamabhunga olawulo ezikolo eyaziwayo ngokumalunga nezi zithuba zabelwe izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa.

2. IMIQATHANGO (IMIGAQO NGOKUBANZI)
2.1 INDLELA EZIMI NGAYO IZITHUBA (POST STRUCTURE)

Kwezi zithuba kusebenza indlela ezimi ngayo nezichazwe ngayo izithuba kwiMvumelwano neMibutho yaBasebenzi 4/2003 yeBhunga lezeMfundo lezoBudlelwane eMisebenzini (Collective Agreement 4/2003 of the Education Labour Relations Council (ELRC) .

2.2 UKUHLELWA KWEZIKOLO (SCHOOL GRADINGS)

Izikolo zihlelwe ngokungqinelana neMigaqo yoKuhlelwa kweZikolo (School Grading Norms) njengoko ikwiMvumelwano neMibutho yaBasebenzi 3/2006 ye-ELRC (Collective Agreement 3/2006 of the ELRC).

2.3 UKUPHELELWA KWEZITHUBA NGE-31 DISEMBA 2007
2.3.1 Ngokwemiqathango yeNdlela eHlaziyiweyo yoLwabiwo lweZithuba (RPDM), izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa mazinikwe izithuba zazo ezabelwa iziko ngonyaka phambi kokuphela kukaSeptemba wonyaka ongaphambili. Oku kuthetha ukuba zonke izithuba ezanikwa izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa, kwakunye nazo zonke izithuba ezongezelelwayo eziveliswe ngo-2007 ngenxa yokwanda kwenani labafundi ababhalisiweyo okanye ngenxa yeemfuno zekharityhulam zeziko lemfundo, ziyaphelelwa lixesha ekupheleni kuka-2007.
2.3.2 Izithuba eziveliswe ngenjongo yokukhawulelana nemeko yethutyana (ad hoc posts) (ukongeza phezu kwezo ziboniswe kwizithuba ezisisigxina ezabelwe isikolo) nezanikwa izikolo ekupheleni kuka-2006 ngenjongo yokuba zisetyenziswe ngo-2007 ukwenzela ukuqinisekisa ukuba izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezithile zinomlinganiselo wenani emalifundiswe ngutitshala oyi-33:1 (kwizikolo eziziisekondari) okanye oyi-39,5:1 (kwizikolo zaseprayimari), nazo ziyaphelelwa lixesha ekupheleni kuka-2007.
2.4 UKWABIWA KWEZITHUBA ZOKUKHAWULELANA NEMEKO YETHUTYANA: IZITHUBA EZIYI-458 ZOKUKHAWULELANA NEMEKO YETHUTYANA (EKUZIZITHUBA ZENQANABA I)

ISebe i-WCED linovuyo ukubhengeza ukuba ngenxa yokukhula kwenani lilonke lezithuba elinako ukuzihlawulela, linako ngoku ukunika izikolo izithuba eziveliswe ngenjongo yokukhawulelana nemeko yethutyana njengoko kucacisiwe apha ngasezantsi:

2.4.1 Zizithuba ezingamakhulu amane anamashumi amahlanu anesibhozo (458), eziza kwabelwa izikolo ngenxa yokukhawulelana nemeko yethutyana ukongeza phezu kwezo ziboniswe kwizithuba ezisisigxina ezabelwe isikolo, ezivunywe ngo-2008.
2.4.2 Kuye kwajongwa oku kulandelayo xa bekusabiwa ezi zithuba zongeziweyo ziyi-458 zokukhawulelana nemeko yethutyana (ekubeni kuthathelwe ingqalelo kuqala izithuba ezisisigxina ezabelwe iziko ngalinye ngo-2008):

(a) Okokuqala, izikolo eziziisekondari nezikolo ezidibeneyo ezithile azabelwanga zona, ezona zithuba zimbalwa zithandathu kwizithuba ezisisigxina ezabelwa iziko ngo-2008 zesigaba sesekondari (amaBakaka 8 - 12).
(b) Okwesibini, izithuba ezingamashumi amabini anesixhenxe (27) zibekelwe bucala ukulungiselela izikolo ezincinane ezifundiswa ngutitshala omnye kuphela.
(c) Okwesithathu, izikolo ziye zabekwa ngokwentlupheko (ranked in terms of poverty), yaye xa kuqalelwa kwesona sithwaxwa mpela yintlupheko, izikolo ezikhethiweyo ngokomlinganiselo wenani emalifundiswe ngutitshala ongaphezu kwe-33:1 (kwizikolo eziziisekondari) okanye ongaphezu kwe-37,5:1 (kwizikolo zaseprayimari), ziye zanikwa ezinye izithuba ukongeza de libe liphelile inani lezithuba ezivunywe ngenxa yokukhawulelana nemeko yethutyana.

