1. IKhabhinethi yePhondo yenza isigqibo sokuba umsebenzi wokufundisa kwindawo zokhuseleko mawudluliselwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) kwiSebe leeNkonzo zezeNtlalontle nokuNcitshiswa kweNtlupheko (Department of Social Services and Poverty Alleviation). Oku kwaqala ukusebenza nge-1 Septemba 2004.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni neSebe leeNkonzo zezeNtlalontle nokuNcitshiswa kweNtlupheko aye aqulunqa kunye umgaqo (protocol) woqhagamshelwano nentsebenziswano phakathi kwala masebe omabini ukwenzela ukukhokela imisebenzi yawo neemfanelo zawo ngokunxulumene nesebe ngalinye.
3. Le Memorandam yeMvumelwano neyasayinwa ziiNtloko zamaSebe omabini iqhotyoshelwe apha ukwenzela ukukunika ingcaciso nokwenzela ukuba iphunyezwe. Imibuzo mayithunyelwe ngqo kubalawuli abachaphazelekayo kwaNdlunkulu.
4. Iya kuthakazelelwa into yokuba abalawuli neentloko zamacandelo kwaNdlunkulu nakwii-EMDC bangazisa bonke abasebenzi abachaphazelekayo okuqulethwe yile setyhula neMemorandam yeMvumelwano, ukwenzela ukubanika ingcaciso nokuba iphunyezwe.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:13

Agreement  (ubukhulu: 34 KB)