1. UMphathiswa weMfundo kuzwelonke uluvumile olu xwebhu lomgaqo-nkqubo: AN ADDENDUM TO THE POLICY DOCUMENT, THE NATIONAL SENIOR CERTIFICATE: A QUALIFICATION AT LEVEL 4 ON THE NATIONAL QUALIFICATIONS FRAMEWORK (NQF) REGARDING THE NATIONAL PROTOCOL FOR ASSESSMENT (NPA GRADES R - 12).
2. Ukususela nge-1 Januwari 2007 imigaqo ekolu xwebhu National Protocol for Recording and Reporting (Gazette 29467 mayiphunyezwe kuzo zonke izikolo.
3. Le migaqo (protocol) isebenza ngakumbi kumaBakala 10 - 12 yaye imisela imigangatho efanayo (standardises) kwiinkqubo zezikolo zokurekhoda nokunika ingxelo (recording and reporting processes for schools) kwiNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke. Le migaqo ikwabonelela ngenkqubo-sikhokelo sokulawulwa kweerekhodi zovavanyo zezikolo.
4. Le migaqo kufuneka ifundwe kunye nezi nkqubo-sikhokelo kwakunye nezi zikhokelo: The National Curriculum Statement Grades R - 9 (2002) and Grades 10 - 12 (2004), Education White Paper 6 (Special Needs in Education, 2001), Language-in-Education Policy (1997), South African Schools Act (1996), Qualification Framework for the National Senior Certificate and Assessment Guidelines. UMgaqo-nkqubo woVavanyo ka-1998 (Assessment Policy of 1998), uza kuhlaziywa ukulungiselela le migaqo ikolu xwebhu.
5. Ikopi eprintiweyo yolu xwebhu National Protocol for Recording and Reporting iya kuthunyelwa ezikolweni ngeposi. (Funda iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso DCD/009/2007). Olu xwebhu luguqulelwa kwisi-Afrikansi kwaye ikopi yalo iya kwenziwa ifumaneke kamva kuzo zonke izikolo ezifundisa ngesi-Afrikansi.
6. Kucelwa uncede uqinisekise ukuba onke amagosa nootitshala bamaBakala 10 - 12 bayakufunda yaye bakwazi okukolu xwebhu kunye neziphumo eziya kuzalwa ngulo mgaqo-nkqubo.
7. Uxwebhu oluhlaziyiweyo noqulathe into eninzi (a comprehensive revised document) nolubizwa ngokuba yi-National Policy on Assessment and Qualifications in the General Education and Training Band, lufakiwe kwigazethi yaye luza kuthunyelwa ezikolweni.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:15


The following document has been adapted for delivery via the Internet:
Government Gazette 29467  (ubukhulu: 1078 KB)  (complete document)
Government Gazette 29467  (ubukhulu: 761 KB)  (less annexures)
Government Gazette 29467  (ubukhulu: 358 KB)  (annexures only)