Lo mgaqo-nkqubo ulandelayo omalunga nokuhlelwa ngokwamabakala nokupasa nokugqithela kwesinye isigaba kwizikolo, kumacandelo nakwiiyunithi zemfundo eneemfuno ezizodwa kwabafundi abanezithintelo ekufundeni uza kusebenza ukususela ngoku:

1. Izikolo/amacandelo/iiyunithi zabafundi abakhubazeke kakhulu ngokwasengqondweni (severely mentally handicapped (SMH)) nezikolo zabafundi abakhubazeke ngokwasengqondweni kwiinkalo ezahlukeneyo (autistic spectrum)
1.1 Ngokwenjenje kupheliswa zonke iindidi zokuhlelwa ngokwamabakala ezifana nalo mzekelo "IQela laBancinci" ("Junior Group").
1.2 Ukuze zonke izinto zifane kweli candelo lemfundo, kuya kusetyenziswa ezi ndidi zilandelayo zokuhlelwa ngokwamabakala kwaba bafundi kwixa elizayo:

I-SMH pre-school Year 1 (abangaphantsi kweminyaka emi-5)
I-SMH pre-school Year 2 (Abaminyaka mi-5)
ISIGABA SESISEKO
I-SMH Foundation Phase Year 1
I-SMH Foundation Phase Year 2
I-SMH Foundation Phase Year 3
ISIGABA ESIPHAKATHI
I-SMH Intermediate Phase Year 1
I-SMH Intermediate Phase Year 2
I-SMH Intermediate Phase Year 3
ISIGABA SABADALA
I-SMH Senior Year 1
I-SMH Senior Year 2
I-SMH Senior Year 3
ISIGABA SE-OCCUPATION-ORIENTED EDUCATION PHASE
I-SMH Occupation-oriented Education Year 1
I-SMH Occupation-oriented Education Year 2
I-SMH Occupation-oriented Education Year 3

1.3 Kuza kusebenza umgaqo-nkqubo kazwelonke wokugqithela kwesinye isigaba kwezi zikolo zingentla kwixa elizayo.
1.4 Umfundi uya kunikwa kuphela ixesha elingunyaka omnye elingaphezulu kwisigaba, ekuya kuthi emva koko kufuneke umfundi akafakwe kwisigaba esilandelayo.
1.5 Ukuba isikolo sinoluvo lokuba umfundi kufuneka ahlale kwisigaba nakunyaka wesihlanu, makwenziwe isicelo soko kwiNtloko yeSebe leMfundo kunikwe nezizathu ezixhasayo, sidlule kuqala kwi-ofisi yesithili.

2. IZikolo zeZakhono
2.1 Kuza kusebenza oku kuhlelwa ngokwamabakala kulandelayo kwizikolo zezakhono kwixa elizayo.

IBakala 7
IBakala 8
IBakala 9

2.2 Ngokwenjenje kupheliswa konke okunye ukuhlelwa ngokwamabakala, umzekelo "IBakala 8 leMfundo eneeMfuno eziZodwa" (Grade 8 Special).
2.3 Lo mgagqo-nkqubo ulandelayo uya kusetyenziswa xa kusamkelwa abafundi naxa befakwa kumabakala nokulungiselela iinjongo zokugqithela kwesinye isigaba:
2.3.1 Umfundi uya kuqwalaselwa ngenjongo yokufakwa esikolweni sezakhono ukuba ngaba uchithe unyaka omnye ngaphezulu kwizigaba zozibini, eseSiseko nesiPhakathi.
2.3.2 Umfundi makapasele kwiBakala 6 kwisikolo sikarhulumente esiqhelelekileyo ukwenzela ukuba amkelwe kwisikolo sezakhono/kwicandelo lezakhono. Umfundi ololu hlobo uya kuthi ke ngoko afakwe kwisikolo sezakhono kwiBakala 7.
2.3.2 Ukuba kuthi lowo nalowo mfundi ongazanelisiyo ezi mfuneko, kucetyiswe ukuba makafakwe kwisikolo sezakhono, umlawuli we-EMDC echaphazelekayo makanike izizathu ezixhasayo.
2.4 Ukuba uthi umfundi oye wapasela kwiBakala 7 kwisikolo esiqhelekileyo, wafakwa kwisikolo sezakhono, loo mfundi makafakwe kwiBakala 8 ngaphandle kokuba isikolo sinoluvo lokuba loo mfundi kufuneka achithe omnye unyaka kwakwelo bakala linye. Umgaqo-nkqubo ofanayo wokugqithela kwesinye isigaba osebenza kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, uya kusebenza nakwizikolo zezakhono. Oku kumisela ukuba umfundi unokuchitha iminyaka emine kuphela kwisigaba. Ukuba sithi isikolo sibenoluvo lokuba umfundi kufuneka ahlale kwisigaba akuso omnye unyaka ongaphezulu, makwenziwe isicelo esibhaliweyo soko kwiNtloko yeSebe leMfundo kunikwe nezizathu ezixhasayo sidlule kuqala kwi-ofisi yesithili.

