1. Kucelwa ukuba nithathele ingqalelo iGazethi kaRhulumente 29311 ye-18 Oktobha 2006 eneMigaqo ePhathelele kuXolelo lwaBazali kwiNtlawulo yeeFizi zeSikolo kwiZikolo zikaRhulumente (Regulations Relating to the Exemption of Parents from the Payment of School Fees in Public Schools).
2. Kucelwa nifake endaweni yetheyibhile ekwikhasi 9 leMigaqo echazwe apha ngentla, neyathunyelwa kwizikolo zikaRhulumente, ihamba kunye neSetyhula 0058/2006 kaNovemba 2006, le theyibhile intsha iqhotyoshelweyo, njengoko ifakelwe izilungiso nguMphathiswa weMfundo kuzwelonke kwiGazethi kaRhulumente. Ikopi yale Gazethi kaRhulumente 29392 ye-17 Novemba 2006 enetheyibhile entsha iqhotyoshelwe apha ukulungiselela wena.
3. Le setyhula mayifundwe kunye nale Setyhula 0058/2006 ye-9 Novemba 2006.
4. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi namalungu ebhunga lolawulo lesikolo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:01:19

Gazethi kaRhulumente 29311 ye-18 Oktobha 2006  (ubukhulu: 607 KB) (less the Cover and Index page)
Gazethi kaRhulumente 29392 ye-17 Novemba 2006  (ubukhulu: 454 KB) (less the Cover and Index page)