1. Le setyhula mayifundwe kunye neZikhokelo zoVavanyo lweZifundo (Subject Assessment Guidelines (SAG) zeSifundo sezeMbali (History) (Januwari 2007). ISebe leMfundo likazwelonke lenze izilungiso kwifomathi yeemviwo zeSifundo sezeMbali (History) kumaBakala 11 no-12 kwiSetyhula E2 ka-2007.
2. ISifundo sezeMbali kumaBakala 11 no-12
2.1 Uviwo lweSifundo sezeMbali kwiBakala 11 luya kubanamaphepha amabini aziiyure ezimbini lilinye. Kwiphepha ngalinye amanqaku aya kuba yi-150. Oku kwenza izilungiso kwiZikhokelo zoVavanyo lweZifundo (SAG) ezibonisa ukuba kuya kubakho amaphepha amabini- IPhepha 1 (225 amanqaku ) nePhepha 2 (75 amanqaku).
2.2 Uviwo lweSifundo sezeMbali kwiBakala 12 luya kubanamaphepha amabini aziiyure ezintathu lilinye. Amanqaku abelwe iphepha ngalinye aya kuba ngamanqaku ayi-150. Amanqaku xa ewonke, amaphepha omabini ke ngoko, ngamanqaku ayi-300.
2.3 Iimviwo zeSifundo sezeMbali kwiBakala 11 no-12 ziya kubanemibuzo esekelwe kwiincwadi zezifundo (source-based questions) nokubhaliweyo okukokunye ngekhontenti emiselweyo.
2.4 IsiHlomelo A sinika ikhontenti nefomathi yamaphepha emibuzo, iPhepha 1 nePhepha 2 eSifundo sezeMbali kwiBakala 11, aya kubhalwa zizikolo zikarhulumente ngoNovemba 2007. Izikolo ezizimeleyo ezinqwenela ukubhala uviwo lweBakala 11 mazazise uMlawuli weCandelo leeMviwo.
2.5 Ikhontenti nefomathi yamaphepha emibuzo eSifundo sezeMbali kwiBakala 12, iPhepha 1 no-2 akwisiHlomelo B.
3. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala abachaphazelekayo esikolweni sakho.


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:17

Appendix A  (ubukhulu: 168 KB)
Appendix B  (ubukhulu: 64 KB)