1. Le setyhula igxininisa kwakhona okuqulathwe kwiSetyhula 0047/2006, eyayisingethe umba wokusebenzisa nokuba yi-inki eblowu okanye emnyama ngethuba lokubhalwa kweemviwo. Kwakhona kuthe xa kumakishwa amaphepha eempendulo zoViwo lweMatriki kaNovemba 2006, kwaqatshelwa liCandelo loPhuhliso lweKharityhulam leSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba abanye abaviwa basasebenzisa ipensile ukuphendula imibuzo kwiiMviwo zeMatriki, ngakumbi kwiMathematika ne-Akhawuntingi.
2. Lo gama sivakala isizathu sokuba ukusebenzisa ipensile kuya kwenza abaviwa bakwazi ukucima naziphi na iimpazamo abazenze ngethuba loviwo, iSebe leMfundo likazwelonke, iSebe leMfundo leNtshona Koloni nomgaqo-nkqubo ka-Umalusi omalunga nokubhalwa kweemviwo zeMatriki ucacisa gca ukuba imibuzo ebhaliweyo mayiphendulwe nge-inki eblowu okanye emnyama kuphela nokuba imibuzo ephendulwe ngepensile mayingamakishwa.
3. ISebe leMfundo licela ukuba usetyenziso lweepensile ngabaviwa ababhala iimviwo maluphelele kwiziketshi, kwimizobo, kwiidayagram, kwidrafti abazenzelayo (rough work), kuviwo lokuzoba nakuviwo loMculo, olubandakanya ihamoni (harmony) nekhompozishini (composition), nalapho kuye kwatshiwo kwiphepha lemibuzo yoviwo ukuba umviwa uvumelekile okanye kufuneka asebenzise ipensile. Akukho mpendulo zizezinye maziphendulwe ngepensile.
4. Abevi nabamakishi baya kunikwa umyalelo wokuba mabangazihoyi iimpendulo ezibhalwe ngepensile apho umviwa bekufaneleke ukuba usebenzise i-inki eblowu okanye emnyama. Iimpendulo ezinjalo azisayi kunikwa nawaphi na amanqaku naphantsi kwazo naziphi na iimeko.
5. Njengoko le ngcaciso ibaluleke gqitha kubaviwa beMatriki, kucelwa uncede wazise okubhalwe kule setyhula bonke ootitshala nabafundi bamaBakala 10 - 12 esikolweni sakho ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU- AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:04:16