1. UKUHLELWA NGOKOKUHLWEMPUZEKA
1.1 UMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84 ka-1996), njengoko ufakelwe izilungiso (South African Schools Act (SASA), 1996 (Act 84 of 1996) kunye neMigaqo neMimiselo zaZwelonke yoLwabiwo-mali lweNgxowa yeZikolo ) (IGazethi kaRhulumente 29178, yomhla we-31 Agasti 2006) [(National Norms and Standards for School Funding (NNSSF) (Government Gazette 29178, dated 31 August 2006)] yafakelwa izilungiso ukwenzela ukuvumela ukuhlelwa ngokutsha kwezikolo (re-ranking of schools) ngokwentlupheko. Zonke izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni zahlelwa ngokutsha ngokomhlathi 101 we-NNSSF. Umhlathi 101 wale migangatho ekhankanywe apha ngasentla ufundeka ngolu hlobo lulandelayo:

"101 Isebe lemfundo lephondo malinike isikolo ngasinye inqaku ngokokuhlwempuzeka (poverty score) eliya kuvumela ukuba isebe lemfundo lephondo lihlele zonke izikolo ukususela kwesona sihlwempuzeke kakhulu ukuya kwesona sihlwempuzeke kancinane. Imigaqo elawula isigqibo sokwabela inqaku ngokokuhlwempuzeka yile ilandelayo:
(a) Amanqaku lawo makathathelwe ekujongeni ukuhlwempuzeka kwabahlali baloo ndawo sikuyo isikolo, ekufuneka wona ngokwawo axhomekeke kwintlutha okanye kwintswelo yekhaya ngalinye ngokujonga ingeniso, ubutyebi kunye/okanye inqanaba lemfundo
(b) Amanqaku lawo makathathelwe kwidatha yoBalo lwaBantu lukaZwelonke (National Census) olwenziwa ngu-StatsSA, okanye nakweyiphi na idatha efana nale enokusetyenziswa njengomthombo. Ukwenzela ukunciphisa ukusetyenziswa kwedatha egwenxa (distorted data), abo bazuzayo kwisabelo sesikolo (abanjengesikolo nesithili) mabangaze babe ngumthombo wedatha.
(c) Ukuveliswa nokubalwa kwamanqaku makwenziwe kubebanzi kakhulu (sufficiently comprehensive) ukwenzela ukuba kubonise ngokwenene imeko yokuhlwempuzeka kwabahlali baloo ndawo inesikolo. Nakuba kunjalo, makungabi yeyona njongo yabo babala amanqaku ukujonga kuphela iimpawu zokuhlwempuzeka basebenzise zona ukubala amanqaku
(d) Indlela yokubala inqaku ngalinye makube yileyo isetyenziswa kuMzantsi Afrika uphela ukwenzela ukuba izikolo ezihlwempuzeke ngokufanayo zifumane impatho efanayo, kungakhathaliseki phondo ezikulo."

1.2 Ithebhile yokubonisa ukuhlwempuzeka kuzwelonke (national poverty distribution table) okanye Ithebhile yokuhlwempuzeka (poverty table), ngokomhlathi 109 we-NNSSF, mayisetyenziswe ngamasebe emfundo amaphondo ukufikelela esigqibeni sokuba ziza kwabiwa kanjani izixa-mali ekujoliswe kuzo (targeted amounts) kwiphondo ngalinye. Le thebhile ilapha ngasezantsi ibonisa ipesenti yabafundi bePhondo leNtshona Koloni abanokufakwa kumanqanaba ngamanqanaba kazwelonke okuhlelwa ngokokuhlwempuzeka (various national quintiles (NQs)).

 NK1NK2NK3NK4NK5Totaal
Zwelonke20%20%20%20%20%100%
Ntshona Koloni6.54%8.02%23.09%27.72%34.63100%

Qaphelani ukuba kuphela yi-14,56% yabafundi (phantse bangama-132 000 kubafundi abangama-906 000) eNtshona Koloni abanokufakwa kumanqanaba amabini angawona okuhlwempuzeka kakhulu (two poorest NQs).

