1. Ngokwenjenje kwaziswa onke amaqela achaphazelekayo ukuba ihlaziyiwe inkqubo yokuqhutyelwa phambili nezicelo zabaza kuqeshwa kwizithuba zootitshala zethutyana nakwezootitshala ababambeleyo (temporary and substitute appointments). Kwixesha elizayo kuya kufunwa la maxwebhu alandelayo ukuze kube nokugqityezelwa izithuba zengqesho esele zixeliwe:
2. Ukuqeshwa komntu ngamnye, nanini na, kwahlulile akufani nokunye kwaye kufuna iseti yamaxwebhu alowo uqeshwayo azaliswe ngokupheleleyo nahlukileyo kwamanye.
3. Akunakuqhutyelwa phambili (cannot be processed) neefom zamagama abatyunjwa ezingafakwanga zonke iinkcukacha ezifunekayo kwaye oku kuya kubangela ukuhlawulwa kade kwemivuzo, neliya kuthi ke iSebe iWCED lingamkeli zigxeko ngenxa yoku.

Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho.



ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:25

Ifom yegama lomtyunjwa (A3)  (ubukhulu: 12 KB)
Ifom yesicelo (A2) (Application form A2)  (ubukhulu: 11 KB)
Ifom Z56  (ubukhulu: 7 KB)