1. ITHAYIMTHEBHILE YOKUGQIBELA
1.1 Fumana ikopi yethayimthebhile yokugqibela yeeMviwo zeMatriki eziqala nge-8 Oktobha ziphele nge-22 Novemba 2007.
1.2 ISebe leMfundo lenze konke okusemandleni alo ukwenza ithayimthebhile ejonga zonke iinkalo nekwalungele bonke abaviwa. Apho kunokwenzeka, iinguqu sele zenziwe kwithayimthebhile yethutyana ngokungqinelana neengcebiso ezenziwa zizikolo. ISebe leMfundo likazwelonke liwutshintshile umhla wokubhalwa kwesiNgesi uLwimi lokuQala neeLwimi zeSibini HG no-SG iPhepha 2 nelesi-3 lawususa kuLwesihlanu, we-12 Oktobha 2007, lawusa kuLwesine, we-11 Oktobha 2007, ukulungiselela i-Eid-Mubarak esengabhiyozelwa ngoLwesihlanu, we-12 Oktobha 2007.
1.3 Akukho kungqubana kwamaxesha kwithayimthebhile ngokumalunga nabaviwa ababhala iimviwo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni. Nakuba kunjalo, kwimeko apho abaviwa babhala amaphepha asetwe ngamanye amaqumrhu eemviwo, zingakho iimeko apho abaviwa bangathi bafumane ukungqubana kwamaxesha ethayimthebhile. Kwiimeko ezinjalo, makwenziwe la malungiselelo alandelayo:
  • Iinqununu mazikhawuleze zazise uMnu. C Louw weCandelo leeMviwo kule nombolo yefoni 021 467 2917 okanye zifeksele apha 021 461 5637, igama leziko lokubhalela uviwo, igama lomviwa (amagama abaviwa), imihla neeseshoni zokubhala, kunye nezifundo okanye amaphepha achaphazelekayo.
  • Isifundo esinenani elikhulu labaviwa siya kubhalwa kuqala, kwixesha elibhalwe kwithayimthebhile.
  • Yakuba nje igqityiwe iseshoni yokuqala yoviwo, umviwa (abaviwa) ochaphazelekayo KUFUNEKA ohlulwe kwabanye abaviwa. Umviwa (abaviwa) makabekwe esweni asoloko egadiwe ngalo lonke ixesha yaye anikwe nethuba lokuphumla elingangeyure. Utitshala osifundo sakhe siza kubhalwa ngumviwa (ngabaviwa) ochaphazelekayo akuvumelekanga ukuba abe ngomnye wabagadi.
  • Kunyanzelekile ukuba abaviwa bangavunyelwa konke konke ukuba basebenzisa naluphi na uhlobo lwamancedo efoni (kubandakanywa neeselula), amancedo e-imeyili, abanye abaviwa okanye ootitshala besifundo eso sibhalwayo.
  • Emva kokuphumla iyure, umviwa (abaviwa) uya kungena kwindawo yokubhala uviwo ukuzilungiselela ukubhala isifundo sesibini.
1.4 Iinqununu naBaphathi baMaziko kufuneka, bancede, bazise abaviwa babo ukuba iiMviwo zeMatriki zokuXabangela zangoFebruwari/Matshi ziya kuthi, kwimeko ka-2008, zibhalwe ngoMeyi/Juni 2008 endaweni kaFebruwari/Matshi 2008. Ingcaciso evokothekileyo malunga noku iya kwaziswa izikolo namaziko emfundo oluntu ngeNgcaciso eMfutshane yeCandelo leKharityhulam kungekudala.
1.5 Nceda wazise bonke abaviwa ukuba kufuneka beze esikolweni kude kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo, ukulungiselela ukuba xa kuthe ngenxa yaso nasiphi na isizathu, kufuneke ukuba kutshintshwe ixesha nosuku lokubhala iphepha loviwo elithile.

2. AMALUNGISELELO OKUBHALWA KWAMAPHEPHA

Umgadi oyintloko (chief invigilator) makaqinisekise ukuba abaviwa bangena kwindawo yokubhala iimviwo kwimizuzu engama-30 phambi kokuqala kwexesha elimiselweyo lokuqala kweseshoni yoviwo. Eli xesha liya kusetyenziswa ngolu hlobo lulandelayo:

  • Imizuzu eli-20 yokuqala iya kusetyenziselwa ukuhlalisa abaviwa ngokweendawo zabo, ukuhanjiswa kwamaphepha emibuzo, njl. njl.
  • Ngemizuzu eli-10 eshiyekileyo kufuneka abaviwa bafunde iphepha lemibuzo.
  • Nceda uqaphele ukuba akukho kubhalwa kwanowuthsi kuvumelekileyo kuso nasiphi na isigaba semizuzu engama-30 yamalungiselelo. Ukophulwa kwalo mgaqo kungabangela isitenxo kwimigaqo (irregularity). Balindeleke abaviwa ukuba bagqibe ukubhala ngexesha elibhalwe kwithayimthebhile.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:30

Final Examination timetable  (ubukhulu: 32 KB)