1. Le Setyhula yenza izilungiso kwimimiselo engezintlu zezifundo zoncwadi (literature study lists) zeBakala 11 ezikwiiSetyhula 0035/2006 no-0057/2006 eziphelelwa nge-30/03/2008.
2. Naziphi na iincwadi ezazimiselwe ukufundwa kumaBakala 10 no-11 ngo-2005 no-2006 ngokulandelelanayo, zisengasetyenziswa njengencwadi ezifundwayo (setworks) ngabafundi beBakala 11 ngo-2007.
3. Nangona kunjalo, naziphi na ezezi ncwadi ezazimiselwe ukufundwa kwixa elingaphambili kwiBakala 11 zisengasetyenziswa njengencwadi ezifundwayo (setworks) ngokuxhomekeke ekubeni zikumgangatho ofanelekileyo kwabo bafundi bachaphazelekayo.
4. Ezinye zeencwadi ezivunyiweyo zingabacaphukisa abafundi abathile kwaye ootitshala ke ngoko kufuneka balujongisise ngenyameko ulwimi nemixholo phambi kokuba bazikhethele abafundi babo.
5. Isikolo esingathanda ukusebenzisa incwadi engekhoyo kwezi zintlu masixoxe ngokusetyenziswa kwaloo ncwadi okungenzeka noMcebisi weKharityhulam yoLwimi eso sikolo sichaphazelekayo senzelwa inkonzo nguye.
6. ISebe leMfundo likaZwelonke kutshanje likhuphe ezi Zintlu zeZifundo zoNcwadi ziqhotyoshelweyo zika-2007. ISebe leMfundo leNtshona Koloni aliyi kuphinda lisete maphepha oncwadi ephondo eBakala 11 ngo-2007, njengoko oko kwakuchaziwe ezikolweni kwangaphambili, ngenxa yezintlu ezinde ezakhutshwayo. Oku kuthetha into yokuba isikolo siya kuzisetela amaphepha oviwo loncwadi ngokwaso ngokweelwimi ezifundiswa sisikolo eso. ISebe iWCED licela uxolo ngayo nayiphi na inkxamleko ebangelwe lutshintsho lwesigqibo ngabaphetheyo.


ISAYINWE: NGU-N.S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:24

Amended list of prescribed books  (ubukhulu: 20 KB)