1.3 Ngenxa yeemeko ezingaqhelekanga kakhulu (unique circumstances) kwezinye zezikolo zaseNtshona Koloni, idatha eyafunyanwa ku-StatsSA yathelekiswa nedatha yephondo, kwaza kwaveliswa isalathisi esidibanisa iidatha zombini (combined index) apho kukho imfuneko. Oku kwenzelwa ukuqinisekisa ukuba izikolo ezineemeko ezifanayo kunye nemimandla efanayo (similar geographical regions) zibekwa kwinqanaba lokuhlwempuzeka elinye (same NQ).

2. IZIKOLO EZINGABIZI ZIFIZI (NO-FEE STATUS)
2.1 Ukwenzela ukulwa ukunyuka kweendleko zokufundisa kubazali abanemali encinane, kuye kwafakelwa izilungiso kwakhona kuMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (SASA) ukwenzela ukuba uvumele ukuphunyezwa kokungabizi zifizi kwezikolo (no-fee schools), o.k.t. izikolo zikarhulumente ezingazi kubiza zifizi zesikolo ezinyanzelekileyo.
2.2 UMphathiswa weMfundo kuzwelonke uvakalise, waza wapapasha kwiGazethi kaRhulumente No 29179 yomhla we-31 Agasti 2006 (Government Gazette No 29179 dated 31 August 2006), ithagethi kazwelonke ka-2007 eza kulungiselela abafundi abangama 40% kwizikolo ezingazi kubiza zifizi, o.k.t. izikolo eziwela phantsi kwamanqanaba okuhlwempuzeka 1 no-2 (NQs 1 and 2). Kuya kupapashwa kwakhona kwiGazethi kaRhulumente uluhlu lwezikolo kwiphondo ngalinye ezingazi kuvunyelwa zibize iifizi ezinyanzelekileyo, ngokwale thagethi nanjengoko lwenziwe liLungu leSigqeba soLawulo (Member of the Executive Council (MEC)) eliphathiswe iSebe leMfundo kwiphondo ngalinye.
2.3 Umhlathi 109 we-NNSSF ubonisa eyona milinganiselo isezantsi yenqanaba lokuxhaswa ngemali (minimum adequacy benchmark level of funding (no-fee threshold), njengoko limiselwe nguMphathiswa weMfundo kuzwelonke. Owona mlinganiselo usezantsi wenqanaba lokuxhaswa ngemali ubekwe kwi-R554 ngomfundi, kubandakanywa imali eyabiwe ngokwemimiselo nemigangatho (norms and standards (N&S) allocations), yonyaka-mali 2007/08 (o.k.t. ithuba eliqalela kwi-1 Apreli 2007 liye kwi- 31 Matshi 2008). Izikolo ezifumana ubuncinane eli nqanaba lesabelo-mali neziwela phantsi kwamanqanaba okuhlwempuzeka 1 no-2 (NQs 1 and 2). Mazingabizi zifizi zesikolo zinyanzelekileyo.
2.4 Ngaphezulu, njengoko iPhondo leNtshona Koloni linepesenti esezantsi yabafundi abawela phantsi kwamanqanaba okuhlwempuzeka 1 no-2 (NQs 1 and 2), xa kuthelekiswa nawo onke amanye amaphondo, eli phondo lifikelele esigqibeni sokuba landise kwakhona ukungabizi iifizi kwezikolo kubandakanywe nezo ziwela phantsi kwenqanaba lokuhlwempuzeka 3 (NQ 3). Njengoko oku kungabanga nokwenziwa ngeGazethi kaRhulumente, kwenziwa ngamalungiseleleo okuba oku kwenziwe ngokokuzithandela nezikolo eziqatshele njengezo ziwela phantsi kwenqanaba lokuhlwempuzeka 3 (NQ 3). Ezi zikolo nazo mazingabizi zifizi zesikolo ezinyanzelekileyo.

3. ULWABIWO-MALI

Ziqhotyoshelwe apha iinkcukacha zolwabiwo-mali ngokwe-N&S zesikolo sakho ngalo nyaka-mali oqala ngowoku-1 Apreli 2007 kuye kwi-31 Matshi 2008. Kucelwa ukuba uthathele ingqalelo oku kulandelayo:

3.1 Ulwabiwo-mali lubalwe ngokungqinelana nemigqaliselo ekumhlathi 108 ukuya ku-113 YeNNSSF.
3.2 Ulwabiwo-mali ngokwe-N&S ngonyaka-mali 2007/08 lubalwe ngokususela kumanani abafundi afunyenwe kuPhando lweCEMIS lwango-2006.
3.3 Imali eyabelwe izikolo ngokweSetyhula 0056/2005 mayisetyenziswe iphele zizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 phambi kwe-31 Matshi 2007, njengoko ziya kuphulukana nemali engasetyenziswanga ngalo mhla. Imali eyabelwe izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 isagciniwe ngenxa yokuba izikolo ezo zatyeshela ukungenisa iingxelo zazo zenkcitho zekota ngefom WCED 043, kodwa nazo ziya kuphulukana nayo ngowama-31 Matshi 2007 ngaphandle kokuba iifom ezingekangeniswa zifika ngaphambi kwe-28 Februwari 2007.

