1. Ngomhla we-5 Disemba 2006 uMphathiswa weMfundo kazwelonke waye waluvuma ngokusesikweni uxwebhu olungumgaqo-nkqubo: An Addendum to the Policy Document, The National Senior Certificate: A Qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF), regarding Learners with Special Needs, olwalupapashwe njenge-Government Notice No. 1266 kwi-Vol. 498, No. 29466 yomhla we-11 Disemba 2006 Government Notice No. 1266 (Government Gazette, Vol. 498, No. 29466).
2. Olu fakelo lwesilungiso lulungiselela abafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa abangakwaziyo ukufezekisa imimiselo yezikolo ezibandakanya bonke abafundi (mainstream schools), ngokukodwa abo bafuna iindlela ezizodwa zokufundisa. Lo mgaqo-nkqubo ufakelwe izilungiso uqalisa ukusebenza ukususela kowoku-1 Januwari 2007.
3. Abafundi beBakala 10 - 12 abafumana izithintelo kwizifundo (njengoko kuchaziweyo kulo mgaqo-nkqubo) banako ngoko ke ukulandela ezinye zezi ndlela zimbini zokufunda ukuze bafumane isiqinisekiso:
3.1 IsiQinisekiso seeMviwo seMatriki njengoko sichaziweyo kuxwebhu olungumgaqo-nkqubo, The National Senior Certificate: A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF). Ootitshala banako, nakuba kunjalo, kwiiprogram zabo zezifundo ukubonelela ngeemfuno zemfundo ezizodwa zaba bafundi ngokulungelelanisa kuphela le misebenzi kwiiprogram zabo zezifundo.

okanye

3.2 IsiQinisekiso seeMviwo seMatriki njengoko sichaziwe kolu xwebhu lukhankanywe ngasentla. Uxwebhu olubizwa An Addendum to the Policy Document, The National Senior Certificate: A Qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF), regarding Learners with Special Needs
4. Ikopi eprintiweyo yale Gazethi ikhankanywe ngasentla iya kuposelwa ezikolweni.
5. Nceda ngesihle uqinisekise ukuba ootitshala abafundisa amaBakala 10 ukuya kwawe-12 bayakwazi okubhaliweyo kunye nokuziziphumo zalo mgaqo-nkqubo.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:15

njenge-Government Notice No. 29466  (ubukhulu: 524 KB)  (document adapted for delivery via the Internet)