1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) kutshanje likhuphe iSetyhula 0013/2006 ye-23 Februwari 2006 ukugxininisa ukubaluleka nokungxamiseka kokuzaliswa kwezithuba zengqesho zeenqununu kwizikolo ezitsha. Nangona kunjalo, akusoloko kusenzeka ukuba iSebe iWCED lizalise ezi zithuba zengqesho kwangexesha ukulungiselela ukuvulwa kwezikolo okokuqala.
2. Ukuqinisekisa ukuvulwa nokulawulwa kwezikolo ezitsha okungenamagingxi-gingxi kwiimeko apho iinqununu ezisisigxina zingekaqeshwa, abaphathi besekethe balindeleke ukuba benze amalungiselelo okuqeshwa kweenqununu ezibambeleyo kwezi zikolo.
3. Ukuzaliswa kwezithuba zeenqununu ezingenabantu ngabo babambeleyo kwizikolo ezitsha makwenziwe ngononophelo ukwenzela ukuba kukhethwe umntu onako ukongamela ukuvulwa nokusekwa kwesikolo esitsha ngendlela eyiyo.
4. Ukulungiselela injongo yobulungisa nokwenzelwa elubala kwale nkqubo nokwenzela ukuba kukhethwe ongoyena mgqatswa ubhetele ufanele ukungena kweso sikhundla, iSebe iWCED ligqibe ekubeni lilandele le nkqubo ilandelayo ngexesha lenkqubo yokhetho:
4.1 Umphathi wesekethe omkhulu, kunye nekomiti yodliwano-ndlebe eyenziwa ngaba bantu balandelayo, uya kuthwala uxanduva lokugaywa kwabaqeshwa nokukhethwa kwalowo mgqatswa ufaneleke ukungena esikhundleni:
  • Umphathi wesekethe omkhulu (usihlalo)

  • Umphathi wesekethe esikwisekethe yakhe isikolo eso

  • Umphathi wesekethe ongomnye ovela kwi-EMDC echaphazelekayo

  • Umsebenzi ovela kwi-EMDC echaphazelekayo noza kubangunobhala

  • Abameli beemanyano zootitshala (babe ngabakhi-mkhanyo-kuphela)

4.2 Oku kulandelayo makwenziwe xa kupapashwa isithuba:
4.2.1 Isithuba masipapashwe ngokufanelekileyo ngokuthumela isaziso nge-imeyili ezikolweni eziphantsi kolawulo lwe-EMDC echaphazelekayo kunye/okanye sipapashwe kumajelo osasazo engingqi/kumaphephandaba engingqi (ukuba banako ukuhlawula iindleko zoku) ukwenzela ukuba ootitshala abanomdla bafumane ithuba lokwenza izicelo zomsebenzi. Kucelwa niqaphele ukuba malunga noku kuya kusetyenziswa imimiselo ecaciswe kwiSigqibo 08/2001 se-13 Disemba 2001 seBhunga lezeMfundo lezoBudlelwane eMsebenzini (Education Labour Relations Council (ELRC)) ( ISetyhula 45/2002 ye- 24 Apreli 2002 ibhekiselele koku).
4.2.2 Isaziso masinike inkcazo yomsebenzi nezo zinto ziluxanduwa nenxalenye yomsebenzi owenziwa ngokweso sithuba.
4.2.3 Iimfuno zesithuba sengqesho ngokumalunga nenani leminyaka yamava neXabiso lesiQinisekiso seMfundo eliFanelekileyo" (Relative Education Qualification Value (REQV)) ezihamba kunye nesithuba sengqesho zihlala zifana njengoko ziboniswa kwizintlu zezithuba zengqesho zesebe ezimana zikhutshwa amaxesha ngamaxesha.
4.2.4 Iikhrayitheriya ezimiselwe eso sithuba sengqesho mazicaciswe ngokucace gca njengoko zimiselwa ngokweemfuno ezizodwa nezinto ezahlukileyo ezilungele eso sikolo kuphela noluntu olukhonzwa siso.
4.2.5 Mabacaciselwe abenzi-sicelo ngomhla wokuvala kokwamkelwa kwezicelo nokuba akukho zicelo zifike mva ziya kuthathelwa ngqalelo.
4.2.6 Isaziso kwakhona masibe neenkcukacha zomphathi wesekethe omkhulu ekuza kuthunyelwa kuye izicelo zomsebenzi.
4.2.7 Makwenziwe uluhlu lwabo bonke abenzi-sicelo abafake izicelo aze umphathi wesekethe ahluze izicelo ezingangeni ndawo.
4.3 Ikomiti yodliwano-ndlebe mayiqhube udliwano-ndlebe nabenzi-sicelo abangekho ngaphezu kwesi-5 ize ichonge umgqatswa ophumeleleyo, ekuya kuthi ke umphathi wesekethe omkhulu abe ngoyena uvuma ukuqeshwa komgqatswa obambeleyo ngokungqinelana nokudluliselwa amagunya okusebenzayo njengangoku kwizithuba zababambeleyo (existing delegations applicable to acting appointments) ( ISetyhula 45/2002 ye-24 Apreli 2002 ibhekiselele koku).
4.4 Emva kokugqitywa kwenkqubo echazwe apha ngasentla, umphathi wesekethe omkhulu makazibuyisele ngoko nangoko zonke iifom eziyimfuneko kwi-ofisi yoMlawuli weCandelo lezoLawulo lweMicimbi yaBasebenzi (Ootitshala).
4.5 Inqununu ebambeleyo iya kuqeshwa ithuba leenyanga ezintandathu zekhalenda ngexesha de isithuba eso sizaliswe ngokusisigxina, kwaye iya kusayina imvumelwano emalunga noku.
5. Kucelwa uqaphele kwakhona ukuba kwimeko apho kungekho zititshala zingaphezu kwemfuneko esikolweni, eso sikolo avela kuso utitshala osiwa kwesinye okwethutyana, siya kufumana isithuba senqanaba 1 sikatitshala olibambela endaweni yakhe kwaye nawuphi na umntu obambele kwisithuba sengqesho sethutyana sotitshala otshintshelwe kwesinye isithuba sengqesho uya kufumana isibonelelo esiyintlawulo yokubambela ngokweSigqibo 8/2001.
6. Iya kuthakazelelwa into yokuba okukule setyhula kungaziswa bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:10:19