1. Ngokwemvumelwano ngemiba ngemiba (yeSigqibo 2 sowe-2004) ekwafikelelwa kuyo liBhunga leNkonzo kaRhulumente loThetha-thethwano (Public Service Co-ordinating Barganing Council) ngokuphuculwa kweemeko zengqesho zabaqeshwa abaqeshwe nguRhulumente, kucelwa ukuba nithathele ingqalelo oku kulandelayo:
  • Uhlenga-hlengiso lwemivuzo ukulungiselela ukumelana neendleko zokuphila (cost-of-living adjustment) olwenzelwa abaqeshwa (abangootitshala nabaqeshwa benkonzo karhulumente) luqale ukusebenza ukususela nge-1 Julayi 2006.

  • Uhlelo ngokutsha ngokwamanqanaba (programmatic re-structuring) lweephakheji zemivuzo yabaqeshwa (abangootitshala abasezi-ofisini nabaqeshwa benkonzo karhulumente abakwizikhundla zabalawuli abaphakathi (middle management structures).

2. Okufakwe apha ziikopi (public servants and educators) zamanqwanqwa emivuzo emitsha yootitshala neyabaqeshwa benkonzo karhulumente.
3. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abaqeshwa abakwiziko okanye kwi-ofisi yakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:29

Annexure A - Public Servants  (ubukhulu: 10 KB)
Annexure B - Educators  (ubukhulu: 27 KB)