1. KwiNgcaciso eMfutshane yoPhuhliso lweKharityhulam 0071/2006 izikolo zaxelelwa ukuba injongo yeSebe leMfundo kuzwelonke kukuqhuba uviwo lukazwelonke lweBakala 11 ngo-2007. Amaphepha emibuzo ayimizekelo neememoranda eBakala 11 athunyelwa kuzo zonke izikolo kunye neNgcaciso eMfutshane 0038/2007. Injongo yoviwo lukazwelonke lweBakala 11 kukuncedisa izikolo ekulungiseleleni abafundi bazo iimviwo zokuqala zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke eziya kusingathwa ngo-2008 yaye ke ngoko iSebe iWCED licela ukuba zonke izikolo zithathe inxaxheba ngokupheleleyo kolu viwo.
2. Iimviwo zeBakala 11
2.1 IBhunga laBaphathiswa beMfundo ligqibe ekubeni zonke iimviwo ezimiselweyo ezibhalwayo zeBakala 11 (kungabandakanywanga iimviwo zomsebenzi owenziwa ngezandla nezesakhono sokubhala (practical and creative writing examinations)) zingaqali phambi komhla we-5 Novemba, nokuba ngaba iimviwo ezilolu hlobo zisetwe nguzwelonke okanye sisikolo.
2.2 ISebe leMfundo kuzwelonke likhuphe ithayimthebhili efanayo yokubhalwa kweemviwo zeBakala 11 ngo-2007. Kucelwa niqaphele ukuba ithayimthebhili sele yenziwe ukuqinisekisa ukuba inyanga ka-Oktobha isetyenziselwa ukufundisa nokufunda. Ukongeza, isigqibo sokubeka le mihla namaxesha senziwe ekubeni kuthathelwe ingqalelo izifundo ezibhalwa kuviwo lweMatriki.
2.3 ISebe iWCED liya kuqhuba uviwo lweBakala 11 kwizifundo eziyi-11, kunye noloLwimi lweNkobe noLwimi lokuQala oLongezelelweyo kwisiNgesi nakwisi-Afrikansi nesiXhosa. Kunyanzelekile ke ngoko ukuba zonke izikolo ezifundisa ezi zifundo zizibhale ngomhla nangexesha elicaciswe kwithayimthebhili eqhotyoshelweyo - IsiHlomelo A. Izikolo mazisete amaphepha afanelekileyo kuzo zonke ezinye izifundo ngokungqinelana nolu xwebhu Subject Assessment Guidelines (January 2007- Khangela kule dilesi yewebhu http://curriculum.wcape.school.za/site/22/res/view/796). Iya kuba ngumsebenzi wezikolo kwakhona ukuseta amaphepha emibuzo yoNcwadi ezo Lwimi zifundiswa sisikolo eso.
2.4 Amaphepha emibuzo eemviwo zikazwelonke zeBakala 11 aya kunika umgangatho ofanelekileyo nomhlaba wokuvavanya ezi zifundo. Nakuba kunjalo luxanduva lwezikolo ukuqhuba ezi mviwo, ukugada abaviwa, ukumakisha nokulungisa iziphumo zeBakala 11. Akukho bagadi-baviwa bangaphandle baya kuqeshwa yiWCED.
2.5 Izikolo ziya kunikwa amaphepha emibuzo kwizifundo ezinyanzelekileyo ngokususela kwidatha enikwe zizikolo kwiCEMIS ekwiCandelo loPhando ngezeMfundo. Maziqinisekise ke ngoko izikolo ukuba le datha ichanekile ngokumalunga nenani labaviwa ababhala isifundo esithile. ICandelo leeMviwo liya kuthumela ishedyuli eyandulelayo (preliminary schedule) kuzo zonke izikolo ukuze kutshekishwe ukuchaneka kwedatha yobhaliso.
2.6 Izikolo ziya kunikwa iphepha lemibuzo yoviwo elinye kuzo zonke ezinye izifundo zeNCS emva kokugqiba uviwo lweBakala 11.
2.7 Iimemoranda zamaphepha emibuzo ziya kuthunyelwa ezikolweni emva kokubhala isethi yamaphepha emibuzo, mhlawumbi kanye ngeveki. Iya kuba ngumsebenzi wootitshala bezifundo ukumakisha iincwadi zeempendulo kwaye inkqubo eqhelekileyo yokumodareyitha kwangaphakathi ezikolweni mayiqhubeke kuzo zonke izikolo. Ukumakishwa makugqitywe ungadlulanga owe-29 Novemba 2007.
2.8 Iphepha 3 leeLwimi, elingesakhono sokubhala (creative writing), malibhalwe ngaphambi kokuqala koviwo olumiselweyo. Ziya kulandela ethubeni iinkcukacha ezingaphezu koku.
3. Ukumodareyitha
3.1 ISebe iWCED liya kumodareyitha isampula yeencwadi zeempendulo kwizifundo ezinyanzelekileyo ngoDisemba 2007.
3.2 Izikolo ziya kucelwa ukuba zibophe amaphepha ayi-9 kwisifundo ngasinye ziwenze abe yipasela nekufuneka ukuba abe mathathu awabafumene amanqaku aphezulu, abe mathathu awabafumene amanqaku aphakathi, namathathu awabafumene amanqaku asezantsi. Izikolo kufuneka zibandakanye kule sampula abafundi abavela kwiiklasi ezahlukileyo.
3.3 Ezi pasela zeencwadi zeempendulo ziya kuthathwa yinkonzo yekhuriya yeCandelo leeMviwo ukuze zisiwe kwindawo ekumodareyithelwa kuyo eKapa. LiCandelo leeMviwo eliya kunika iinkcukacha ngokumalunga noku.
3.4 Ukumodareyitha kuya kuqhutywa ziingcali zezifundo zephondo nezezithili.
4. Ukurekhoda nokunika ingxelo
4.1 Ukurekhodwa kwemisebenzi yovavanyo emiselweyo, kubandakanywa noviwo lokugqibela, makwenziwe ngokwe-Addendum to the Policy Document, the National Senior Certificate: A Qualification at level 4 on the National Qualifications Framework (NQF) regarding the National Protocol for Recording and Reporting (Grades R - 12) - Government Gazette No 29467, December 2006. (Funda iSetyhula 0011/2007)
4.2 Ngako oko ke amanqaku makarekhodwe kwishedyuli yokugqibela kwaye kusetyenziswe iipesenti ukunika ingxelo abazali. Iimakhishiti, iishedyuli namakhadi eripoti angumzekelo abonelelwe kwi-National Protocol for Recording and Reporting. Iinkcukacha ezingaphezu koku ziya kulandela ethubeni.
5. Njengoko sisiya sisondela kwiSatifikethi seMatriki sikaZwelonke sika-2008, kubalulekile ukuba iinqununu ziqinisekise ukuba uvavanyo lwekharityhulam lubonwa njengovavanyo oluqatha ngabafundi. Uviwo lweBakala 11 luya kunika izikolo iimpawu zokuqala zomgangatho wentsebenzo elindelekileyo kubafundi beqela eliya kubhala iSatifkethi seMatriki sikaZwelonke sokuqala ngo-2008. Oku lithuba elihle kuthi sonke ukuba sifunde kumava ethu size sinike inkxaso eyimfuneko kwixa elizayo.
6. Kucelwa wazise ootitshala nabafundi okuqulethwe yile setyhula kunye nethayimthebhili.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:05:11

Isihlomelo A  (ubukhulu: 13 KB)