1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED), ngokubambisana neSebe leMfundo likazwelonke, kutshanje likhuphe ingxelo epapashwe kumajelo eendaba echaza ngeSigaba 1 sesiCwangciso sokuBuyisa iXesha ekuPhulukenwe nalo (Recovery Plan). Oku kubandakanye ukubonelelwa ngeZikolo zaseBusika (Winter Schools) ngethuba leeholide zaphakathi enyakeni nokubonelelwa ngezibonelelo zokuncedisa ukufunda nokufundisa eziintlobo ngeentlobo ezibandakanya ii-study guides, textbooks, pace setters and programmes on electronic and print media (funda isiHlomelo A). Uninzi lwale misebenzi yenziwayo luxhomekeke ekubeni abafundi ngokwabo bathathe inxaxheba ekuqinisekiseni ukuba ixesha elilahlekileyo lokufundisa ikharityhulam liyancitshiswa kakhulu.
2. Kufuneka sivume nje kwasekuqaleni ukuba asinako ukuthemba ukuba siya kubanako ukulibuyisa kwakhona ixesha esiphulukene nalo ngethuba logwayimbo lwabasebenzi benkonzo karhulumente. Kodwa nangona kunjalo, injongo yesiCwangciso sethu sokuBuyisa iXesha ekuPhulukenwe nalo kukudala amathuba kootitshala nakubafundi okuba bajolise kwimiba ebaluleke gqitha yekharityhulam echatshazelwe lugwayimbo. Ngako oko ke isiCwangciso sokuBuyisa iXesha ekuPhulukenwe nalo lungenelelo ngoncedo lwezemfundo (education intervention) olunjongo ikukwaphula amandla efuthe logwayimbo.
3. ISigaba 2 sesiCwangciso sokuBuyisa iXesha ekuPhulukenwe kuye kwathethwa-thethwana ngaso nemibutho eyaziwayo yootitshala, namaBhunga oLawulo eZikolo neemanyano zabasebenzi. Esi sigaba sichaza iindlela ezahlukeneyo zongenelelo ngoncedo, ezinkcukacha zaso ziya kufumaneka kwisiCwangciso esiqhotyoshelweyo. Esi siCwangciso sokuBuyisela iXesha ekuPhulukenwe nalo siya kubandakanya ithuba eliqalela nge-30 Julayi 2007 - 21 Septemba 2007.
4. Iiklasi ezingaphezulu
4.1 IsiCwangciso sokuBuyisa iXesha ekuPhulukenwe nalo sibandakanya eli xesha longezelelweyo lilandelayo:
4.1.1 2 iiyure ngeveki zexesha elongeziweyo iiveki ezisi-7, phakathi evekini, zolwazi lokufunda nokubhala kunye nolwazi lokubala kuzo zonke izikolo zeeprayimari ezichaphazelekileyo (Funda isiHlomelo A ukufumana isikhokelo.)
4.1.2 2 iiyure ngeveki zexesha elongeziweyo iiveki ezisi-7, phakathi evekini, kumaBakala 8 no-9 kwizikolo eziphakamileyo ezichaphazelekileyo. Ukufumana isikhokelo ngekhontenti yeeklasi ezongeziweyo funda amaxwebhu e-GET kaJulayi 2007 i- 'Setting the Pace for Recovery', awayethunyelwe ezikolweni nafumanekayo kwii-EMDC.
4.1.3 2 iiyure ngeveki zexesha elongeziweyo iiveki ezisi-7, phakathi evekini, kumaBakala 10, 11 no-12. Ezi klasi zongeziweyo zifanele ukukhokelwa zi-WCED Pacesetters ezihlaziyiweyo ezazithunyelwe ezikolweni ekuqaleni kwekota yesithathu.
