1. Izikolo zaziswa ngesiCwangciso seNguqu kwiiLwimi seSebe leMfundo leNtshona Koloni (Western Cape Education Department) (WCED) Language Transformation Plan (LTP)) kwiSetyhula 004/2007, eyabhengeza isicwangciso kunye noomasifundisane abaqhutywa kwikota yokuqala.
2. Njengoko i-LTP incedisana noMgaqo-nkqubo kazwelonke weMfundo weeLwimi ka-1997 nayo yonke eminye imithetho echaphazelekayo, kubandakanywa neNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement) (NCS)), la maxwebhu makacacise kwakhona inkqubo yokwenziwa koMgaqo-nkqubo weeLwimi wesikolo sakho.
2.1 Umgaqo-nkqubo kazwelonke wosetyenziso lweelwimi kwezemfundo (national language-in-education policy) ka-1997 ubophelela ilizwe kwinkqubo yokumana kusongezwa olunye ulwimi (additive bilingualism). Ngokubanzi oku kuthetha ukongeza ezinye iilwimi kwisiseko esiluqilima solwimi lwenkobe. Iinkcukacha zalo mgaqo-nkqubo zisahlaziywa kwaye naziphi na iinguqu ziya kufakwa kwesi sicwangciso kwakuvela imfuno yoko.
2.2 IsiKhokelo soMgaqo-nkqubo weeLwimi kaZwelonke (2003) (the National Language Policy Framework (2003), iSiqendu 3(4)(m) soMthetho woMgaqo-nkqubo wezeMfundo kaZwelonke, ka-1996 (uMthetho 27 ka-1996)
2.3 IMimiselo nemiGangatho (Norms and Standards) emalunga nomgaqo-nkqubo weelwimi owapapashwa ngokweSiqendu 6(1) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (Section 6)(1) of the South African Schools (Act 108 of 1996)
2.4 IZiqendu 6 no-9 zoMgaqo-siseko waseMzantsi Afrika (UMthetho 108 ka-1996) (Sections 6 and 9 of the Constitution of the Republic of South Africa (Act 108 of 1996)
2.5 Kunye noMthetho weBhodi yeeLwimi Zonke zaseMzantsi Afrika (UMthetho 59 ka-1995) (Pan South African Language Board Act (Act 59 of 1995))
2.6 Kunye neNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke. INkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement (NCS)) ithathela ingqalelo ukubaluleka kokufundisa ngolwimi lwenkobe yaye ichaza oku kulandelayo:
  • ulwimi olongezelelweyo lufanele ukuqaliswa njengesifundo kwiBakala 1.
  • kufanele kuqhutyekwe nokusetyenziswa kolwimi lwenkobe kunye nolwimi olongezelelweyo kangangoko kunako ukwenzeka oku.
  • bonke abafundi mabalufunde ulwimi lwabo lwenkobe kunye nolwimi lwaseburhulumenteni olongezelelweyo olunye ubuncinane.
  • abafundi baye balwazi ncam ulwimi lwabo olongezelelweyo, lo gama beqhubeka nolwimi lwabo lwenkobe yaye luphuhliswa.
  • iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke ibonisa ukuba abafundi bafanele bafunde ubuncinane iminyaka emithathu ulwimi lwesibini olongezelelweyo (a second additional language)
2.7 Wongeza iSiqendu 5 soMgaqo-siseko waseNtshona Koloni (uMthetho 1 wowe-1998) (Section 5 of the Constitution of the Western Cape (Act 1 of 1998))
2.8 UMthetho weeLwimi zaseNtshona Koloni (uMthetho 13 ka-1998) (the Western Cape Languages Act) (Act 13 of 1998)
2.9 UMgaqo-nkqubo weeLwimi wePhondo leNtshona Koloni (2005)
2.10 NoMthetho wezeMfundo wePhondo leNtshona Koloni (uMthetho 12 ka-1997) (the Western Cape Provincial School Education Act (Act 12 of 1997)).
3. Njengoko kwakucacisiwe kwiSetyhula 004/2007, isikolo ngasinye masenze size singenise umgaqo-nkqubo weelwimi waso obhalwe ngokusesikweni. Kufuneka lo mgaqo-nkqubo wenziwe emva kokuba kuqhutywe uthetha-thethwano nzulu nangokubanzi nabazali kwaye kwakuba kufunyenwe imvume esayiniweyo yebhunga lolawulo lesikolo.
4. I-EMDC iya kunika inkxaso ezikolweni, kwakwenziwa isicelo, malunga nokuqulunqwa okanye nokwenziwa ngokufanelekileyo kwemigaqo-nkqubo yeelwimi neya kuthathela ingqalelo iimeko ezingqongileyo ezilungele izikolo ezo.
5. Kwimeko apho kukho iingxaki okanye impixano ekusombululeni imiba yemigaqo-nkqubo yeelwimi, iSebe leMfundo leNtshona Koloni, okanye ii-arhente zalo ezityunjiweyo, liya kusisabela isicelo sokudlala indima yokunika inkxaso kude kugqitywe uthetha-thethwano oluya kwanelisa onke amaqela.
6. Izikolo ziya kufumana kungekudala iikopi ezi-3 ze-"Language in the Classroom" zokuncedisa amanye amanyathelo okunika inkxaso.
7. Ziyacelwa izikolo ukuba zingenise imigaqo-nkqubo yazo kunye nezicwangciso zazo zokuyiphumeza kubaphathi besekethe phambi kowe-31 Julayi 2007. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuyiphonononga lize linike ingxelo phambi kowe-31 Agasti 2007.