4. ISICWANGCISO SENTLAWULO (PAYMENT SCHEDULE)
4.1 Izikolo ezibiza iifizi
4.1.1 Kufuneka izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21, ngaphambi kowe-28 Februwari 2007, ziyahlula-hlule imali yesabelo sazo sonyaka-mali ophela ngowe-31 Matshi 2008 kwifom WCED 032 ibe ngamahlelo amane, angala, ele-LTSM, eleenkonzo zikamasipala elolondolozo (maintenance) nelokuthenga kuloo ndawo inesikolo (local purchases). Lakufumana ifom WCED 032, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kutshekisha iibhajethi. Izikolo ziya kwaziswa ukuba iifom zazo azenziwanga kakuhle ukwenzela ukuba ziphinde zingenise iifom WCED 032 ezintsha. Iimeko zendawo esikuyo isikolo zinokubanefuthe kulwahlulo-hlulo lwemali yesabelo.
4.1.2 Iintlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) kuzo zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zolondolozo (maintenance) kunye neentlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) kwizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ezizihlawulela ngokwazo ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, ziya kuhlawulwa ngolu hlobo lulandelayo: i-50% yesixa-mali esibhajethelwe zona iya kuhlawulwa ngo-Apreli ize i-50% esaleleyo ihlawulwe ngoNovemba.
4.1.3 Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 ziya kusifumana isabelo-mali sazo sonyaka-mali 2007/08 ngezavenge ezibini, ekuzezi i-60% neya kukhutshwa ngo-Apreli 2007 ne-40% eya kukhutshwa ngoNovemba 2007. Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazisebenzise intlawulo yokuqala yazo (eyi-60%) neya kwenziwa ngo-Apreli 2007, ekuthengeni iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM) zonyaka ka-2008 ngaphambi kokuphela kukaSeptemba 2007, zize zihlawule enye inkcitho, njengoko kucacisiwe kumhlathi 5.1 apha ngasezantsi. Intlawulo yesibini (eyi-40%) neya kwenziwa ngoNovemba 2007 mayisetyenziselwe ukuhlawula iindleko ezifanelekileyo ezinxulumene nesikolo ukuya kutsho ekupheleni konyaka-mali o.k.t. 31 Matshi 2008.
4.2 Izikolo ezingabizi zifizi (No-fee schools)
4.2.1 Kwizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21, i-20% yaso sonke isabelo-mali saso se-N&S, esithathwa ngokuba yingeniso yonyaka evela kwiifizi zesikolo, siya kuhlawulwa kwisikolo ngo-Apreli 2007. Izikolo ziya kwaziswa ngesi sixa-mali kwileta engesabelo-mali sazo se-N&S eqhotyoshelweyo. Makukhunjulwe ukuba esi sixa-mali masisiqhube isikolo de kuye kutsho ku-Apreli 2008, apho kuya kufumaneka intlawulo yonyaka-mali olandelayo. Kufuneka izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ziyahlula-hlule imali yesabelo sazo sonyaka-mali ophela ngowe-31 Matshi 2008 kwifom WCED 032 ibe ngamahlelo amane, angala, ele-LTSM, elokuthenga kuloo ndawo inesikolo (local purchases), eleenkonzo zikamasipala nelolondolozo (maintenance) zize zingenise ifom ezaliswe zonke iinkcukacha kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ngaphambi kowe-28 Februwari 2007. Lakufumana ifom WCED 032, iSebe leMfundo liya kutshekisha iibhajethi. Izikolo ziya kwaziswa ukuba iifom zazo azenziwanga kakuhle ukwenzela ukuba ziphinde zingenise iifom WCED 032 ezintsha.
4.2.2 Ukongeza, iintlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments kuzo zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zolondolozo (maintenance) kunye neentlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) kwizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ezizihlawulela ngokwazo ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, ziya kuhlawulwa ngolu hlobo lulandelayo: i-50% yesixa-mali esibhajethelwe zona iya kuhlawulwa ngo-Apreli ize i-50% esaleleyo ihlawulwe ngoNovemba.
4.2.3 Isabelo-mali ngokwe-N&S ngokumalunga nonyaka-mali 2007/08 sezikolo eziphantsi kweSiqendu 21 siya kuhlawulwa ezikolweni ngo-Apreli 2007 (i-60%) kuze kuhlawulwe ngoNovemba 2007 (i-40%). Kubalulekile ukuqaphela ukuba sisonke isabelo-mali se-N&S sesonyaka-mali 2007/2008 njengoko kufuneka esi sabelo-mali sisiqhube isikolo de kuye kutsho ku-Apreli 2008, apho kuya kufumaneka intlawulo yonyaka-mali olandelayo. Kwangokufanayo nezikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 (funda umhlathi 4.2.1 apha ngentla), i-20% yaso sonke isabelo-mali saso se-N&S, mayigcinelwe inkcitho ebihlawulwa ngaphambili ngeefizi zesikolo. Umncono oseleyo (balance) mawulawulwe ngokomhlathi 5 apha ngasezantsi.