4.1.4 3 iiyure ngoMgqibelo kumaBakala 12 iMigqibelo emithandathu. Izikolo ezisezidolophini mazidityaniswe (be clustered) zize zona izikolo zasemaphandleni zisebenzele esikolweni. Ii-study guides zeSebe leMfundo leNtshona Koloni ezathunyelwa kubafundi bamaBakala 10, 11 no-12 zinezinto zokufunda eziluncedo kakhulu ezinokusetyenziswa ukulungiselela abafundi ekufundeni kwaye zinezintlu zokutshekisha kwiqela lezifundo ezifanele ukusetyenziswa ukuqinisekisa ukuba yeyiphi ikhontenti esafuna ukwenziwa.
4.1.5 4 iiyure ngosuku iintsuku ezi-5 ngexesha leSikolo saseNtwasahlobo ngoSeptemba (Spring School) ukuqala nge-24 kuye kwi-28 Septemba, ukulungiselela amaBakala 12 kuphela. Izikolo ezisezidolophini mazidityaniswe (be clustered) zize zona izikolo zasemaphandleni zisebenzele esikolweni. ICandelo loPhuhliso lweKharityhulam liya kwenza umgaqo-sikhokelp oya kukhokela ukuqhutywa kweZikolo zaseNtwasahlobo ngeeholide zikaSeptemba.
4.2 Intlawulo eyinkxaso (stipends)
4.2.1 Isebe lemfundo ligqibe ekubeni kuya kuhlawulwa intlawulo eziyinkxaso (stipends) ootitshala abatyunjelwe oko nabathatha inxaxheba ngokwefomyula eyenzelwe isigqibo nguMphathiswa weMfundo kazwelonke, uNksk Naledi Pandor, nge-19 Julayi 2007.

(i) Intlawulo yeyure: Iya kubalwa ngokwahlula-hlula umvuzo wonyaka wootitshala abathatha inxaxheba ngenani leeyure zomsebenzi zonyaka, o.k.t. i-1800 leeyure;
(ii) Intlawulo yosuku: Iya kubalwa ngokwahlula-hlula umvuzo wonyaka wootitshala abathatha inxaxheba ngelona nani likhulu leentsuku zesikolo zonyaka, o.k.t. ngeentsuku ezingama-225

4.2.2 Ootitshala abathatha inxaxheba baya kuhlawulwa ngenani leeyure ezongeziweyo abaya kube bezisebenzile, ngentlawulo eya kwenzelwa isigqibo nguMphathiswa weMfundo kazwelonke. Le ntlawulo iya kubalwa ngokomvuzo katitshala oqhelekileyo weyure okanye umvuzo wosuku. Intlawulo eyinkxaso (stipend) iya kubalwa ngokwephakheji yomvuzo wonyaka katitshala ngamnye.(Funda isiHlomelo I.)
4.3 Eli xesha longezelelweyo ngeveki nganye lifanele ukuhlenga-hlengiswa, licwangciswe kwaye libe nokubekwa esweni sisikolo. Inqununu yesikolo ifanele ukudlala indima ephambili ekubekeni esweni nasekunikeni ingxelo. Indima nendlela ezakhiwe ngayo iikomiti zezikolo neekomiti zee-EMDC zichaziwe apha ngasezantsi.
4.4 Utitshala ngamnye othatha inxaxheba makazenzele isicwangciso sakhe yedwa sokubuyisela ixesha ekuphulukwene nalo. Isicwangciso sokubuyisela ixesha ekuphulukwene nalo somntu ngamnye siya kuba yinxalenye yesicwangciso sesikolo sokubuyisela ixesha ekuphulukenwe nalo ekufuneka singeniswe kwi-EMDC ukuze sivunywe. Zonke izikolo mazingenise ithayimthebhile yesi sicwangciso kwi-EMDC nge-3 Agasti 2007.
4.5 Ootitshala abathatha inxaxheba nabasebenzi abagcina izitshixo (janitors) baya kuhlawulwa ngeeyure ezongeziweyo ngentlawulo eyinkxaso (stipend) eya kubalwa ngokwahlula-hlula iphakheji yomvuzo wabo wonyaka ngeeyure ezili-1800.