8. Ukuba ngaba umgaqo-nkqubo omtsha uza kumana ufakwa (phased in) ukulungiselela iimfuno zabafundi, nokuba nako kwesikolo ukufumana ootitshala abafanelekileyo, ngako oko ke loo nkqubo yokumana ufakwa mayicaciswe gca ngokunjalo.
9. Kufuneka izikolo ziphinde zijonge kwakhona indlela ezahlelwa (classification) ngayo umz. Inkqubo "yokuFundisa ngeeLwimi eziMbini Gumbini liNye okanye "yokuFundisa ngeeLwimi eziMbini ngaXeshanye kodwa ngoKwahlukeneyo" ("Dual" or "Parallel" Medium), yaye mazibonise kuxwebhu ezilungenisayo (submission) ngoku kwiSebe i-WCED uhlelo ezikulo ngoku okanye uhlelo lwangaphambili, kwakunye nolo lucetywayo.
9.1 Umgaqo-nkqubo obhaliweyo mawucaciswe gca ngokunzulu ukuba iya kusebenza njani inkqubo yokusetyenziswa kweelwimi zokufundisa ezimbini gumbini linye okanye yokufundiswa kwazo ngaxeshanye kodwa ngokwahlukeneyo (dual or parallel medium) eza kusetyenziswa ukuze abazali ababhalisa abantwana babo kwisikolo eso babe nengqiniseko yokuba iimfuno zeelwimi zomntwana wabo kuya kuhlangatyezwana nazo. Umzekelo, ukuba umgaqo-nkqubo ngowokuba izifundo ezithile zinokufundiswa ngolwimi oluthile kuphela ngawo nawuphi unyaka, ngokuxhomekeka kumanani abhalisiweyo okanye kwiindlela zokuqesha ootitshala, ngako oko ke loo ngcaciso mayicaciswe gca.
10. Umgaqo-nkqubo weelwimi wezikolo mawusebenzise ezi ngongoma zethemplethi elandelayo:
10.1 Ulwimi (iilwimi) lokufunda nokufundisa lwesikolo (malubandakanye apha nawaphi na amagatya ekuxhomekeka kuwo imvumelwano (provisos) okanye amagatya acacisa ukuba abo bantu bebengazi malunga noko (disclaimers) njengoko kubonisiweyo ku-9.1 apha ngasentla ukuze kungabikho ntsingiselo embaxa (ambiguity)
10.2 Iilwimi eziya kufundiswa njengezifundo nolwabiwo lwamaxesha azo
10.3 Inkqubo yokuphononongwa kwalo mgaqo-nkqubo (umz. "ngokuxhomekeka ekubeni uya kuphononongwa qho ngonyaka emva kwentlanganiso nabazali")
10.4 Ukukhuselwa kwamalungelo abafundi abasele bebhalisiwe ukuba umgaqo-nkqubo weelwimi uyatshintsha, o.k.t. kuya kusoloko kuthetha-thethwana ngeenguqu ukuze zimana zifakwa (phased in)
10.5 Ulwimi lokuvavanya (iilwimi zokuvavanya)
10.6 Ulwimi (iilwimi) lonxibelelwano nabazali
10.7 Makubekho izicwangciso zokuphuhlisa ukusetyenziswa kweelwimi ezininzi
10.8 Izicwangciso zokubonelela ngeemfuno zemfundo zeelwimi zabantu abangamaqela amancinane (minority language groups) esikolweni
10.9 Izicwangciso zokukhuthaza ixabiso lazo zonke iilwimi zaseMzantsi Afrika esikolweni
11. Umgaqo-nkqubo ufanele ukuhamba kunye nesicwangciso sokuphunyezwa kwawo esibandakanya ezi ngongoma zilapha ngasentla kwanezi zilandelayo.
11.1 Izicwangciso zokuqesha ootitshala ukuze zonke iimfuno zeelwimi kuhlangatyezwane nazo ngootitshala abaqeqeshwe ngendlela eyiyo, nokuba ngaba oku kunxulumaniswa nezicwangciso ezijongwe ukwenziwa zokuqeshwa kootitshala (projected staffing plans)
11.2 Izicwangciso okanye iithagethi zokulungelelanisa (aligning) iikharityhulam zeelwimi nokufundiswa kweelwimi nezikolo ezidlulisela abafundi kwezo zikolo kumabakala alandelayo (feeder schools) okanye zezikolo ezithumela abafundi bazo abadlulela kumabakala alandelayo
11.3 Izicwangciso nebhajethi yeencwadi nezinto zokuncedisa ukufunda ukwenzela ukunika inkxaso iiprogram zeelwimi
11.4 Izicwangciso zokugcina iirekhodi zezicelo ezicela ukufundiswa ngeelwimi ezithile
11.5 Izicwangciso zokulawula, ukubeka esweni nokuqinisekisa imigangatho (quality assurance) yokuphunyezwa komgaqo-nkqubo - oku kufuna kuqaliswe iishedyuli neethagethi ukuze okujongwe ukwenziwa kwenzeke ngokwenene (projections are realised).
12. Abazali abajonge ukubhalisa abantwana babo mababe nako ukuwufumana umgaqo-nkqubo weelwimi, yaye mawube yinxalenye yemvumelwano yokwamkelwa kwabafundi ekungenwa kuyo xa kubhaliswa umntwana.
12.1 Umgaqo-nkqubo weelwimi wesikolo uya kuphononongwa qho ngonyaka liSebe leMfundo leNtshona Koloni.
12.2 Isikolo sifanele ukugcina irekhodi yazo zonke izicelo zabafundi zeelwimi ezahlukeneyo zokufunda nokufundisa, o.k.t. izicelo isikolo esingakwaziyo ukuhlangabezana nazo. Ezi zicelo zifanele ukuthunyelwa qho kwi-EMDC.
13. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-S.N. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:05:23