3. Ii-N courses

Ngokomgaqo-nkqubo kazwelonke, ukuqala nge-1 Januwari 2007, akukho zikolo ziya kufundisa i-Further Basic Education (FBE) nee-N courses. Iikhosi ze-N2 neze-N3 mazipheliswe ku-2007 naku-2008 ngokulandelelanayo. Ngako oko ke akukho zi-N courses maziqaliswe kulo nyaka.


4. Ezinye izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa

Ukuhlelwa ngokwamabakala okufanayo kuya kusebenza kuzo zonke izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa njengoko kusebenza kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo. Ukuba ezi zikolo zine-SMH kunye/okanye icandelo lesikolo sezakhono, kuya kusebenza kwizikolo ezilolu hlobo umgaqo-nkqubo wokuhlelwa ngokwamabakala nowokugqithela kwesinye isigaba kwabafundi, njengoko ucacisiwe kwimihlathi 1 no-2 apha ngasentla.


5. Iiyunithi ze-ELSEN kwizikolo eziqhelekileyo

Abafundi mabafakwe kumabakala ngokususela kwiimvavanyo zomntu ngamnye.

Umgaqo-nkqubo wokugqithela kwesinye isigaba kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ukwasebenza nakwiiyunithi ze-ELSEN.


6. Amaziko okunyamekelwa kolutsha namaziko olutsha emfundo eneemfuno ezizodwa

Abafundi mabavavanywe xa besamkelwa baze bafakwe kwibakala emalingabi ngaphezu kwamabini ngezantsi kobudala beqela lomfundi kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo. Ukuba umfundi sele eneminyaka eyi-18 ubudala kwaye akanako ukufakwa kwibakala elifanelekileyo kusetyenziswa lo mgaqo, umfundi angafakwa ubuncinane kwiBakala 9. Ikharityhulam mayilungiselelwe umfundi ngamnye ngokweemfuno zakhe zemfundo nophuhliso. Makwenziwe ke ngoko isicwangciso semfundo nesophuhliso somntu ngamnye ukulungiselela wonke umfundi.


7. Ubudala bokuphuma esikolweni (age for leaving school) kuzo zonke izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa
7.1 Abafundi kwizikolo/kumacandelo/kwiiyunithi zemfundo eneemfuno ezizodwa mabaphume esikolweni ekupheleni konyaka lowo bagqiba ngaye iminyaka eyi-18.
7.2 Ukuba isikolo semfundo eneemfuno ezizodwa sinoluvo lokuba umfundi ongaphezu kweminyaka eyi-18 kufuneka ahlale esikolweni ixesha elide ukuze agqibe iprogram yezifundo kwaye uya kuncedakala ngokwasemfundweni, makwenziwe isicelo soko kwiNtloko yeSebe leMfundo sidlule kuqala kwi-ofisi yesithili. Isicelo masibandakanye izizathu ezixhasa oku ngokuvokothekileyo, zize nazo zixhaswe yileta ebhalwe ngumlawuli wesithili ochaphazelekayo.

8. I-CEMIS

Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba ziqinisekise ukuba ingcaciso ekwi-CEMIS ihlaziywa qho ngeveki nganye. I-CEMIS iza kulungiswa apha naphaya ukuze ibonelele lo mgaqo-nkqubo olapha ngentla. Niyacelwa ke ngoko ukuba nihlele abafundi benu ngokungqinelana nalo mgaqo-nkqubo olapha ngentla nibe sele nisenza izilungiso kwi-CEMIS kwangolo hlobo.


9. Lo mgaqo-nkqubo uqala ukusebenza ukususela ngalo mhla wale setyhula.


ISAYINWE: NGU-F.A. BOOYSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:04:24