2.5 UKWABIWA KWEZITHUBA ZOKUKHAWULELANA NEMEKO YETHUTYANA: IZITHUBA ZEZIKOLO EKUGXILWE KUZO (FOCUS SCHOOL POSTS)
2.5.1 Zizithuba ezingamashumi amane anesithandathu (46) zezikolo ekugxilwe kuzo ezabelwe izikolo ezithile ekugxilwe kuzo zokukhawulelana nemeko yethutyana ukongeza phezu kwezo ziboniswe kwizithuba ezisisigxina ezabelwe isikolo ngo-2008.
2.5.2 Ezi zithuba mazisetyenziselwe kuphela qwaba injongo ebezabelwe yona kwaye maziqhubele phambili iinjongo zePhulo leZikolo ekuGxilwe kuzo (Focus School Initiative). Makwenziwe zonke iinzame zokuqinisekisa ukuba kugaywa kwezi zithuba ootitshala abafanelekileyo, abaqeqeshwe ncam ngokwasemfundweni. Ukuba akukho ndlela yakugaya utitshala ofanelekileyo noqeqeshwe ncam, kungathi ke emva koko kuqwalaselwe utitshala onamava ngesifundo eso ngenjongo yokuba aqeshwe, ngokuxhomekeka ekubeni kungeniswa izizathu ezibhaliweyo nezivokothekileyo zokumthethelela loo titshala
2.5.3 Ngenjongo yokuphucula imfundo nenqanaba lokupasa, izikolo ezikhethiweyo ze-MST (Maths, Science and Technology) kwezo kugxilwe kuzo, ingakumbi kwiMathematika neFizikhali Sayensi (Physical Science), zinikwe isithuba esinye ukongeza kwizithuba zokukhawulelana nemeko yethutyana (iSithuba seNqanaba 1).
2.5.4 Izithuba ezongeziweyo ezabelwe ukukhawulelana nemeko yethutyana aziyonxalenye yezithuba ezabelwe iziko ngokusisigxina (fixed establishment) ngo-2008. Ezi zithuba zongeziweyo azithathelwanga ngqalelo xa bekusabiwa izithuba zonyuselo-sikhundleni. Ngako oko ke, inani lezithuba zonyuselo-sikhundleni aliyi kuchaphazeleka, njengoko libonisiwe kwizithuba ezabelwe iziko ngokusisigxina ngo-2008.
2.5.5 Lilungelo leSebe i-WCED ukubala ngokutsha naluphi na ulwabiwo lwezithuba zokukhawulelana nemeko yethutyana ukuba ingcaciso ngesikolo eso, njengoko ifunyenwe kuPhando oluQuphayo lwe-CEMIS (CEMIS Online Survey) lukaMatshi 2007, kufunyaniswe ukuba ayichanekanga.
2.5.6 Izithuba ezabelwe ukukhawulelana nemeko yethutyana zika-2008 zinikwe kwileta eza kuthunyelwa kwiziko yokulazisa ngezithuba elabelwe zona.
2.6 IZITHUBA ZE-DINALEDI
2.6.1 Uhlobo ezabiwe ngalo izithuba ezongeziweyo ezabelwe iZikolo zeDinaledi (Dinaledi Schools) (ukongeza phezu kwezo zithuba zabelwe eso sikolo seDinaledi sithile) luza kuhlala lunjalo lungatshintshanga.
2.6.2 Ngokwenjenje kuyabhengezwa ukuba ezi zithuba ngoku zingazaliswa ngokusisigxina.
2.6.3 Ngenxa yokuba ezi zithuba ngoku zisisigxina, ziya kuthathelwa ingqalelo xa kubalwa inani lezithuba zonyuselo-sikhundleni esikolweni.
2.7 IZITHUBA ZESIGABA SESISEKO (POSTS FOR FOUNDATION PHASE)
2.7.1 Inani lilonke lezithuba elinako ukuzihlawulela iSebe i-WCED landisiwe ukuqala nge-1 Januwari 2008. Emva kothetha-thethwano nabathathi-nxaxheba abachaphazelekayo (relevant stakeholders), kufikelelwe esigqibeni sokuba elona nani likhulu lezithuba ezandisiweyo liya kwabelwa iSigaba seSiseko sezikolo.
2.7.2 Ukwabiwa kwezithuba ezabelwe amaziko ngokusisigxina (fixed establishment) zezikolo ezineSigaba seSiseko ngo-2008 kuya kwenziwa ngendlela eqhelekileyo, ekuya kuthi emva koko kuphinde kujongwe iimfuno zabafundi beSigaba seSiseko, okungabangela izikolo ezininzi ezineSigaba seSiseko ziphinde zifumane esinye iSithuba seNqanaba I esongeziweyo (ezinye iZithuba zeNqanaba I ezongeziweyo) (an) additional Post Level 1 post(s).
2.7.3 Ezi Zithuba zeNqanaba 1 zongeziweyo mazisetyenziswe kuphela kwiSigaba seSiseko sesikolo.
2.7.4 Oku kuthetha ukuba zonke izikolo ezichaphazelekayo mazibenalo ubuncinane elona nani lisezantsi lezithuba zeSigaba seSiseko eziqhelekileyo ezabiwa sisikolo KWAKUNYE nesithuba sokukhawulelana (nezithuba zokukhawulelana) nemeko yethutyana seSigaba seSiseko esabiwe ngenxa yobungakanani bemfuno (weighting) kubafundi beSigaba seSiseko obukhankanywe apha ngasentla.
2.7.5 ISithuba seNqanaba I esongeziweyo (iZithuba zeNqanaba I ezongeziweyo) ezabiweyo zingazaliswa ngokusisigxina.
2.7.6 Ngenxa yokuba ezi zithuba zizezisisigxina, ziya kuthi kwakhona zithathelwe ingqalelo xa kubalwa inani lezithuba zonyuselo-sikhundleni esikolweni.
2.8 ABAFUNDI BEBAKALA 8: UKUBALWA KWEZITHUBA EZABELWA AMAZIKO
2.8.1 Ukufakelwa kwezilungiso kumgaqo-nkqubo wobudala bokwamkelwa kwabafundi esikolweni (age policy was amended) ekuqaleni kuka-2000, kwabangela ukuncipha kwamanani abafundi beBakala 1 ababhalisayo phantse baba ngama-22 000. Oku kubangela inani elincinane labafundi beBakala 8 ngo-2007. Kucingelwa ke ngoko ukuba inani lilonke labafundi beBakala 9 ngo-2008 liya kuthi libe ngaphantsi kakhulu kuneleminyaka yangaphambili. Ngenxa yoko, yaye ukwenzela ukugcina uzinzo kwinkqubo yemfundo, izithuba ezabelwe amaziko zezikolo eziziisekondari ngo-2008 zibalwe ngolu hlobo lulandelayo:

(a) Ukuba inani lezithuba ezisisigxina ezabelwe isikolo ngo-2008 (ngokususela kwingcaciso efunyenwe kuPhando oluQuphayo lwe-CEMIS (CEMIS Online Survey) lukaMatshi 2007), lingaphezulu kwenani lezithuba ezabelwe isikolo ngo-2007 - nangona bekukho nakuphi na ukuhla nokunyuka kwamanani abafundi beBakala 8 ngo-2006 no-2007 - kuya kuthi ke ngoko elo nani landisiweyo lezithuba ezabelwe isikolo ngo-2008 linikwe eso sikolo.
(b) Ukuba inani lezithuba ezisisigxina ezabelwe isikolo ngo-2008 (ngokususela kwingcaciso efunyenwe kuPhando oluQuphayo lwe-CEMIS (CEMIS Online Survey) lukaMatshi 2007), lingaphantsi kwenani lezithuba ezisisigxina ezabelwe isikolo ngo-2007, kuya kuthi ke ngoko kusetyenziswe inani labafundi beBakala 8 baka-2006 (ukuba elo nani lingaphezu kwenani labafundi beBakala 8 ngo-2007) ukubala inani lezithuba ezisisigxina ezabelwe isikolo ngo-2008.

2.8.2 Ngokumalunga nawo onke amanye amabakala, kusetyenziswe amanani abafundi afunyenwe kuPhando oluQuphayo lwe-CEMIS lukaMatshi 2007, ukubala inani lezithuba ezabelwe isikolo, njengoko oku kusisiqhelo.
2.9 IZITHUBA ZE-LSEN

Njengoko kubonisiwe kule Setyhula 47/2002, zonke izithuba ze-LSEN kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ziqhagamshelwe kwizithuba ezabelwe ii-EMDC ngako oko ke, aziveli kwizithuba ezabelwe izikolo.