5. UKUSETYENZISWA KWESABELO-MALI
5.1 Isabelo-mali ngokwe-N&S senzelwa eyona njongo ephambili nengeyokuqala ukuthenga iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (learning support materials) (LTSM), ukuthenga kuloo ndawo inesikolo (local purchases), ukuhlawula iinkonzo zikamasipala, ukubonelela ngezona zinto zibalulekileyo kulondolozo lwemihla ngemihla lwezakhiwo zesikolo, amabala nezixhobo zomsebenzi (ulondolozo olwenziwa sisikolo), kunye nokuhlawula ezinye iindleko ezikhoyo zemihla ngemihla. Ingeniso yesikolo ngokwaso, njengoko kuchaziwe kumhlathi 6, mayisetyenziselwe kuqala ukongeza apho kushota khona kwezi zinto zilapha ngentla phambi kokuba isetyenziselwe ukuhlawula izithuba zengqesho zamaBhunga oLawulo.

Kucetyiswa ukuba izikolo ziyahlula-hlule imali eziyabelweyo ngolu hlobo lulandelayo ngokweendidi ngeendidi zeendleko

  • I-60% isetyenziswe iincwadi zezifundo ezimiselweyo (textbooks) nezinye ii-odolo zeencwadi zika-2008. Ngamnye umfundi makabe nencwadi yesifundo emiselweyo ngenkalo yesifundo nganye okanye ngesifundo ngasinye. Khangela kwisiHlomelo A (see paragraph 4 ) ngokumalunga noluhlu lwezinto ezifakiweyo phantsi kweencwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi.

  • I-20% isetyenziselwe iinkonzo zikamasipala

  • I-4% isetyenziselwe ulondolozo lwesikolo

  • I-16% isetyenziselwe ukuhlawula izinto ezithengwa kuloo ndawo inesikolo (local purchases)

Izikolo zinokubhajethela iinkonzo zikamasipala ipesenteji enkulu ukuba iitharifu zeenzo zikamasipala zifuma kwenziwe ngolo hlobo.

5.1.1 Iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM)
(a) Izikolo zinokuthi, phantsi kwale miqathango ilandelayo, zikhuphe isabelo esincinane kwiincwadi zezifundo ezimiselweyo nakwezinye iincwadi:
  • Ukuba ngamnye umfundi osesikolweni unencwadi emiselweyo yenkalo yesifundo nganye okanye yesifundo ngasinye YAYE ukuba ibhunga lolawulo lithathe isigqibo ngokusesikweni malunga noku kutenxa kokumiselweyo.

  • Ukuba isigqibo sebhunga elilawulayo ngokumalunga nebhajethi, ekufuneka ingeniswe kwintlanganiso yabazali, sicacisiwe yaye isixa-mali esichithwe kwiincwadi ezimiselweyo nakwezinye iincwadi ngomfundi ngamnye sibonelelwe. Esi sigqibo masandlalwe kwintlanganiso yabazali, nokuba ngaba umphathi wesekethe uyasixhasa okanye akasixhasi.

