1. Intshayelelo
1.1 Le setyhula mayifundwe ngokudibeneyo neNgcaciso eMfutshane yeKharityhulam 0062/2005 yomhla we-17/08/2005.
1.2 Inkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement) kumaBakala 10 – 12 (kwizifundo eziqhelekileyo (General)) iya kuphunyezwa kwiBakala 10 kuzo zonke izikolo zikarhulumente kwanezikolo ezizimeleyo ngoJanuwari 2006.
1.3 Le program yokufunda yeminyaka emithathu, enyaka wayo wesibini nowesithathu iya kuphunyezwa kwiBakala 11 ngo-2007 nakwiBakala 12 ngo-2008, iya kukhokelela kwiSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
1.4 Uviwo lokuqala lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke luya kubhalwa ngo-Oktobha/Novemba 2008.

2. ISatifikethi seMatriki sikaZwelonke
2.1 Ukuze abafundi beBakala 10 ku-2006 bafaneleke ukufumana iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo-2008, mabenze izifundo ezisixhenxe ngolu hlobo lulandelayo ezikuluhlu lwezifundo oluvunyiweyo ezikolu xwebhu lomgaqo-nkqubo National Senior Certificate: A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF):
2.1.1 Iilwimi zaseburhulumenteni ezimbini ngokuxhomekeka ekubeni olunye lwezi lwimi zaseburhulumenteni zimbini lwenziwa kwinqanaba loLwimi lwaseKhaya (Home language) ukuze olunye lube kwinqanaba loLwimi lwaseKhaya okanye loLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (Home or First Additional Language). Olunye lwezi lwimi malube lulwimi lokufunda nokufundisa (LOLT);
2.1.2 IMathematika okanye uLwazi lweMathematika;
2.1.3 IZifundo ngezoBomi;
2.1.4 Naziphi na izifundo ubuncinane ezithathu ezikhethwe kuluhlu lwezifundo oluvunyiweyo kwisiHlomelo A no B kolu xwebhu lomgaqo-nkqubo National Senior Certificate: A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF).
2.2 Abafundi kwakhona bangenza esinye isifundo kwezi zifundo zilandelayo zivunyiweyo nezenziwa ngala maqumrhu ovavanyo alandelayo avunywe nguMphathiswa weMfundo ukulungiselela le njongo:
2.2.1 Associated Board of the Royal Schools of Music, Practical Music Examination;
2.2.2 Trinity College of London, Practical Music Examination;
2.2.3 UNISA, Practical Music Examination.

3. Abafundi abangaphumelelanga nabafundi abangesosigxina
3.1 Kwenziwe amalungiselelo awodwa okuba abafundi beMatriki abangayi kuphumelela uviwo lweMatriki luka-2007 banikwe ithuba lokugqibezela iMatriki de kube ngoMatshi 2011.
3.2 La malungiselelo awodwa aya kusebenza nakwabo bafundi bangengabo abasisigxina nabasele bebhaliswe kwiprogram yeMatriki. Abaphathi bamaziko karhulumente emfundo yabadala mabaqinisekise ukuba bonke abafundi ababhalisiweyo ngoku kwiprogram yeMatriki banolwazi ngala malungiselelo awodwa.
3.3 Zonke izifundo zeMatriki ezigqitywe ngempumelelo phambi kuka-2006 ziya kuthathelwa ingqalelo ngokuthi kukhutshwe iSatifikethi seMatriki kude kube ngoMatshi 2011.
3.4 Olu xwebhu lomgaqo-nkqubo A Résumé of instructional programmes in schools Report 550, nolunezinto ezifunwayo zeprogram yeMatriki, luya kuthi ke ngoko lube nomsebenzi wokugcina oko kusafunekayo kuphela ize indawo yalo imana kuthathwa kancinane lolu xwebhu lomgaqo-nkqubo lutsha i-National Senior Certificate: A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF).

4. Amaxwebhu omgaqo-nkqubo nezikhokelo

Le setyhula isekelwe phezu kwala maxwebhu omgaqo-nkqubo nezi zikhokelo zilandelayo:

4.1 National Senior Certificate: A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF);
4.2 National Curriculum Statement Grades 10 -12 (General) eneenkcazo zezifundo (Subject Statements) kwizifundo ngezifundo ezivunyiweyo;
(see Department of Education: Documents - Policies for a complete list of documents)
4.3 Izikhokelo zeeprogram zezifundo ezilungiselelwe izifundo ngezifundo ezivunyiweyo;
(see Department of Education: Documents - Policies for a complete list of documents)
4.4 Izikhokelo zovavanyo lwezifundo ezilungiselelwe izifundo ngezifundo ezivunyiweyo;
(see Department of Education: Documents - Policies for a complete list of documents)
4.5 National Protocol on assessment for schools in the General and Further Education and Training Bands (Grades R – 12);
4.6 Minimum requirements for Higher Certificate, Diploma and Bachelor’s Degree Programmes requiring a National Senior Certificate  (for a summary see setyhula 0053 / 2005).

5. Iintloko zawo onke amaziko emfundo afundisa izifundo zeemviwo zeMatriki neemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke maziqinisekise ukuba zinawo onke la maxwebhu angentla ezikolweni zazo nokuba abahlali abaluluntu lwesikolo (school community) bayawafundisisa la maxwebhu ukuze bakuqonde okuqulathwe ngawo.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:06

National Senior Certificate: A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF)  (ubukhulu: 293 KB)
National Protocol on assessment for schools in the General and Further Education and Training Bands (Grades R – 12)  (ubukhulu: 448 KB)
Minimum requirements for Higher Certificate, Diploma and Bachelor’s Degree Programmes requiring a National Senior Certificate  (ubukhulu: 161 KB)