2.10 IZITHUBA ZEETHERAPISTI

Zizithuba zeetheraphisti ezilikhulu namashumi amabini anaye (121) ezazabelwe izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ngo-2007. Ikwaleli nani linye lezithuba zeetheraphisti eliya kwabiwa ngo-2008.

2.11 IZITHUBA ZEESAYIKHOLOJISTI: IZIKOLO ZIKARHULUMENTE ZEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA (PUBLIC SPECIAL SCHOOLS)

Izithuba zeesayikholojisti kwizikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa, apho oku kusebenzayo, ziyinxalenye yezithuba zonyuselo-sikhundleni.

2.12 UKUHLAZIYWA KWEZITHUBA ZENGQESHO EZABELWE AMAZIKO NGO-2008
2.12.1 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) labele amaziko aphantsi kwalo inani lezithuba elinako ukuzihlawulela ngokungqinelana neNdlela eHlaziyiweyo yoLwabiwo lweZithuba (RPDM) nemiqathango ecaciswe kule setyhula.
2.12.2 Nakuba kunjalo, iSebe i-WCED liyayiqonda into yokuba kunokwenzeka ukuba kubekho iintloko zamaziko emfundo ezinqwenela ukuba kuhlaziywe ulwabiwo lwezithuba zamaziko azo ngenxa yokuhlelwa kwazo ngokwentlupheko (ukuhlelwa ngokwamanqanaba amahlanu entlupheko - (poverty quintiles) kunye nokubakho kweenguqu ezizodwa kakhulu (exceptional changes) kwiimeko zamaziko azo. Kwimeko zokuhlaziywa kolwabiwo lwezithuba zamaziko makungeniswe izicelo ezixhaswa zizizathu ezivakalayo kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuze ziqwalaselwe ngulo Head: Subdirectorate Provisioning (Directorate: Personnel Management (Educators) ungadlulanga owe-19 Oktobha 2007.
2.13 UKUTSHITSHISWA KWEZITHUBA NGENXA YOKUNCIPHA KWENANI LOBHALISO NGOSUKU LOKUQALA LUKA-2008
2.13.1 Apho isikolo sifumana ukuba linciphile inani lobhaliso lwabafundi baso xa zivulwa izikolo ngo-2008, o.k.t. apho inani lobhaliso lwabafundi ngosuku lokuqala lwesikolo lingaphantsi kwenani labafundi (Idatha yeCEMIS 2007) eliboniswe kwizithuba ezabelwe iziko elo ngo-2008, ezo zithuba zinokuzaliswa kuphela kangangoko kulingana nomlinganiselo wenani labafundi emalifundiswe ngutitshala: kwizithuba ezabelwe iziko elo ngo-2008.
2.13.2 Oku kulapha ngasentla kuthetha ukuthi, ukuba inani lezithuba ezabelwe isikolo ngowe-2008 (ngokususela kwidatha yeCEMIS 2007) yabafundi abali-1000, lithi libonelele ngezithuba ezingama-30 (enika umlinganiselo wenani labafundi emalifundiswe ngutitshala ongu-33.33: 1 ngokumalunga nesikolo sikarhulumente esiqhelekileyo esichaphazelekayo), lize inani lobhaliso lwabafundi kusuku lokuqala esikolweni ngo-2008 libe lingu-920, ngako oko inqununu inokuzalisa izithuba eziyi-28 kuphela, o.k.t ama-920 ohlula-hlulwe ngo-33.33 uba ngu-28 (27.60) (920÷ 33.33 = 28 (27.60)). Izithuba ezibini ezishiyekileyo ziya kutshitshiswa zize zabelwe ezinye izikolo apho kuye kwakho ukukhula kwamanani kuzo. Olu lwabiwo luya kususela kwakhona kwinani labafundi ababhaliswe kwiCEMIS.
2.13.2 Lo mqathango ukhankanywe apha ngasentla AWUSEBENZI kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo apho ZONKE izithuba ezikhoyo zizaliswe ngootitshala abasisigxina. Nakuba kunjalo, ukuba kuthi kuvuleke isithuba ngenxa yaso nasiphi na isizathu, kuya kusetyenziswa lo mqathango ulapha ngasentla.
2.14 UKUTSHITSHISWA KWEZITHUBA NGENXA YOKUNCIPHA KWENANI LOBHALISO NGETHUBA LOKUQHUBEKA KUKA-2008

