1. Bayacelwa bonke abasebenzi abangootitshala abasezi-ofisini ukuba bathathele ingqalelo umba wokuba iSetyhula 17 ye-14 Matshi 2006, ("UMGAQO-NKQUBO WEKHEFU: ABASEBENZI BENKONZO KARHULUMENTE ABAKWANDLUNKULU NAKWII-EMDC" ("LEAVE POLICY: PUBLIC SERVANTS ATTACHED TO HEAD OFFICE AND EMDC's") ikwasebenza nakootitshala abasezi-ofisini.
2. Isiqendu esichaphazela ngqo oku sale setyhula sicacisa oku kulandelayo:

"Ngokomhlathi 3.4 walo myalelo okhankanywe apha ngasentla, abasebenzi mabathathe ubuncinane iintsuku zomsebenzi ezili-10 ezilandelelanayo kwikhefu labo lonyaka kunyaka womjikelo wekhefu ochaphazelekayo, o.k.t. phakathi kukaJanuwari noDisemba. Kuphela kuya kuba kwiimeko ezingaqhelekanga kakhulu, kwaye ngenxa yeemfuno zenkonzo yeSebe kuphela, apho kuya kuvumeleka ukuba kushenxwe kulo mgqaliselo. Lo mgqaliselo ukwamisela kwakhona ukuba ikhefu lonyaka malithathwe, kangangoko oku kunokwenzeka, kwiintsuku ezilandelelanayo. Ukuba umsebenzi ongutitshala ose-ofisini akanako ukuzisebenzisa iintsuku ezili-10 zekhefu lakhe phakathi kukaJanuwari noDisemba kunyaka othile, kuya kufuneka kunikwe izizathu ezivakalayo malunga nokusetyenziswa kwekhefu kwiinyanga ezi-6 zokuqala zonyaka olandelayo zokuba kutheni na umsebenzi lowo engabanga nako ukulisebenzisa ikhefu lakhe kumjikelo waloo nyaka".

3. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho ngokuthi wazise ootitshala ngalo mgaqo-nkqubo nangokuphunyezwa kwawo.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:13