1. Kucelwa ufunde le Setyhula 0074/1998 yowe-29 Juni 1998 kunye neesetyhula ezalandela emva koko ekwabhengezwa kuzo umgaqo-nkqubo osebenzayo malunga namatheko okuphela konyaka kunye nokunikwa ithuba lokuya kuthengela iKresmesi. Ukwenzela ukuphepha nakuphi na ukubhideka kubasebenzi malunga nokuba yintoni na elindeleke kubo okanye yintoni na evumelekileyo nengavumelekanga, kubaluleke kakhulu ukuba ibuye iphindwe le ngcaciso ukukwenzela lula.
1.1 Ukongeza kwiminyinyiva edla ngokwenziwa ekupheleni konyaka ngamnye malunga neentsuku zomsebenzi ezimfutshane ngaphambi nje koSuku lweKresmesi nolweNyibidyala, abasebenzi bavumelekile ukuba baye kwitheko leKresmesi elinye qwaba ngeli thuba lolonwabo. Esi sidlo sasemini sinokuba lulo naluphi na uhlobo, kodwa masingaze siqale ngaphambi kwexesha lesidlo sasemini eliqhelekileyo, elileli 12:30. Abasebenzi ke ngoko abasayi kunyanzeleka ukuba babuyele ezi-ofisini emva kweso sidlo sasemini.
1.2 Akukho zicelo zizezinye ngokumalunga nokunikwa ithuba lokuya kuthengela iKresmesi okanye lokuya kwamanye amatheko ziya kuvunywa.
1.3 Kubaluleke kakhulu ukuba amalungiselelo amatheko enziwe ngokubambisana nabaphathi babasebenzi (abakwinqanaba loMlawuli) abachaphazelekayo.
2. Kubaluleke kakhulu ukuba iintloko zamacandelo zenze amalungiselelo ayimfuneko ukwenzela ukuba iinkonzo ezingundoqo ziqhubeke neefoni ziphendulwe.
3. Kucelwa wazise bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho okubhalwe kule setyhula.


ISAYINWE: NGU-G.J. ELLIOTT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:12:08