(b) Zonke izikolo mazilandele ngqo uMgaqo-nkqubo woKuthengwa kweeMpahla neeNkonzo ngokuKhetha aBathile kuQala (Preferential Procurement Policy) weli phondo xa zisebenzisa isabelo-mali sazo ngokwe-N&S ekuthengeni iincwadi zezifundo nezinye iincwadi. Ukulungiselela le njongo, kunikwe izintlu ezimbini zabathengisi-zincwadi (suppliers). Uluhlu lokuqala (luluhlu lwabakhethwa kuqala) lumele abo bathengisi amabakhethwe kuqala. Babizwa ngokuba ngabasuka zii-Historically Disadvantaged Individuals (HDIs) nee-Small, Medium and Micro Enterprises (SMMEs). Izikolo mazithenge iincwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi ngexabiso ubuncinane eliyi-70% yesabelo sazo seN&S kubathengisi abakolu luhlu lokuqala. Iincwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi zingathengwa kubathengisi abakuluhlu lwesibini ngebhalansi (eyi-30% yesabelo-mali seencwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi). Ezi zintlu zamva nje zathunyelwa ezikolweni ngeesetyhula ezahlukeneyo.
(c) Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba luxanduva lwazo ukwenza iinzame mpela zokuthetha-thethana nabathengisi-zincwadi bazo ngezaphulelo ezikhulu kumaxabiso eencwadi.
(d) Zifunyanwa njani iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa
  • Izikolo njengangoku ezingafakwanga kuluhlu lwamaziko aphantsi kweSiqendu 21 mazilandele iinkqubo ezimiselweyo kwisiHlomelo A.

  • Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazizithengele i-LTSM yazo zizenzele nenye inkcitho ngokwazo.

  • Ukuba izikolo zifuna uncedo ngokumalunga nokukhetha i-LTSM kunye nokuthetha-thethana nabathengisi-zincwadi ngawona maxabiso abhetele zinako ukunxibelelana nee-EMDC zazo.

