1. Intshayelelo
1.1 IMfundo noQeqesho lwaBadala (Adult Basic Education and Training) (ABET)) Level 4 sisiqinisekiso sokuqala se-National Qualifications Framework (NQF) nesibonelela abafundi abadala nolutsha olungaphezulu kweminyaka eli-15 ubudala ukwazi ukufumana iSatifikethi seMfundo noQeqesho ngokuBanzi (General Education and Training Certificate) (GETC).
1.2 I-ABET GETC inika ithuba lokuthathelwa ingqalelo ngokusesikweni kolwazi, izakhono, iimfundiso (values) neengcinga (attitudes) ezifunekayo zokudlulela phambili kwimfundo eqhubelekayo nephakamileyo (for further and higher learning).
2. Iimviwo ze-ABET Level 4
2.1 Onke amaziko emfundo oluntu (community learning centres) (CLCs)) anyanzelekile ukuba abhalise abafundi bawo kwiimviwo ze-ABET Level 4 ngoJuni kunye/okanye ngoNovemba ukuba aneeklasi ze-ABET Level 4. Akukho CLC ivumelekileyo ukuba isete iimviwo zangaphakathi ze-ABET zokuphela konyaka endaweni yeemviwo zikazwelonke.
2.2 Oku akuyi kusebenza kuphela kwiimeko apho inkalo yesifundo efundiweyo ngumfundi ingavavanywayo liSebe leMfundo leNtshona Koloni okanye apho iSebe leMfundo leNtshona Koloni, ngokusebenzisana namanye amaqumrhu eemviwo, lithatha inxaxheba kumsebenzi wophuhliso. Kwiimeko ezinjalo, i-CLC iya kunyanzeleka ukuba ifumane imvume ebhaliweyo kwiNtloko yeSebe leMfundo.
3. Ukwazi ukwenza i-ABET Level 4
3.1 Abafundi bangakwazi ukwenza i- ABET Level 4 ngokuthi bazalisekise imiqathango ebekiweyo ye-ABET Level 4 besebenzisa isixhobo sovavanyo (placement tool) esiveliswe nguzwelonke. Isixhobo sokuvavanya masibe yinxalenye yephothifoliyo yomfundi kwaye masingeniswe ngexesha lokumodareyitha.
4. Ukuqhubeka upase uye kwiMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (FET)
4.1 Ukuze umfundi omdala othatha inxaxheba kwiiprogram ze-ABET afaneleke ukuba abhalisele iBakala 10 okanye i-NQF 2 kwiKholeji ye-FET, kufuneka abe ne-ABET GETC ecacisa ukuba umfundi uzigqibile ubuncinane iikhredithi ezili-120 kwi-NQF 1.
5. Inkxaso
5.1 Bakho abacebisi ngezekharityhulam be-ABET abakwii-EMDC ukunika ingcebiso kumaziko emfundo oluntu ukuba iye yafuneka.
5.2 Ukuba kuyimfuneko, umcebisi ngezekharityhulam we-ABET uya kubiza ingcali yezekharityhulam echaphazelekayo okanye uMcwangcisi weKharityhulam oMkhulu we-ABET ukunika inkxaso eyongezelelweyo.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:05