1. Intshayelelo

UMphathiswa weMfundo kuzwelonke wabhengeza, kwiGazethi kaRhulumente No. 29851 yowe-30 Apreli 2007 (Government Gazette No. 29851 of 30 April 2007), ufakelo lwezilungiso kwiimfuno zokupasa zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ((National Senior Certificate) (NSC)) nakwiprogram yokufaka ngokwezigaba ezi mfuno zihlaziyiweyo.

2. Ufakelo lwezilungiso kwiimfuno zokupasa i-NSC
2.1 Ukuze afumane i-NSC, umviwa makapase ubuncinane nge-40% kwizifundo ezithathu, esinye sazo kufuneka ibe lulwimi lwaseburhulumenteni kwinqanaba loLwimi lweNkobe. Izifundo ezibini eziseleyo ekufuneka zipaswe ubuncinane nge-40% zingazizo ezinye zazo naziphi na izifundo umviwa azifundayo.
2.2 Esi silungiso silapha ngasentla sithetha ukuba akunyanzelekanga ukuba abafundi bapase isifundo soLwazi ngezoBomi nge-40%, kodwa banokusipasa esi sifundo ubuncinane nge-30%. Kodwa ke isifundo soLwazi ngezoBomi sisengabalwa njengesinye sezifundo ezithathu ezifuna zipaswe ubuncinane nge-40%.
2.3 Umviwa kufuneka kwakhona afumane amanqaku okupasa ubuncinane ayi-30% kwizifundo ubuncinane ezithathu ezizezinye.
2.4 Umviwa makenze ubuncinane izifundo ezisixhenxe ukuze afaneleke ukufumana i-NSC. Ukuze isifundo sithathwe njengeso 'sifundwayo', umviwa makangqinelane nayo yonke imiba yeemfuno ze-CASS.
3. Ufakelo lwezilungiso kwiimfuno zokupasa izifundo ze-NSC
3.1 Umviwa akavumelekanga ukuba azifunde zombini, i-Computer Applications Technology ne-Information Technology.
3.2 Umfundi akavumelekanga ukuba afunde zombini, i-Consumer Studies ne-Hospitality Studies.
4. Ufakelo lwezilungiso kwiprogram ukwenzela ukufaka ngezigaba iimfuno ezintsha ze-NSC
4.1 Ukwenzela ukubonelela abaviwa abasele bekwiprogram ye-NSC, iimfuno eziphantsi ko-3.1 no-3.2 apha ngasentla ziya kusebenza ekubhaliseni abeBakala 10 kuphela ukususela kowe-1 Januwari 2008.
4.2 Zonke ezi mfuno zintsha eziphantsi komhlathi 3 apha ngasentla azisayi kusebenza kubaviwa ababhalise kwiBakala 10 ngowe-2006 nangowe-2007, kwiBakala 11 ngowe-2007 nangowe-2008, nakwiBakala 12 ngowe-2008 nangowe-2009.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise bonke ootitshala, abafundi nabazali okubhalwe kule setyhula.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:18

Government Gazette No. 29851 of 30 April 2007  (ubukhulu: 81 KB)