5.1.2 Iinkonzo zikamasipala
(a) Injongo yesabelo esinikwa izikolo ngokwe-N&S, phakathi kwezinye izinto, kukuhlawula ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, o.k.t. umbane, amanzi, ugutyulo lomphutha (sewerage removal), ukuthuthwa kwenkunkuma, njl. njl. yaye asibandakanyi ukuhlawulwa kwerhafu yepropathi. Njengoko kwakunjalo nakwixesha elidlulileyo, uRhulumente uya kuyihlawula irhafu yepropathi ebhaliswe ngegama leRiphablikhi yoMzantsi Afrika.
(b) Izikolo ezimbalwa zivakalise ukuba azifuni kulawula ii-akhawunti zazo zeenkonzo zikamasipala yaye ezi akhawunti ziya kuqhubeka zihlawulwe yi-EMDC echaphazelekayo. I-EMDC iya kunika isikolo ngasinye iikopi zee-akhawunti zaso qho ngenyanga ngenjongo yokuba sizitshekishe kwaye singqine ukuba ii-akhawunti ezo zichanekile.
(c) Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazibale imali ebekelwe iinkonzo zikamasipala ngokwenkcitho yazo yangaphambili yezi nkonzo zize ziyibonise kwifom WCED 032. Esi sixa-mali kunye nemali yolondolozo ziya kuhlawulwa ngaxeshanye kwizikolo ezavumayo ukwenza lo msebenzi.
(d) Kwezinye zezinto emazenziwe zizikolo, kukuphumeza amanyathelo okonga imali aboniswe kwiSihlomelo B.
(e) U-ESKOM noninzi loomasipala bavakalise ukuba bangazenza iimitha zombane ohlawulelwa ungekasetyenziswa (pre-paid electricity meters) ezikolweni. Oku kuya kwenza izikolo zibe nolawulo olubhetele losetyenziso lombane.
5.1.3 Ulondolozo lwemihla ngemihla
(a) Ulondolozo lwemihla ngemihla lubandakanya ukulungiswa kwamabala kwakunye, nokuhlaziywa, nokulungiswa kunye/okanye ukukhutshwa kwezinto ezonakeleyo kufakwe ezinye kwizakhiwo nakumabala esikolo. Ukuba alulwenziwa ulondolozo lwemihla ngemihla kwangoko, izakhiwo ziya kugxagxiseka kangangokuba zifune ulungiso olungxamisekileyo lomonakalo omkhulu nobiza imali enkulu.
(b) Izikolo mazizenzele ibhajethi yolondolozo lwemihla-ngemihla ngokungqinelana nemeko yezakhiwo namabala azo. Isabelo-mali ngokwe-N&S sondolozo lwemihla ngemihla sinokungeneli. Kwiimeko ezinjalo isikolo masiyongeze ngokwaso imali esiyabelweyo ngemali ephuma kwiingxowa zaso.
(c) Isabelo-mali ngokwe-N&S masingaze sisetyenziselwe ulondolozo lwezixhobo lwemihla ngemihla kwiihostele zokuhlala. Olu hlobo lolondolozo maluxhaswe ngemali yentlawulo yabafundi yokuhlala ehostele.
5.1.4 Ulondolozo lwezixhobo zomsebenzi
(a) Izikolo mazibekele bucala esinye sesixa-mali kuleyo ziyabelweyo yokwenza ulondolozo lwemihla ngemihla sokusetyenziswa kulondolozo lwezixhobo zomsebenzi zokuhombisa amabala esikolo, umz. ukulungiswa kwemowa, ukusika ingca, ukupeyinta izitulo ezisemabaleni esikolo, ukuthenga ilayimi neschumiso.
(b) Irenti mayingabhidaniswa nolondolozo. Luxanduva lwezikolo ukuzihlawulela imali yeemvumelwano zerenti nezengqeshiso (leases) kunye nolondolozo nolungiso lwezixhobo, umz. iimatshini zokufotokopa neekhompyutha. Ulondolozo lwezi zixhobo alusiyonxalenye yolondolozo lwemihla-ngemihla lwezakhiwo namabala esikolo.
5.2 Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazibonise izabelo-mali ezenzelwe ulondolozo lwezakhiwo, amabala nezixhobo zokusebenza njengesixa esinye kwifom WCED 032.
5.3 ISebe leMfundo leNtshona Koloni aliyi kwamkela butyala ngentlawulo yazo naziphi ii-akhawunti apho izikolo zichithe ngaphezu komlinganiselo osisabelo sazo. Kuya kufuneka izikolo zizihlawulele ngokwazo ezi ndleko. Ukuba kuthi ngenxa yaso nasiphi na isizathu, nesaluhlobo luni na, izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zigqithise kwisabelo sazo ngokwe-N&S, nayiphi na inkcitho engaphezulu iya kuxhuzulwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni kwisabelo sesikolo sonyaka olandelayo. Ukuba isikolo esingekho phantsi kweSiqendu 21 asiyisebenzisanga yonke imali yaso yonyaka esiyabelweyo ngokwe-N&S, isixa-mali esisashiyekileyo siya kuphelelwa lixesha. Khangela kumhlathi 3.3 apha ngentla.

6. INGENISO EYENZIWA SISIKOLO NGOKWASO

NgokweSiqendu 36 (1) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, (UMthetho 84/1996), njengoko ufakelwe izilungiso, (SASA), amabhunga olawulo ezikolo (SGBs) makathathe onke amanyathelo afanelekileyo okongezelela kwisabelo sikarhulumente ukwenzela ukuphucula umgangatho wemfundo efundiswa sisikolo. Akukho sikolo esingabizi zifizi masibize iifizi zesikolo ezinyanzelekileyo. Nangona kunjalo ziyakhuthazwa ezi zikolo ukuba ziqokelele iminikelo ekhutshwa ngokuzithandela (voluntary contributions) kwaye zinyuse ingxowa-mali ngendlela yezipho-mali (donations), amatheko okunyusa ingxowa (fund-raising functions) njl. njl.


7. UKUNIKA INGXELO
7.1 Ibhajethi yesikolo evunyiweyo mayingeniswe kwi-EMDC echaphazelekayo ungadlulanga owe-31 Disemba kunyaka ngamnye.
7.2 Zonke izikolo mazingenise le fom WCED 043 (iingxelo zekota ezingenkcitho) kwi-EMDC echaphazelekayo zingekapheli iintsuku ezingama-30 ukususela ekupheleni kwekota nganye (inkcitho eya kutsho kwi-31 Matshi, 30 Juni, 30 Septemba, ne-31 Disemba). Imali iya kuhlawulwa ezikolweni kuphela xa kufunyenwe iingxelo WCED 043 ezanelisayo malunga nemicimbi yemali yeekota zangaphambili. Ikho le fom WCED 043 kwii-EMDC ngefomathi yekhompyutha. Khangela kumhlathi 3.3 apha ngentla, kwakunye nomhlathi 140 we-NNSSF.
7.3 NgokweSiqendu 34(5) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (uMthetho 84 ka-1986), izikolo mazingenise (ukuze iqwalaselwe ngumlawuli we-EMDC echaphazelekayo) iseti yeengxelo-mali eziphiocothiweyo (audited set of financial statements) zonyaka-mali ongaphambili ungekadluli owe-30 Juni kunyaka ngamnye.