5. Iimviwo
5.1 Siyayihlonipha into yokuba ezinye izikolo sele zizibhalile iimviwo. Izikolo zingakhetha ukungazibhali iimviwo zikaJuni okanye endaweni yoko zibhale iimvavanyo ezincitshisiweyo eziphantsi kolawulo (write scaled-down control tests) emva kokubhungisana neeSGB neeRCL.
5.2 Ezo zikolo zingazange zizibhale iimviwo, okanye ezinganqweneli kubhala iimviwo ngeli xesha, mazilisebenzise ixesha ngeyona ndlela inenzuzo enkulu ekulungiseleleni iimviwo zika- Septemba. Ziyacetyiswa izikolo ukuba zisebenzise ii-study guides ezathunyelwayo njengenxalenye yezinto zokuncedisa ukufunda nokufundisa.
5.3 Zonke izigaba zingasebenzisa uhlobo lokubhala uviwo apho uvula iincwadi zakho ujonge kuzo xa ubhaka uviwo (an open-book examination as practice.) Abafundi beBakala 10 no-11 mabasebenzise amaphepha kazwelonke ayimizekelo (national exemplars) athunyelwa ezikolweni, nokuba ngaba bawenza lo msebenzi eklasini okanye njengomsebenzi wesikolo wasekhaya.
5.4 Uvavanyo oluhamba ngokwemigaqo (formal assessment) kumaBakala 10 no-11 kwi-NCS lufuna uviwo lwaphakathi enyakeni. Ukuba abafundi abalubhalanga olu viwo ngekota yesibini, kufuneka balubhale ngekota yesithathu ukulungiselela iimviwo zokugqibela nokubonelela ngekhowudi/ngepesenti yovavanyo oluqhutywa sisikolo ngokwaso (school-based assessment code/percentage).
5.5 Amaziko eMfundo aPhakamileyo (Higher Education Institutions) avumile ukulandisa ixesha elisikelwe ukungeniswa kweziphumo zoviwo lwaphakathi enyakeni kwaye aya kuzithathela ingqalelo iziphumo zeBakala 11 kwakunye nezo zoviwo lokulungiselela nezoviwo lokugqibela.
6. Ukubeka esweni
6.1 Kuyimfuneko ukuba isicwangciso sokubuyisa ixesha ekuphulukwene nalo sibekwe esweni ngononophelo sisikolo, sisithili nanguNdlunkulu. Isikolo ngasinye esityunjiweyo nootitshala abakwezikolo ezilolo hlobo kufuneka basebenze ngokwesiCwangciso sokuBuyisela iXesha ekuPhulukwene nalo. Esi siCwangciso masibonise ukuba zeziphi iinkalo zezifundo eziya kufundiswa ngethuba leeyure ezongeziweyo, kwaye kufuneka ke ngoko sibandakanye ithayimthebhile yootitshala abaya kube bethatha inxaxheba kuloo msebenzi. Indlela ezakhiwe ngayo iikomiti zokubeka esweni le nkqubo kwinqanaba ngalinye kufanele kwenziwe ngolu hlobo lulandelayo:
6.2 Ikomiti ye-EMDC: umlawuli, ilungu libe li-1 lombutho wabasebenzi, umcebisi ngezekharityhulam oyintloko nomphathi wesekethe omkhulu. Iinqununu zezikolo mazibeke esweni zingenise ingxelo ebonisa ukuba umsebenzi lowo ngowomgangatho owanelisayo qho ngeveki. (Funda isiHlomelo H.)
6.3 Ikomiti ye-EMDC: umlawuli, ilungu libe li-1 lombutho wabasebenzi, umcebisi ngezekharityhulam oyintloko nomphathi wesekethe omkhulu. Iinqununu zezikolo mazibeke esweni zingenise ingxelo ebonisa ukuba umsebenzi lowo ngowomgangatho owanelisayo qho ngeveki. (Funda isiHlomelo H.)
