1. Njengoko balingane nisazi, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lizibophelele ekuqinisekiseni ukuvulwa kwezikolo ngendlela engenamagingxigingxi nefanelekileyo xa kuqala unyaka wesikolo ngamnye. Siyazi kwakhona ukuba kungeli xesha kanye apho izikolo (neenqununu) zifuna ukuncedwa ngokukhawuleza kwaye zilufuna ngamandla uncedo kubasebenzi beli Sebe leMfundo. Kunyanzelekile ukuba ngeli xesha imibandela echaphazela kakubi izikolo isingathwe ngokukhawuleza.
2. Ngako oko ke kubaluleke gqitha ukuba abasebenzi beli Sebe abenzela izikolo inkonzo, (ingakumbi abaphathi beesekethe, ngenxa yendima yabo nemisebenzi yabo ebaluleke kakhulu) bafumaneke xa befunwa zizikolo ekuqaleni konyaka wesikolo ngamnye.
3. Oku kuthetha ukuthi abalawuli neesuphavayiza bacingisisise xa becwangcisela ikhefu lonyaka/elihlawulelwayo ngethuba likaDisemba-Januwari kunye/okanye naxa kusenziwa isicwangciso sekhefu sonyaka secandelo lomlawuli/se-EMDC. Abasebenzi abenzela izikolo inkonzo, ingakumbi abaphathi beesekethe, mabangavunyelwa, kwiimeko eziqhelekileyo, ukuba bathathe ikhefu lonyaka/elihlawulelwayo ngethuba izikolo zivulela unyaka wesikolo omtsha. Aba abasebenzi mababekho ukuze bafumaneke xa befunwa zizikolo ubuncinane kwiveki enye phambi kokuvulwa kwezikolo. Lonke ikhefu lonyaka/elihlawulelwayo labasebenzi abenzela izikolo inkonzo, malithi ke ngoko, liphele kungabi semva kweveki enye ubuncinane phambi kokuvulwa kwezikolo.
4. Kucelwa abalawuli ukuba bakwazise okulapha ngasentla bonke abasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:04:23