1. Intshayelelo

ISebe leMfundo likazwelonke libhengeze izilungiso kwiZikhokelo zeeMvavanyo zeZifundo (Subject Assessment Guidelines (SAG) zezi zifundo Life Orientation, Consumer Studies ne-Hospitality Studies kwiSetyhula S7 ne-S10 ngokulandelelanayo. Ezi zilungiso ezikwisihlomelo esihamba kunye nale setyhula, ziqala ukusebenza ngoko nangoko.


2. Izilungiso kwiZikhokelo zeeMvavanyo zeSifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation)
2.1 Ulwabiwo lwamanqaku emisebenzi emihlanu emiselweyo yesifundo soLwazi ngezoBomi, njengoko kukhankanyiweyo kumhlathi 3.3.1 we-Subject Assessment Guidelines (SAG) yangoJanuwari 2007, luhlaziyiwe ukwenzela ukukhutshwa kwengxelo qho ngekota ye-Physical Education Task (Task 5). Oku kuya kwenza ukuba okwenziwayo kwi-Physical Education Task kurekhodwe kuze kunikwe ingxelo ngako kwikota nganye.
2.2 Ulwabiwo lwamanqaku oluhlaziyiweyo kwisifundo soLwazi ngezoBomi kumaBakala 10 - 12 lukuxwebhu lwezilungiso oluhamba kunye nolu.

3. Izilungiso kwiZikhokelo zeeMvavanyo zeSifundo i-Consumer Studies
  Isihlomelo esihamba kunye nolu xwebhu se-Consumer Studies sibonisa iinguqu kwi-SAG ngokumalunga nefomathi yamaphepha eemviwo ne-Practical Assessment Task.

4. Izilungiso kwiZikhokelo zeeMvavanyo zeSifundo i-Hospitality Studies
  Uxwebhu oluhamba kunye nolu lwezilungiso kwi-SAG yesifundo i-Hospitality Studies lungomba we-Practical Assessment Task.

5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise bonke ootitshala abachaphazelekayo okukule setyhula.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:23

Izilungiso kwiZikhokelo zeeMvavanyo zeSifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation) (Erratum to the Subject Assessment Guidelines for Life Orientation)  (ubukhulu: 162 KB)
Izilungiso kwiZikhokelo zeeMvavanyo zeSifundo i-Consumer Studies (Amendments to the January 2007 Subject Assessment Guidelines of Consumer Studies)  (ubukhulu: 249 KB)
Izilungiso kwiZikhokelo zeeMvavanyo zeSifundo i-Hospitality Studies (Amendments to the January 2007 Subject Assessment Guidelines of Hospitality Studies)  (ubukhulu: 205 KB)