8. ULUNGISO LOMONAKALO OMKHULU OLUNGXAMISEKILEYO

Ngokomhlathi 114 weMimiselo ye-N&S ulungiso olungxamisekileyo lwezakhiwo ezonakeleyo olulolu hlobo luluxanduva lweSebe leMfundo leNtshona Koloni, kodwa olo lungiso luxhomekeke ekubeni iSebe eli linayo na imali yokwenza oku. Ezi ntlobo zolungiso lomonakalo zilandelayo ziya kuqwalaselwa ngokungqinelana neenkqubo ezikwiSetyhula 175/2000:

IHLELO A
Umonakalo omkhulu odalwe ziintlekele zendalo, iingxaki zesakhiwo nemililo
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuyithathela kulo le misebenzi yolungiso lwezakhiwo olungxamisekileyo kuphela xa iindleko zingaphezu kwama-R5 000 nangokuxhomekeka ekubeni ikho imali eyaneleyo.
Eli Sebe leMfundo linokuthi kwakhona, ngokwengqiqo yalo, lijonge ukuba alinakufaka imali yokuhlawulela umonakalo kwi-akhawunti yebhanki yesikolo ukulungiselela ukuthenga izinto zokwakha kwiimeko apho ungemkhulu kangako umonakalo.
IHLELO B
ISebe i-WCED liya kuyithathela kulo le MISEBENZI YOLUNGISO INGXAMISEKILEYO kuphela xa impilo nokhuseleko lootitshala nabafundi zisengozini yaye kukho imali eyaneleyo:
Ukutshintshwa okanye ukulungiswa kwemibhobho yamanzi ephantsi komhlaba kunye nemibhobho yogutyulo lomphutha (sewer pipes)
Ukulungiswa kweekhebhile zombane (electric cables) eziphantsi komhlaba
Ukulungiswa kweegiza zombane (kwiihostele kuphela)
Ukulungiswa kwezona zixhobo zikhulu zisetyenziswayo ehostele
Ukulungiswa kweendawo zokugcina amanzi okusela
(Uncedo lungaluhlobo lokunika imali yokuthenga izinto eziza kusetyenzwa kuphela).
Izikolo mazingenise iikowuteshini ezi-3. Umsebenzi wokulungisa umonakalo ungaqalisa kuphela emva kokufumaneka kwesigunyaziso soko esivela kwaNdlunkulu.


9. EMINYE IMIQATHANGO
9.1 Ibhunga lolawulo malibe nolawulo olululo kwingeniso nakwinkcitho njengoko kucacisiwe kule ncwadana Manual of the Basic Financial System for Schools. Ukuba amalungu ebhunga lolawulo lesikolo akanabo ubungcali obuyimfuneko bokwenza lo msebenzi ngendlela eyiyo, makakhethe (co-opt) umntu oya kuba nako ukuwancedisa.
9.2 Yonke imali yesikolo, efunyenwe kwisabelo sikaRhulumente naleyo evela kwisikolo ngokwaso, mayisetyenziselwe iinjongo ezinxulumene ngqo nezemfundo, njengoko kucacisiwe kwiSiqendu 37(6) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, yaye ngakumbi ukuthenga iincwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi kunye nezinye izinto zokuncedisa ekufundeni (LTSM). Ngokomgaqo-nkqubo weSebe leMfundo leNtshona Koloni makungaze kwenziwe iikopi zeencwadi zezifundo ezimiselweyo (textbooks) kunye neencwadi zokufunda (readers) njengoko oku ikukunyasha uMthetho weLungelo eliValela uKwenziwa kweeKopi, 1978 (uMthetho 98 ka-1978) (Copyright Act, 1978 (Act 98 of 1978)).
9.3 Eli Sebe leMfundo linelungelo lokuhlola iirekhodi ezinxulumene nemali yesikolo kunye nokuthatha amanyathelo ngakuye nawuphi na umsebenzi okanye ilungu lebhunga lolawulo, ukuba lithe lachaphazeleka kwizenzo zokusetyenziswa ngendlela engeyiyo kwemali yesikolo. Ngako oko ke izikolo mazigcine bonke ubungqina bengeniso nenkcitho.

