1. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula 0164/2002 ye-20 Disemba 2002 neNgcaciso eMfutshane DLS/0005/2002 ye-18 Apreli 2002.
2. Ngokwesiqendu 38(1)(d) soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente, uMthetho 1 ka-1999 (Public Finance Management Act), 1999) (Act 1 of 1999), wonke umphathi makabe nenkqubo esebenzayo ukulungiselela ukulawulwa nokugcinwa ngokunqatyisiweyo kwee-asethi. INtloko yeSebe kwelinye icala, mayibe nerejista yee-asethi eya kuthi, phakathi kwezinye izinto, ibonise indawo echanekileyo ezikuyo ezo asethi zilolu hlobo. Makugcinwe irekhodi epheleleyo yazo zonke izixhobo zokusebenza ezikudidi A, ezinokubalwa (A-class countable items) (umzekelo iitafile, izitulo, iikhompyutha, oomatshini bokufotokopa, oomatshini bokufeksa, nezinye izixhobo zokuncedisa ekwenzeni umsebenzi (labour-saving devices) ezikwiSebe leMfundo leNtshona Koloni.
3. Emva kokubalwa kwestokhwe kutshanje, ii-inventri zazo zonke izinto (ifanitshala nezixhobo), eziphantsi kolawulo lwakho zasayinwa nguwe zaza zabekwa emva kocango kwindawo nganye ephantsi kolawulo lwakho. Oku kuthetha ukuba ezo zinto mazibekho xa uMphicothi-zincwadi Jikelele etshekisha irejista yee-asethi.
4. KwiSetyhula 0028/2005 ye-23 Meyi 2005 neSetyhula 0041/2005 ye-17 Agasti 2005, wawuceliwe ukuba ungadlulisi naziphi na ii-asethi ezikwirejista phakathi kwee-ofisi ngaphandle kokwazisa iCandelo loQhagamshelwano naBathengisi (Supply Chain Management) malunga nokususwa okulolu hlobo. Kufuneka kuzaliswe ifom yokususwa kwazo ukulungiselela le njongo.
5. Ngethuba lokubalwa kwestokhwe ngo-2006/07 nokungeniswa kwerejista yee-asethi, kwaqatshelwa ukuba abaphathi abenza lo msebenzi (responsibility managers) badla ngokungayithobeli imiqathango ebekiweyo kule setyhula ikhankanywe apha ngasentla, njengoko amaxesha amaninzi kufikwa zisusiwe izinto ezikwi-inventri ngaphandle kokungeniswa kweefom zokususwa kwazo. Oku kwabangela ukuba kubekho imibuzo engeyomfuneko ngethuba lokubalwa kwestokhwe.
6. Bonke abaphathi abenza lo msebenzi (responsibility managers) kwakhona bayacelwa ukuba balandele ngqo ezi zinto zilandelayo:
6.1 Akukho mpahla mayisuswe kwindawo ekuyo, ngaphandle kokuba kuzaliswe ifom yokususwa kwayo eqhotyoshelwe kwiSetyhula 28/2005, kwaye yamkelwa.
6.2 Nayiphi na impahla edukileyo, ebiweyo okanye elahlekileyo, ngokwenkqubo yokulawula ukulahleka kweempahla, mayixelwe ngokukhawuleza kwigosa leSebe lezinto ezilahlekileyo nakwicandelo lolawulo lwee-asethi ukwenzela ukuba kufakwe loo ngcaciso kwirejista yee-asethi.
6.3 Icandelo lolawulo lwee-asethi malisoloko lisaziswa ngazo zonke izinto ezithengiweyo,izipho, nezinto ezidluliselwe kwabanye, ukuqinisekisa ukuba ii-inventri zisoloko zifakwa qho ingcaciso yamvanje.
6.4 Ukuba kukho naziphi na izixhobo ezitsha ezisanda kuthengwa, eziziswe ngqo kwi-ofisi yakho ngumthengisi, umzekelo, iikhompyutha (idesktophu okanye ilephutophu), okanye ifanitshala, oku makuxelwe ngoko nangoko kwicandelo lolawulo lwee-asethi, neliya kulungiselela ukuphawulwa (marking) nokufakwa kweebhakhowudi (bar coding) kwezo mpahla kunye nokufakwa kwengcaciso yamvanje kwirejista yee-asethi. Malunga neekhompyutha eziziidesktophu, kufuneka ubonise ukuba ngubani na oza kuyisebenzisa, indawo kanye ekuyo ikhompyutha kunye nenombolo yolandelelwano (serial number) echaphazelekayo. Luxanduva oluzinze emagxeni akho ukuba wenze amalungiselelo ne-Centre for e-Innovation (CEI) ukuba ize kufaka ezo khompyutha. Ukuba kutshintshwa ikhompyutha ngenye, makunikwe iinkcukacha zaleyo itshintshwayo kuze kucelwe ukuchithwa kwayo (disposal thereof), kusetyenziswa ifom yerikhwizishini engu-Log 1. Zonke ezi nkcukacha ziyafuneka ukuze kuhlaziywe irejista yee-asethi.
6.5 Ukuba ileyibhile yebhakhowudi yayo nayiphi na impahla iye yaxobuka okanye yalahleka, mayixelwe ngoko nangoko kwicandelo lolawulo lwee-asethi, neliya kuphinda liyifakele loo leyibhile okanye lifake entsha endaweni yaleyo.
7. Bayacelwa kwakhona abaphathi abenza lo msebenzi ukuba banyule igosa (libe linye kwicandelo ngalinye okanye kwi-EMDC nganye). Umsebenzi walo ngokwenkcazo yomsebenzi (job description), mawubandakanye imisebenzi yomlawuli wee-asethi zecandelo okanye ze-ofisi echaphazelekayo. (Kuqhotyoshelwe apha inkcazo yomsebenzi elungiselelwe umlawuli we-inventri ukuze uyisebenzise). Bonke abaphathi abenza lo msebenzi baceliwe ukuba bathumele igama lomntu otyunjiweyo kuMnu DT Scholtz kule dilesi ilandelayo phambi kwe-26 Julayi 2007:
Room 609 6th Floor
Grand Central Towers
Cape Town 8000

