1. Kufikelele kwingqwalaselo yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam leSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba abanye abaviwa basebenzisa ipensile ukuphendula imibuzo kwiiMviwo zeMatriki, ngakumbi kwiMathematika ne-Akhawuntingi.
2. Lo gama kukho inyaniso kwinto yokuba ukusebenzisa ipensile kuya kwenza abaviwa bakwazi ukucima naziphi na iimpazamo abazenze ngethuba loviwo, iSebe leMfundo likazwelonke, iSebe leMfundo leNtshona Koloni nomgaqo-nkqubo ka-Umalusi omalunga nokubhalwa kweemviwo zeMatriki ucacisa gca ukuba imibuzo ebhaliweyo mayiphendulwe nge-inki eblowu okanye emnyama kuphela nokuba imibuzo ephendulwe ngepensile mayingamakishwa.
3. ISebe leMfundo licela ukuba usetyenziso lweepensile ngabaviwa ababhala iimviwo maluphelele kwiziketshi, kwimizobo, kwiidayagram, kwidrafti abazenzelayo (rough work), kuviwo lokuzoba nakuviwo loMculo, olubandakanya ihamoni (harmony) nekhompozishini (composition), nalapho kubhalwe khona ukuba kwiphepha loviwo elithile umviwa lowo uvumelekile okanye kufuneka asebenzise ipensile. Akukho mpendulo zizezinye maziphendulwe ngepensile.
4. Abevi nabamakishi baya kunikwa umyalelo wokuba mabangazihoyi iimpendulo ezibhalwe ngepensile apho umviwa bekufaneleke ukuba usebenzise i-inki eblowu okanye emnyama. Iimpendulo ezinjalo akusayi kunikwa manqaku ngazo.
5. Njengoko le ngcaciso ibaluleke gqitha kubaviwa beMatriki, kucelwa uncede wazise okubhalwe kule setyhula bonke ootitshala nabafundi bamaBakala 10 - 12 esikolweni sakho.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:26