6.4 Ikomiti yakwaNdlunkulu: 3 amalungu emibutho yabasebenzi, iNtloko yeSebe leMfundo naBalawuli abaziiNtloko beCandelo lezeMali, neeNkqubo zeMfundo (Finance, Planning and Operations). Injongo yale komiti kukubeka esweni isiCwangciso sokuBuyisela iXesha ekuPhulukwene nalo nokusayina umsebenzi owenziwe ngokwanelisayo ngokubhekiselele kwimisebenzi engeniswayo isuka kwizithili
6.5 Kuba esi siCwangciso sokuBuyisela iXesha ekuPhulukwene nalo sichaphazela imiba yezemali, le program kufuneka ibekwe esweni ize ilawulwe ngononophelo olukhulu. Iikomiti ezahluka-hlukeneyo zokubeka esweni nokulawula le nkqubo maziwuthathe lo msebenzi njengento ebaluleke kakhulu. Qaphela ukuba akukho ntlawulo inokwenziwa ngaphandle kokuba iikomiti ezahluka-hlukeneyo ziye zasayina kwiindawo zonke zalo msebenzi.
7. Ukulungisa kwakhona ubudlelwane

Ngenxa yokuba ingengabo bonke ootitshala kuzo zonke izikolo abathatha inxaxheba kugwayimbo, kucingelwa ukuba kungakho ukrutha-kruthwano phakathi kootitshala kwisikolo esinye. Kubaluleke kakhulu ke ngoko ukuba ubudlelwane bokusebenzisana phakathi kootitshala bube bobukhuthaza intsebenziswano ukuba sifuna ukuqinisekisa ukuba abafundi bethu abachanwa kwakhona lugwayimbo. Ngako oko ke kubaluleke gqitha ukuba inqununu, kunye neKomiti yoLawulo lweSikolo (School Management Team) neSGB, baqale iprogram yokulungisa ubudlelwane apho kuye kwakho ukungevisisani ngethuba logwayimbo

8. Ngenxa yokuba le meko iyengxamiseke kakhulu, iSigaba 2 sesiCwangciso sokuBuyisela iXesha ekuPhulukenwe nalo siya kuqala nge-30 Julayi 2007. Kukho iintsuku ezibekiweyo kolu xwebhu ukulungiselela idatha ethile efunekayo enxulumene nenani lootitshala nabafundi.
9. Ootitshala abaninzi baye bancama umvuzo, abafundi abaninzi baye bachaphazeleka kakhulu, kwaye nabazali banxunguphele kakhulu ngekamva labantwana babo. Ngokusetyenziswa ngamandla kweentsuku zokufunda ezishiyekileyo ku-2007, kwakunye neeholide neempela-veki ekuzifundeleni kwabafundi, oko kungenza abafundi bafumane ukuxhaswa ukuze baphumelele.
10. Uyecelwa ukuba wazise bonke ootitshala, abafundi nabazali okubhalwe kule setyhula.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:27

isiHlomelo A: ISIKHOKELO ESILUNGISELEWE IIKLASI EZONGEZIWEYO ZOLWAZI ...  (ubukhulu: 36 KB)
isiHlomelo B: ISIGABA 1 SESICWANGCISO SOKUBUYISA IXESHA EKUPHULUKENWE NALO  (ubukhulu: 37 KB)
isiHlomelo C: Le ngcaciso ilandelayo ichaza ngokufutshane ukugqitywa, izinto eziza kwenziwa (route) nenjongo ...  (ubukhulu: 9 KB)
isiHlomelo D: INGXELO YENQUNUNU  (ubukhulu: 12 KB)
isiHlomelo E: OOTITSHALA ABATHATHA INXAXHEBA  (ubukhulu: 13 KB)
isiHlomelo F: ISICWANGCISO SIKATITSHALA BUQU: ISIGABA SE-GET  (ubukhulu: 12 KB)
isiHlomelo G: IPROGRAM KASEPTEMBA: ISIGABA SE-FET  (ubukhulu: 11 KB)
isiHlomelo H: INGXELO YESITHILI  (ubukhulu: 11 KB)
isiHlomelo I: UKUBALA KWEENTLAWULO EZIYINKXASO (Stipends)  (ubukhulu: 14 KB)