1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lisebenzisa le khuriya eqeshwe ngemvumelwano (Cotract RT 5-1-2006) ukwenzela ukuba izikolo zikwazi ukubuyisela amaphepha eempendulo zoviwo (scripts) nezinto ezisetyenziswa ezimviweni zeMatriki, ze-FET, ze-GETC neze-ABET kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni. Kodwa ke siqaphele ukuba izikolo ezithile zisebenzisa izingxobo zeplastiki ezingasetyenziswanga, ezikhutshwa liCandelo leeMviwo, kunye nenkonzo yekhuriya elungiselelwe iimviwo ekuthumeleni amaxwebhu angenanto yakwenza neemviwo kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni.
2. Ngokwenjenje kuyalelwa zonke izikolo ukuba zahlukane nalo mkhwa. Ukuba kukhe kwafunyanwa ukuba isikolo sisebenzisa ezi zingxobo zeplastiki ekuthumeleni amaxwebhu angenanto yakwenza neemviwo kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni, okanye ukuba isikolo songeza amanye amaxwebhu angenanto yakwenza neemviwo kwiipasela zamaphepha eempendulo zoviwo, kuya kuthi ke ngoko kufakwe kwi-akhawunti yeso sikolo iindleko ezipheleleyo zokuhanjiswa kwepasela (ngokobunzima bepasela). Inkampani eyenza inkonzo yekhuriya, iya kuthi, kwiimeko ezinjengezi, iyalelwe ukuba ithathe amanyathelo ukufumana iindleko zokuhanjiswa kwepasela kweso sikolo.
3. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho ngokumalunga noku kulapha ngasentla.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:16