Lilungelo leSebe leMfundo leNtshona Koloni ukutshitshisa iZithuba zeNqanaba 1 ukuba kukho ukuhla kwamanani obhaliso lwabafundi esikolweni ngethuba lokuqhubeka konyaka u-2008. Kwiimeko ezinjengezi ootitshala abaqeshwe ngokungesosigxina (in a temporary capacity), baya kutshintshelwa kwizithuba ezikwamanye amaziko. Ngako oko ke ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zibaxelele ootitshala abaza kuqeshwa ngokungesosigxina, xa begayelwa ukuqeshwa ezithubeni, ukuba baya kuqeshwa phantsi komqathango wokuba baya kutshintshelwa kwamanye amaziko xa kutshitshiswa izithuba ngenxa yokuncipha kwenani lobhaliso lwabafundi.

2.15 UKUDALWA KWEZITHUBA NGENXA YOKWANDA KWENANI LOBHALISO NGO-2008
2.15.1 Izicelo zokudalwa kwezithuba ezongeziweyo kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ngenxa yokwanda kwenani lobhaliso lwabafundi mazingeniswe kwiSebe i-WCED njengoko kubonisiwe kule Ngcaciso iMfutshane DPE Minute No. 0007/2006, yomhla we-8 Disemba 2006. Iimfuno zezithuba zengqesho ezongeziweyo zichazwe kwiSetyhula 0011/2003 ye-16 Januwari 2003.
2.15.2 Kucelwa iinqununu ziqaphele oku kulandelayo:

"Izicelo zokongezelelwa izithuba zengqesho aziyi kuthathelwa ngqalelo emva kokuphela kwekota yokuqala ngoMatshi 2008.

"Akukho bantu baya kuqeshwa kwizithuba (ezongeziweyo) ezenzelwe isicelo ngenxa yokwanda kwenani labafundi ababhalisiweyo kunye/okanye ngenxa yeemfuno zekharityhulam zeziko lemfundo ngaphandle kokuba kufunyenwe imvume evela kwiSebe i-WCED.


3. IZITHUBA ZIKA-2008 (2008 ESTABLISHMENTS)
3.1 UKUZALISWA KWEZITHUBA XA KWANDISWE INANI LEZITHUBA
3.1.1 Kwimeko apho kuye kwakho ukwanda kwinani lezithuba zootitshala elabelwe isikolo sikarhulumente esiqhelekileyo, izithuba ezitsha eziye zavela zinokuzaliswa ngolu hlobo lulandelayo:

(a) Ngokumatanisa nokufaka esithubeni ootitshala abangaphezu kwemfuneko (by matching and placing of staff in excess) (Makuqatshelwe ukuba ukumatanisa nokufaka esithubeni ootitshala abangaphezu kwemfuneko yinkqubo eqhubeka okokoko, nekhethwa kuqala kunaleyo yokupapashwa kwezithuba.
(b) Ngokupapashwa kuLuhlu lweZithuba ngenjongo yokuzaliswa ngokusisigxina kwazo (Oku kuthetha ukuba iZithuba zeNqanaba 1 nezithuba zonyuselo-sikhundleni mazipapashwe ngokukhawuleza kakhulu kangangoko oku kunokwenzeka.)
(c) Ngokuqeshwa kootitshala ngokusisigxina okanye ngokungesosigxina okanye ngokuthi babe ngababambeleyo (in an acting capacity) ngokwemigaqo emiselweyo yomgaqo-nkqubo okhoyo.

