1. Intshayelelo

Amaphepha kazwelonke oviwo lweBakala 11 aya kubhalwa okokuqala ngqa ngoNovemba 2007. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lazise kwiSetyhula 0025/2007 ukuba izifundo ezivelayo kwithayimthebhile yaseNtshona Koloni kufuneka zibhalwe zizo zonke izikolo zikarhulumente. Izikolo ezizimeleyo ezikhetha ukubhala ezi mviwo zikazwelonke kufuneka zazise uMlawuli weeMviwo ngenjongo yazo yokubhala ezi mviwo.


2. Isikhokelo seemviwo
2.1 ISebe leMfundo likazwelonke (DoE) linike izikhokelo zeemviwo ze-Akhawuntingi neeSayensi zoBomi zeBakala 11 ukuze kucaciswe ngeenkalo emazifikelele kuzo (areas to be covered) iimviwo ezisetwe liSebe leMfundo likazwelonke.
2.2 Le khontenti inikwa ootitshala nabafundi kumalungiselelo abo oviwo lokugqibela lukaNovemba.

3. I-Akhawuntingi
3.1 Uluhlu olupheleleyo lwezihloko zoviwo ezifunyenwe zisuka kwiSebe leMfundo likazwelonke luvela njengeThebhile 1.
3.2 Iinkalo zekhontenti kwi-Akhawuntingi ezingazi kuviwa kuviwo lwalo nyaka lweBakala 11 zibhaliwe kwiThebhile 2.
3.3 Esi sikhokelo seemviwo masifundwe kunye nesiKhokelo seeMvavanyo se-Akhawuntingi (sikaJanuwari 2007) (Accounting Subject Assessment Guidelines) (January 2007)).

4. IiSayensi zoBomi
4.1 IsiKhokelo seeMviwo seeSayensi zoBomi seBakala 11 (The Life Sciences Examination Guideline for Grade 11) esihamba kunye nale setyhula masifundwe kunye nesiKhokelo seeMvavanyo zeSifundo (sikaJanuwari 2007) kunye nesiKhokelo seProgram yokuFunda (sikaJanuwari 2007) (Learning Programme Guideline) (January 2007).
4.2 IsiKhokelo seeMvavanyo soViwo (Examination Guideline) sinika ingcaciso ngomhlaba ekuza kufikelelwa kuwo nobunzulu bekhontenti ekhankanywe kwisiKhokelo seProgram yokuFunda.

5. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke ootitshala abachaphazelekayo esikolweni sakho.


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:10

Examination Guidelines for Accounting  (ubukhulu: 112 KB)
Examination Guidelines for Life Sciences  (ubukhulu: 184 KB)