1. Intshayelelo

ISetyhula 0025/2007 yanika ingcaciso ngoviwo lweBakala 11 ngoNovemba 2007 kwakunye nethayimthebhile yezifundo ezenzelwa iinjongo zoviwo zizikolo zikarhulumente zaseNtshona Koloni. Kwakutshiwo kule setyhula ukuba iPhepha 3 leelwimi kufuneka libhalwe phambi kokuqaliswa koviwo ngokubanzi.

Izikolo ezizimeleyo ezikhetha ukubhala ezi mviwo zikazwelonke mazazise uMlawuli weCandelo leeMviwo ungadlulanga owe-31 Agasti 2007 ngenjongo yazo yokubhala ezi mviwo. Ukungaphumeleli ukwazisa iSebe iWCED kuya kubangela ukuba ezi zikolo zingawafumani amaphepha oviwo.


2. IPhepha 3 leelwimi
2.1 IPhepha 3 lazo zonke iilwimi ezikwithayimthebhile yaseNtshona Koloni malibhalwe ngokungqinelana namaxesha kazwelonke anikwe apha ngezantsi:
IsifundoUmhlaIxesha
1.  IsiNgesi uLwimi lweNkobe iPhepha 3
     IsiNgesi uLwimi lokuQala oLongezelelweyo iPhepha 3
22 Oktobha 20078:30 - 11:00
2.  IsiXhosa uLwimi lweNkobe iPhepha 3 (ULwimi)
     IsiXhosa uLwimi lokuQala oLongezelelweyo iPhepha 3
     IsiXhosa uLwimi lweSibini oLongezelelweyo iPhepha 3
     Sesotho uLwimi lweNkobe iPhepha 3 (ULwimi)
     Sesotho uLwimi lokuQala oLongezelelweyo iPhepha 3
     Setswana uLwimi lweNkobe iPhepha 3 (ULwimi)
     Setswana uLwimi lokuQala oLongezelelweyo iPhepha 3
23 Oktobha 20078:30 - 11:00
8:30 - 11:00
8:30 - 10:30
8:30 - 11:00
8:30 - 11:00
8:30 - 11:00
8:30 - 11:00
3.  Isi-Afrikansi uLwimi lweNkobe iPhepha 3
     Isi-Afrikansi uLwimi lokuQala oLongezelelweyo iPhepha 3
     Isi-Afrikansi uLwimi lweSibini oLongezelelweyo iPhepha 2
24 Oktobha 20078:30 - 11:00
8:30 - 11:00
8:30 - 10:30

2.2 Izikolo mazilandele iZikhokelo zoVavanyo lweZifundo (Subject Assessment Guidelines) ukuqulunqa amanqaku okugqibela eelwimi ezahlukeneyo.

3. IJografi iPhepha 2

Ukwenzela ukubonelela abafundi bamaSilamsi (Muslim) abangaya kwimithandazo yangoLwesihlanu, iSebe iWCED lacela ukuba kutshintshwe ixesha lokubhala leJografi iPhepha 2 elibhalwa ngoLwesihlanu, we-16 Novemba 2007. Esi sicelo sivunyiwe liSebe leMfundo likazwelonke, nto leyo ethetha ukuba iJografi iPhepha 2 ngoku liya kuqala ngo-14:00 lize ligqitywe ngo-15:30.


4. ULwimi lweSibini oLongezelelweyo (Second Additional Language)
4.1 ISebe iWCED liya kuseta amaphepha eemviwo ephondo esi-Afrikansi nesiXhosa iiLwimi eZongezelelweyo zeSibini (2nd Additional Languages). La maphepha makabhalwe kwimihla echazwe kwithayimthebhile yokugqibela ehamba nale setyhula.
4.2 Le theyibhile ilandelayo inika amaphepha aya kubonelelwa liSebe iWCED esi-Afrikansi uLwimi lweSibini oLongezelelweyo (Afrikaans Second Additional Language):

ISIFUNDOIsi-Afrikansi  
IPhephaIkhontentiAmanqaku ewonkeIxesha
1Ulwimi
Uncwadi (luya kusetwa sisikolo)
100
20
2 iiyure
2Ukubhala bokuveza isakhono (Writing)802 iiyure

4.3 Icandelo loncwadi lePhepha 1 lesi-Afrikansi malisetwe sisikolo libe namanqaku ayi-20 ukuze linikwe abafundi ngalo mhla nangelo xesha kubhalwa ngalo iPhepha 1.
4.4 Le theyibhile ilandelayo inika iinkcukacha ngamaphepha aya kubonelelwa liSebe iWCED esiXhosa (IsiXhosa Second Additional Language)

ISIFUNDOIsiXhosa  
IPhephaIkhontentiAmanqaku ewonkeIxesha
1Ulwimi1002 iiyure
2Uncwadi (luya kusetwa sisikolo)401 iiyure
3Ukubhala bokuveza isakhono (Writing)802 iiyure

4.5 Iphepha loncwadi lwesiXhosa malisetwe sisikolo libe namanqaku ayi-40 lize lithotywe libe ngamanqaku ayi-20 ewonke. Eli phepha malibhalwe ngomhla obekwe sisikolo ngokwaso. Ingcaciso engaphezulu malunga noviwo lweBakala 11 lwesiXhosa ngo-2007 inikwe kwisiHlomelo A esihamba kunye nale Ngcaciso iMfutshane.
4.6 Isigqibo sokuba kubekho amaphepha amathathu esiXhosa uLwimi lweSibini oLongezelelweyo kukunyenyiswa komqathango kanye nje qwaba (once-off concession) okwenzelwe iBakala 11 ngo-2007 kuphela. Ngo-2008 kuye phambili, inani lamaphepha liya kulandela iZikhokelo zoVavanyo lweZifundo kwaye kuya kubakho amaphepha amabini njengoko kunjalo kwisi-Afrikansi uLwimi lweSibini oLongezelelweyo

5. Ithayimthebhile yokugqibela yeBakala 11 ngoku inePhepha 3 kwisi-Afrikansi nesiXhosa njengeeLwimi zeSibini eZongezelelweyo kunye namagama ngamagama ezifundo kwisi-Afrikansi njengoko eboniswa kwiGazethi kaRhulumente. Ithayimthebhile ikwanenombolo yeseshoni eya kuba kwimiqulu yamaphepha emibuzo aya kunikwa izikolo.

6. Kucelwa wazise le ngcaciso bonke ootitshala abachaphazelekayo esikolweni sakho ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:17

Addendum A  (ubukhulu: 14 KB)
Final timetable  (ubukhulu: 9 KB)