1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liqhube uphando olubanzi kakhulu olungokumalunga namazinga olwazi lokufunda nokubhala kweli phondo nolubonise ukuba abafundi bethu bakwizinga elisezantsi kwelilindelekileyo. Inkxalabo ngokubasezantsi kwamazinga olwazi lokufunda nokubhala ibangele ukuba kuqaliswe isiCwangciso soLwazi lokuFunda nokuBhala nokuBala esiza kuxhaswa ngamandla. Umba ophambili wesi sicwangciso kukwenza ukuba abafundi bakhuthazeke bafunde, njengoko uphando lubonise ukuba umfundi ofunda ekhaya imizuzu engamashumi amabini ukuya kumashumi amathathu amatyeli amathathu ngeveki wandisa impumelelo yakhe nge-10%. Kuyabonakala ke ngoko ukuba umoya wokuthanda ukufunda kufuneka ukhuthazwe kweli phondo.
2. Ukwenzela ukuba kunikwe inkxaso kule nkqubo, iSebe iWCED liza kuqalisa inkqubo yokufundwa kweencwadi okunyanzelekileyo ukususela ngo-Januwari 2007. Iincwadi zokufunda zabafundi mazibandakanye zombini iintlobo, amabali (fiction) nezo zingezinto zokwenene (non-fiction). Bonke abafundi ukusuka kumaBakala 4 ukuya ku-12 baya kuthatha inxaxheba.
3. Abacebisi ngezekharityhulam beeLwimi baya kubeka iliso ekuphunyezweni kwalo mgaqo nkqubo kwaye iincwadi zokufunda maziboniswe ukulungiselela iingxoxo kuzo zonke iiseshoni zokumodareyitha ii-orali (oral moderation sessions).
4. Lo mgaqo-nkubo mawuphunyezwe zizo zonke izikolo kwaye ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ngokuba bonke ootitshala bafumana ikopi yale setyhula. Esinye isikhokelo singafumaneka kubacebisi ngezekharityhulam beeLwimi.
5. Ootitshala bangacela abafundi ukuba basebenzise iifom eziqhotyoshelweyo, isihlomelo A no isihlomelo B xa besenza ingxelo okanye bazenzele iifom zabo.
6. Isihlomelo C singasetyenziswa ekuqalekeni konyaka ukufumanisa umdla ekufundeni kwabafundi.
7. Siyabulela ngentsebenziswano yenu ekuphumezeni esi sicwangciso nesenzelwa ukuze kuqinisekisiswe ukuba abafundi ngokwenene bazuza inqanaba elaneliselayo lolwazi lokufunda nokubhala ukwenzela ukuba baphumelele kwizifundo zabo nasebomini babo.


ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:01:22

List of books  (ubukhulu: 35 KB)
isihlomelo A  (ubukhulu: 34 KB)
isihlomelo B  (ubukhulu: 33 KB)
isihlomelo C  (ubukhulu: 18 KB)