1. UMphathiswa weMfundo kuzwelonke uthe, ngokweSiqendu 3(4)(1) soMthetho woMgaqo-nkqubo weMfundo kuZwelonke, ka-1996, wavuma uxwebhu lomgaqo-nkqubo, i-National Policy on Assessment and Qualifications for Schools in the General Education and Training Band (GET).
2. I-National Policy on Assessment and Qualifications for Schools in the General Education and Training Band (GET) mayiphunyezwe kuzo zonke izikolo ususela ngoku.
3. Lo mgaqo-nkqubo usebenza kumaBakala R - 9 kwaye ubonelela ngesikhokelo sovavanyo nangamabanga emfundo kuzo zonke izikolo zikarhulumente, izikolo zabucala namaziko emfundo yabadala (ABET centres) anabafundi ababhaliswe kwicandelo le-GET. Ubethelela imigaqo yovavanyo equlathwe kwiNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke yamaBakala R - 9 (yeZikolo) (NCS) yaye kufanele ke ngoko ufundwe kunye ne-NCS.
4. Lo mgaqo-nkqubo utshitshisa (repeal) i-Assessment Policy in the GET Band, Grade R-9 and ABET of 1998 kunye ne-Framework for the Assessment and Promotion of Learners in Grade 9: Interim Policy, 2003. Udibanisa uze ubethelele imigaqo yokurekhoda umsebenzi nokunika ingxelo, migaqo leyo equlathwe kwi-National Protocol on Assessment, 2005.
5. Kwikota yesibini ka-2007, iSebe leMfundo kuzwelonke liya kunika utitshala ngamnye ikopi eprintiweyo yolu xwebhu, kwakunye neekopi zeZikhokelo zoVavanyo zeeNkalo zeZifundo ze-GET (Learning Area Assessment Guidelines for the GET). Uxwebhu olusiSikhokelo, soVavanyo lweSigaba seSiseko (Foundation Phase Assessment Guideline document), luya kuthunyelwa ezikolweni nalo lwakuba nje lugqityiwe.
6. Olu xwebhu lomgaqo-nkqubo lufumaneka ngesiNgesi kuphela okwangoku, kodwa iikopi zesi-Afrikansi ziya kuthunyelwa ezikolweni kamva kwakulo nyaka.
7. Kucelwa uncede uqinisekise ukuba amagosa nootitshala abafundisa amaBakala R - 9 bayakufunda baze bakwazi okuqulathwe ngulo mgaqo-nkqubo kunye neziphumo zawo.
8. Olu xwebhu luyafumaneka kwakhona kwiziko lewebhu lovavanyo.
9. Ukuxhasa ukuphunyezwa kwalo mgaqo-nkqubo, ababaququzeleli bovavanyo bee-EMDC baya kulungiselela oomasifundisane ukwenzela abafundisi-ntsapho


ISAYINWE: NGU-S.N. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:05:09

National Policy on Assessment and Qualifications for schools in the General Education and Training Band (GET)  (ubukhulu: 947 KB)
Annexure A: National Policy on Assessment and Qualifications for schools in the General Education and Training Band (GET)  (ubukhulu: 125 KB)