3.2 UKUZALISWA KWEZITHUBA XA KUNCITSHISWE INANI LEZITHUBA
3.2.1 Kwimeko apho liye lancipha inani lezithuba kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwizikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa (o.k.t. apho kutshitshiswe isithuba okanye izithuba), isikolo singazalisa kuphela elo nani lezithuba libonisiweyo kuluhlu lwezithuba esizabelweyo. Ngako oko ke oku kuthetha ukuba isikolo asinako konke konke ukuzalisa ngaphezu kwenani lezithuba esizabelweyo sona ngokusisigxina.
3.2.2 Ukuba kuthe kwakho inani lootitshala abaqeshwe ngokusisigxina elingaphezu kwenani lezithuba ezabelwe eso sikolo, eso sikolo masingaze siphinde siqeshe abanye ootitshala nokuba ngaba kungokusisigxina okanye ngokungesosigxina.
3.2.3 Ziyakhunjuzwa kwakhona iintloko zamaziko emfundo ukuba iSebe i-WCED aliliniki iziko ootitshala abambeleyo apho bangaphezu kwenani lezithuba ootitshala abaqeshwe ngokusisigxina kulo.
3.2.4 Ootitshala abaqeshwe ngokusisigxina mabavakaliswe njengabangaphezu kwemfuneko (declared in excess) ngokweSigqibo 2/2003 seMvumelwano neMibutho yaBasebenzi ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini (ELRC Collective Agreement 4/2003).
3.3 UKUZALISWA KWEZITHUBA EZIPAPASHIWEYO
3.3.1 Zonke izithuba esele zipapashwe kuLuhlu lweZithuba lweSebe zingazaliswa ngokusisigxina, ngokuxhomekeka ekubeni isithuba eso sikho kwinani lezithuba ezabelwe iziko ngo-2008.
3.3.2 Ukuba kuthe kanti isithuba eso asikho kwinani lezithuba ezabelwe iziko ngo-2008, elo ziko alinalungelo leso sithuba yaye kuya kuthathwa ngokuba eso sithuba sipapashwe ngempazamo.
3.3.3 Usaza kuhlala usebenza umgqaliselo othi isithuba esipapashiweyo (ngakumbi isithuba sonyuselo-sikhundleni) singazaliswa kuphela xa singazi kudala omnye utitshala ongaphezu kwemfuneko.
3.3.4 Ukuba iintloko zamaziko emfundo kunye namabhunga olawulo zithi zibe noluvo lokuba inkcazo yesithuba esipapashiweyo ayisazanelisi iimfuno zekharityhulam zelo ziko, zinokucela iSebe i-WCED ukuba lisithathe eso sithuba njengesipapashwe ngempazamo. Isicelo esilolu hlobo masihambe kunye nenkcazo ebanzi yezizathu ezisixhasayo.
3.4 UKUZALISWA KWEZITHUBA ZOKUKHAWULELANA NEMEKO YETHUTYANA
3.4.1 Ukuzaliswa kwezithuba zokukhawulelana nemeko yethutyana (ad hoc posts) kungenziwa kuphela ngokuba kuqeshwe abangesosigxina (in a temporary capacity) yaye, xa kuyimeko yootitshala abaqeqeshwe ngokupheleleyo (fully qualified educators), oko kuqeshwa ngokungesosigxina, makungabi ngaphezu kweenyanga zekhalenda ezilishumi elinambini yaye makungadluleli ngaphaya kwe-31 Disemba 2008.
3.4.2 Ukuzaliswa kwezithuba zokukhawulelana nemeko yethutyana, makwenziwe ngokuthi kuthathelwe ingqalelo imihlathi 2.12 no- 2.13 yale setyhula.
3.5 OOTITSHALA ABANGAPHEZU KWEMFUNEKO
3.5.1 Ootitshala esekuthiwe bangaphezu kwemfuneko, ngokususela kulwabiwo lwezithuba lwangaphambili nangokungqinelana neenkqubo zangaphambili, nabasengaphezu kwemfuneko nangoku, baya kugcina loo meko yabo yokubangaphezu kwemfuneko (retain their in excess status). Imeko yaba titshala iya kusingathwa ngokulandela iimvumelwano ezikhoyo ngoku kunye nemibutho yabasebenzi ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (ELRC).
3.5.2 Aba titshala bangaphezu kwemfuneko (funda umhlathi 3.5.1) banokufakwa ezithubeni ezabelwe amaziko ngokutsha ngokuthi kumataniswe (by matching) izithuba ezilingana nezo bakuzo baze ke baqeshwe apho kuzo (funda umhlathi 3.1.1(a)).
3.5.3 Njengoko kucacisiwe kumhlathi 3.2.4 apha ngasentla, ootitshala abaqeshwe ngokusisigxina mabachazwe njengabangaphezu kwemfuneko ngokweSigqibo 2/2003 seMvumelwano neMibutho yaBasebenzi ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (ELRC).

4. IMIBUZO

Kucelwa ubhekise yonke imibuzo emalunga nale setyhula (nale miqathango njl. njl. kubaphathi beesekethe.


5. IZINTO NGOKUBANZI

Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke ootitshala namalungu ebhunga lolawulo ukuze bonke bayithathele ingqalelo.



ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:05