Abanye abaphathi baphendule abo bangaphendulanga bayacelwa ukuba bathumele amagama abo batyunjiweyo phambi okanye ngomhla we 17Agasti 2007. Aba bantu baya kufumana imbalelwano evela kwiGosa lezeMali eliyiNtloko (Chief Financial Officer) ebazisa ngokutyunjwa kwabo kwaye baya kucelwa ukuba beze kwiseshoni yoqeqesho.

8. Ukuba ayilandelwanga le migqaliselo ichazwe apha ngasentla, kuya kuthathwa amanyathelo ngokoMgaqo 4(2) (Regulation 4(2)) weMigaqo yoLawulo loQhagamshelwano naBathengisi (Supply Chain Management Regulations) eyakhutshwa ngokwePFMA. Lo mgaqo ucacisa oku kulandelayo:

Igosa elinegunya lokuphendula (An accounting authority) malunga neempahla zikarhulumente (public entity) malithathe amanyathelo oluleko afanelekileyo ngakuloo mqeshwa karhulumente othe:

(i) waphula okanye akaphumelela ukuthobela umgaqo walo Mthetho;
(ii) wenza isenzo esisingela phantsi ulawulo lwezemali nenkqubo yolawulo lwangaphakathi lweempahla zikarhulumente (financial management and internal control system of the public entity).
9. Kuyathenjwa ukuba imiyalelo ekule setyhula iya kulandelwa ngqo ngawo onke amaxesha ukwenzela ukuba kungabikho mfuneko yokuba kuthathwe amanyathelo oluleko ngakulo naliphi na igosa elichaphazelekayo.
10. Nayiphi na imibuzo malunga nokukule setyhula ingabhekiswa kwaba bantu balandelayo:
Mr D Scholtz Ifoni. 021 467 2799
Mr D Jacobs  Ifoni. 021 467 2012
11. Bayacelwa abaphathi abenza lo msebenzi ukuba bazise bonke abasebenzi ngokubhalwe kule setyhula.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:13