1. UMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996 (uMhetho 84 ka-1996) (South African Schools Act, 1996 (Act 84 of 1996)), njengoko ufakelwe izilungiso (SASA), uphinde wafakelwa ezinye izilungiso nguMthetho oFakela iZilungiso kwiMithetho yeMfundo, 2005 (Umthetho 24 ka-2005) (Education Laws Amendment Act, 2005 (Act 24 of 2005)). Ezi zilungiso zaqala ukusebenza nge-26 kaJanuwari 2006, ekungumhla wokupapashwa kwezilungiso kwiGazethi kaRhulumente (GG No. 28426 yowe-26 Januwari 2006).
2. UMthetho weSASA ofakelwe izilungiso ucacisa iifizi zesikolo ngolu hlobo lulandelayo:

"Iifizi zesikolo zithetha iifizi zesikolo ezikhankanywe kwiSiqendu 39 kwaye zibandakanya naluphi na uhlobo lomrhumo okwimo eyimali owenziwe okanye ohlawulwe ngumntu okanye liqumrhu ngokunxulumene nokuza okanye nokuthatha inxaxheba komfundi kwiprogram yesikolo sikarhulumente". ("School fees means school fees contemplated in terms of Section 39 and includes any form of contribution of a monetary nature made or paid by a person or body in relation to the attendance or participation by a learner in a programme of a public school.")

2.1 UMthetho oFakela iZilungiso kwiMithetho yeMfundo, 2005 (Umthetho 24 ka-2005) ufakele iziqendwana (5) no-(6) kwiSiqendu 39 se-SASA. Ezi ziqendwana zifundeka ngolu hlobo:

"(5) Masingaze isikolo sikarhulumente sibize nayiphi na intlawulo yobhaliso, yezolawulo okanye yezinye iifizi ngaphandle kweefizi zesikolo njengoko zicaciswe kwiSiqendu 2 nokuba; ("(5) No public school may charge any registration, administration or other fees except school fees as defined in Section 1 and;

(6) Isikolo sikarhulumente asinako ukubiza intlawulo kumzali womfundi okweso sikolo iifizi zesikolo ezahlukileyo ezisusela kwikharityhulam okanye kwimisebenzi eyenziwa emva kokufundisa kwakwelo bakala linye." (6) A public school may not charge a parent of a learner at that school different school fees based on a curriculum or extramural curriculum within the same grade.")

3. Ezi zilungiso zilapha ngentla zinezi ziphumo zilandelayo ngokubhekiselele kwizikolo:
3.1 NgokweSiqendu 39(5) seSASA, izikolo azinakubiza nayiphi na intlawulo yobhaliso, yezolawulo okanye yezinye iifizi ngaphandle kweefizi zesikolo. Oku kuthetha ukuba isikolo kufuneka simisele iifizi zaso zesikolo ngokweSiqendu 38 se-SASA kwaye iifizi ezimiselwe ngale ndlela kufuneka zibe ziifizi ezibizwa kubazali kuphela. Akukho zifizi zongezelelweyo ezifana neefizi zobhaliso, zezolawulo okanye naziphi na ezinye iifizi ezinokubizwa kubazali.
3.2 NgokweSiqendu 39(6) se-SASA isikolo asinakubiza umzali womfundi iifizi zesikolo ezahlukileyo ngokususela kwikharityhulam okanye kwimisebenzi eyenziwa emva kokufundisa kwakwelo bakala linye. Oku kuthetha ukuba izikolo zingabiza iifizi zesikolo ezahlukileyo kumabakala ahlukileyo ukuba bekugqitywe ngolo hlobo yintlanganiso yabazali ngokweSiqendu 38 se-SASA. (Kujongwe ukuba izikolo zinokuthi, ukwenza umzekelo, zigqibe ekubeni imfundo yabafundi beBakala 12 ibiza ngaphezu kweyabafundi beBakala 8 kwaye ngenxa yesi sizathu, zimisele iifizi zesikolo ezahlukileyo kumaBakala 8 no-12 )

Nangona kunjalo, izikolo azinakubiza iifizi ezahlukileyo kubafundi ngabafundi kwibakala elinye ngokususela kwikharityhulam nakwimisebenzi eyenziwa emva kokufundisa kwiprogram yesikolo. Oku kuthetha ukuba apho isikolo sibonelela ngezifundo ezongezelelweyo nemisebenzi yasemva kokufundisa kwibakala elithile, iifizi zesikolo kubo bonke abafundi kwelo bakala kufuneka zifane, kungakhathaliseki nokuba abafundi bathatha inxaxheba kwizifundo ezongezelelweyo nakwimisebenzi yasemva kokufundisa ebonelelwa sisikolo okanye akunjalo.

Ngoko ke umfundi ongazifundi zonke izifundo okanye ongathathi nxaxheba kuyo yonke imisebenzi yasemva kokufundisa ebonelelwa sisikolo kwiprogram yesikolo, makahlawule iifizi ezifana nezo zaloo mfundi othatha inxaxheba. Oku makungasetyenziswa kwizifundo okanye kwimisebenzi yasemva kokufundisa engeyonxalenye yeprogram yesikolo.

Ukuba isikolo senza isigqibo ngezifundo okanye ngemisebenzi yasemva kokufundisa, engeyonxalenye yeprogram eqhelekileyo yesikolo kuloo nyaka uthile, ezo zifundo naloo misebenzi ilolu hlobo, ingaxhaswa ngemali evela kunyuso lwengxowa (fund-raising events) okanye ngokucela imali engaphezulu kubazali. Nangona kunjalo, uthatho-nxaxheba kwizinto ezilolu hlobo, malwenziwe ngokuzithandela, njengoko unjalo nawuphi na umrhumo omalunga noku.

4. Izikolo ezibhengezwe njengokuba "zizikolo ezingahlawulisi zifizi" ("no-fee schools") mazingabizi naziphi na iifizi ezizezinye ukwenzela ikharityhulam okanye imisebenzi yasemva kokufundisa ebonelelwa yiprogram yesikolo, kubandakanywa neendleko ezinxulumene neehambo zesikolo (excursions), izibonelelo zokusebenza (materials) njl.njl. ezifunwayo ukulungiselela ezi zifundo nale misebenzi. Nangona kunjalo, oku makungasetyenziswa kwizifundo okanye kwimisebenzi yasemva kokufundisa engeyonxalenye yeprogram yesikolo.
5. Nceda wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:26

Education Laws Amendment Act, 2005 (Act 24 of 2005)  (ubukhulu: 215 KB)