1. Uxwebhu lomgaqo-nkqubo weSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) lwabhengezwa kwiGazethi kaRhulumente No 27819) kaJulayi 2005 (Government Gazette No 27819 of July 2005) kwaye luchaza imigaqo nemiqathango yokunikwa eli banga lemfundo kwiNqanaba 4 leNational Qualifications Framework (NQF).
2. Izitenxo ngo-2007
2.1 ISebe iWCED liqaphele ukuba ezinye iZikolo eziZimeleyo ziyabavumela abaviwa abangaphumelelanga kuviwo lweBakala 11 ngo-2006 ukuba babhalise njengabaviwa abasisigxina beBakala 12 ngo-2007.
2.2 Njengoko iSatifikethi seMatriki sifikelela esiphelweni ngo-2007 kwaye iimviwo ziya kwenzelwa kuphela abafundi ekufuneka begqibezele iMatriki yabo ukususela ngo-2008 ukuya ku-2011, yaye njengoko ezi ziganeko ziqapheleke ngeli thuba sele unyaka usiya ekupheleni, abafundi ezikolweni abenze oku, baya kuvunyelwa ukuba bagqibe unyaka wokufunda ka-2007 baze babhale iMatriki yabo.
3. Iimfuno zeNCS
3.1 I-NSC (National Senior Certificate) yiprogram yeminyaka emithathu engamaBakala 10 -12 kwaye iya kubhalwa okokuqala kwiBakala 12 ngo-2008.
3.2 Umgaqo-nkqubo weNCS uthi

"ukupasa iNSC, umfundi makagqibe iimfuno zeprogram zamaBakala 10, 11, no-12 ngokwahlukeneyo aze afumane iziphumo zokufunda ezahlukileyo nemigangatho yovavanyo enxulumene nazo yale minyaka mithathu; aze athobele iimifuno zovavanyo lwangaphakathi zeBakala 12 neemfuno zovavanyo lwangaphandle zeBakala 12, njengoko kukhankanyiwe kwiiNkcazo zeZifundo nakwiZikhokelo zoVavanyo lweZifundo kwizifundo ngezifundo".

"to obtain a NSC, a learner must complete the programme requirements for Grades 10, 11 and 12 separately and obtain the distinct outcomes and associated assessment standards of all three years; and comply with the internal assessment requirements for Grades 10, 11 and 12 and the external assessment requirements of Grade 12 as contemplated in the Subject Statements and the Subject Assessment Guidelines of the various subjects".

3.3 Abaviwa ke ngoko mabapase iBakala 10 ukuze bangene kwiBakala 11 baze bapase iBakala 11 ukuze bangene kwiBakala 12.
3.4 Xa kunokwenzeka ukuba umfundi angaliphumeleli ibakala kwesinye isikolo, loo mfundi akanako ukuvunyelwa ukuba angene kwibakala elilandelayo kwesinye isikolo, nokuba ngaba siSikolo esiZimeleyo.

4. Ukususela ngo-2008, nasiphi na isikolo esenza okungekho mthethweni ngokuvumela abafundi abangapasanga kwesinye isikolo ukuba bafakwe kwibakala eliphezulu kwisikolo sabo, siya kuyalelwa ukuba sibuyisele umfundi kwelo bakala angaliphumelelanga. Oku kuya kwenzeka nokuba ngaba oko kuqapheleke sele kusekupheleni konyaka. Oku kusebenza kumaBakala 1 - 12.
5. Zonke izikolo, kubandakanywa neZikolo eziZimeleyo, mazilandele umgaqo-nkqubo weSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) ngokweemfuno eziqhelekileyo. Ukungaphumeleli kwazo ukuwulandela lo mgaqo-nkqubo, kungakhokelela ekubeni zohlwaywe liSebe.
6. Kucelwa wabelane nootitshala nabazali, nabafundi, ngokukule setyhula.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:05