1. Ukususela ngoJanuwari 2008, abafundi beBakala 12 baya kuba bezilungiselela ukuba babhale uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) ngokwenkqubo-sikhokelo yeNkcazo yekharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement)(NCS). I-NCS iya kuba iphunyezwe ngokupheleleyo kuwo onke amabakala ukususela ku-2008.
2. Kwenziwe amalungiselelo okuba kuthengwe iincwadi zezifundo (text books) ukunika inkxaso kuphunyezo lweNCS ngokusetyenziswa kwesabelo-mali ngokwemimiselo nemigangatho esinikwa izikolo kunyaka ngamnye.
3. Ukongeza apho kubekho isabelo-mali seprojekthi eyodwa yeencwadi zezifundo nezinye izibonelelo ezinika inkxaso ukufunda nokufundisa (LTSM) kwiilwimi, kwiMathematika nakwiSayensi kumabakala athile ngokungqinelana neenjongo eziphambili zephondo ukulungiselea ukuphuhlisa abafundi ngokwesiCwangciso soPhuhliso lweZakhono zoLuntu (Human Capital Development Strategy).
4. Ukuqalela ku-2008, kulindeleke ukuba umfundi ngamnye ukususela kwiBakala 1 ukuya kwiBakala 12 uya kuba nencwadi yesifundo enye ubuncinane (kungabandakanywanga iincwadi zokusebenza) (workbooks) kwinkalo yesifundo nganye okanye kwisifundo ngasinye.
5. Oku kuthetha ukuba izikolo mazisisebenzise ngobulumko isabelo-mali sazo ngokwemimiselo nemigangatho ezisabelweyo, zibeke phambili ukubonelela iincwadi zezifundo kuqala.
6. Izikolo kwakhona mazibe namanyathelo okugcinwa kweLTSM aza kulandelwa ngempumelelo. (Makufundwe iNgcaciso eMfutshane 0102/2006 ngokumalunga nokuphathwa kweencwadi zezifundo ezithengelwe isikolo.)
7. Izikolo ezingekafiki kwinqanaba lokuba wonke umfundi abenencwadi yesifundo kwinkalo yesifundo nganye okanye kwisifundo ngasinye, kufuneka zilungise isicwangciso sokufikelela koku zize zithetha-thethane namagosa achaphazelekayo kwii-EMDC zazo ukuze zizuze iingcebiso nenkxaso.
8. Imibuzo eya kwaNdlunkulu mayithunyelwe ngqo kwiNgcali yeMfundo eyiNtloko yeFET (Chief Education Specialist: FET) kule nombolo yefoni 021 467 2630, okanye kule dilesi ye-imeyili: tcessmit@pgwc.gov.za; okanye kwiNgcali yeMfundo eyiNtloko yeGET (Chief Education Specialist: GET) kule nombolo yefoni: 021 467 2619, okanye kule dilesi i-imeyili: mcameron@pgwc.gov.za.


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:26