1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni lifumana iingxaki malunga nokusingatha izicelo zokwenza eminye imisebenzi engaphandle kweNkonzo kaRhulumente.
|
2. |
Oku kulandelayo ziingxaki ekudla ngokudityanwa nazo ngokuphathelele kulo mba:
Ileta yesicelo ayilubonisi uhlobo lomsebenzi umenzi-sicelo anqwenela ukuwenza.
Iingcebiso zamaqela achaphazelekayo azifakwanga.
Izicelo zokuhlaziywa kwezicelo esezivunyiwe eziya kusebenza ithuba leenyanga ezili-12 kuphela azifakwanga.
Amaxwebhu axhasayo aphathelele kwizicelo zokuqhuba amashishini abucala, umzekelo lawo eesayikholojisti okanye iingcali zeengozi emisebenzini (occupational therapists), akafakwanga onke.
|
3. |
Ukulungiselela iinjongo zokucacisa gca, kuchazwe amanyathelo eentlobo ezahluka-hlukeneyo zezicelo zokwenza eminye imisebenzi engaphandle kweNkonzo kaRhulumente ngolu hlobo lulandelayo kwizihlomelo eziqhotyoshelweyo:
ISihlomelo A: Imigaqo ngokubanzi emalunga nezicelo zokwenza eminye imisebenzi ehlawulelwayo engaphandle kweNkonzo kaRhulumente
ISihlomelo B: Imigaqo ngokubanzi emalunga nezicelo zokuqhuba ishishini labucala (umz. Iisayikholojisti, iifiziyotherahisti, iingcali zeengozi emisebenzini, njl. Njl.).
ISihlomelo C: Imigaqo ngokubanzi emalunga nezicelo zokuqhuba ishishini labucala kunye/okanye zokubhalisa inkampani eyimbumba (closed corporation).
|
4. |
Mayikhankaynwe eyokuba asasebenza amanyathelo akwiSetyhula 0019/2005 ngokumalunga nezicelo zokusebenza njengamalungu oomasipala.
|
ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:15
|