10. ISICELO SOKUFAKWA KWESIKOLO PHANTSI KWESIQENDU 21

Izicelo zokutshintsha ukusuka ekubeni sisikolo esingekho phantsi kweSiqendu 21 sibe phantsi kweSiqendu 21 mazingeniswe ngaphambi kowe-31 Januwari 2007 ngale fom eqhotyoshelweyo. Izikolo eziphumeleleyo ziya kufakwa phantsi kweSiqendu 21 ukususela kunyaka-mali olandelayo kuphela, o. k. t., ukususela kowe-1 Apreli 2007.


11. IZIBHENO

Njengoko kutshiwo kumhlathi 3.2 apha ngentla, kusetyenziswe amanani abafundi athathwe kwiinkcukacha manani ze-CEMIS ukubala isabelo-mali sezikolo ngokwe-N&S. Ukuba kuthi kanti ingcaciso ye-CEMIS ibe ingagqitywanga ukwenziwa nge-11 Septemba 2006, kuze oku kubangele ukuba isikolo singafumani yonke imali ekufanele siyifumane. Izikolo zazazisiwe ngale Setyhula 0046/2006 ngenkqubo yokuhlaziya amanani obhaliso lwabafundi (ekufuneka izilungiso zamanani achanekileyo emazingqinelane nawo zingeniswe kwiSebe i-WCED ungadlulanga owe-20 Oktobha 2006). ISebe i-WCED liya kusebenzisa ingcaciso yamvanje ukuhlaziya iimali ezabelwa izikolo.

12. NAZI IINOMBOLO ZONXIBELELWANO ZOKWENZA IMIBUZO
ISihlokoIgamaInombolo yefoni
Iibhajethi, iifom WCED 043 zeengxelo zekota neengxelo-mali zonyakaISekela-mlawuli (lezo-Lawulo)kwi-EMDC: Yeye-EMDC echaphazelekayo
Ukuhlelwa kwesabelo sonyaka ( kwifom WCED 032 )Mnu C Prins021 467 2801
Ukuthengwa kweencwadi zezifundo nezinye iincwadi ( WCED 034 ) nokuthengwa kwezinto kuloo ndawo inesikolo ( WCED 026 ). Zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21Mnu B Stoffels021 900 7062
Iintlawulo ezifakwa kwii-akhawunti zebhanki zezikolo (izabelo-mali ngokwe-N&S))Mnr A.Ngxoza021 467 2212
Ulungiso lomonakalo olungxamisekileyoMnr G Martin
Mr P Beukes
021 467 2137
021 467 2134
Imibuzo ngokubanziMnr J Kitshoff
Mr R Eyssen
021 467 2665
021 467 2662


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:10:06

Form WCED 026: Requisition for stores and other requirements  (ubukhulu: 13 KB)
Form WCED 034: Requisition for text- and other books  (ubukhulu: 13 KB)
Annexure A: Procedures for the acquisition of goods and services  (ubukhulu: 68 KB)
Annexure B: Saving measures in respect of municipal services  (ubukhulu: 8 KB)
Application for Section 21 status  (ubukhulu: 7 KB)

The following is the electronic version of the WordŽ form. To save it for later use, click on the "zipped" link below.
Form WCED 032: Allocation for local purchases, municipal services and maintenance  ("zipped", ubukhulu: 35 KB)
If you have WordŽ installed on this computer and want to view it now (and save for later use), click on the "DOC" link below:  (the form will open in a separate window: to return to this circular, close that window)
Form WCED 032: Allocation for local purchases, municipal services and maintenance  ("DOC", ubukhulu: 68 KB)

The following is the electronic version of the ExcelŽ form. To save it for later use, click on the "zipped" link below.
Form WCED 043: Quarterly Report  ("zipped", ubukhulu: 33 KB)
If you have ExcelŽ installed on this computer and want to view it now (and save for later use), click on the "XLS" link below:  (the form will open in a separate window: to return to this circular, close that window)
Form WCED 043: Quarterly Report  ("XLS", ubukhulu: 57 KB)