1. Kucelwa ufunde iGazethi kaRhulumente 29311 yowe-18 Oktobha 2006 equlathe oku Regulations Relating to the Exemption of Parents from the Payment of School Fees in Public Schools eyabhengezwa ngokoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (uMthetho 84 ka-1996). Ikopi ekhankanywe ngasentla yeGazethi kaRhulumente iqhotyoshelwe ukukunceda. Ngelishwa, le mimiselo ifumaneka ngesiNgesi kuphela.
2. Le mimiselo ekhankanywe apha ngasentla, njengoko yabhengezwa liSebe leMfundo likazwelonke, iqalise ukusebenza ngomhla wokupapashwa kwayo kwiGazethi kaRhulumente (nge-18 Oktobha 2006). Qaphela ukuba umhla wokuphunyezwa kwayo ngowe-1 Januwari 2007.
3. Nceda ufake endaweni ye-Exemption of Parents from the Payment of School Fees Regulations, 1998 le mimiselo iqhotyoshelweyo. Le mimiselo mitsha isebenza kuzo zonke izikolo zikarhulumente, ngaphandle kwezikolo zikarhulumente ezibhengezwe njengezingahlawulisi zifizi. Izikolo ezingazi kuhlawulisa zifizi mazingabizi zifizi zesikolo.
4. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke ootitshala nabasebenzi abalapho kunye namalungu ebhunga lolawulo.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:09

Regulations Relating to the Exemption of Parents from the Payment of School Fees in Public Schools
(iGazethi kaRhulumente 29311 yowe-18 Oktobha 2006)
(ubukhulu: 694 KB)

The above document may be also viewed in the following parts:
  Regulations Relating to the Exemption of Parents from...  (pages 3-13 of Gazette 29311, size: 384 KB)
  Annexure A: Checklist Form  (pages 14-15 of Gazette 29311, size: 45 KB)
  Annexure B: Application for exemption  (pages 16-19 of Gazette 29311, size: 87 KB)
  Annexure C: Illustrations with regard to the application of the formula  (pages 20-26 of Gazette 29311, size: 147 KB)