1. ISetyhula 56/2005 yowe-3 Oktobha 2005 yamisela ukuba izikolo mazichithe i-60% yemali eziyabelweyo ngokwemimiselo nemigangatho yezibonelelo ekuthengeni iincwadi zezifundo.
2. Zonke izikolo maziqinisekise ukuba umfundi ngamnye osesikolweni unencwadi emiselweyo yenkalo yesifundo nganye okanye yesifundo ngasinye.
3. Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 (Section 21) zifumana imali yazo eziyabelweyo ngokwemimiselo nemigangatho ka-2006/2007 ngeentlawulo ezimbini, ekuzezi, ama-60% ngo-Apreli nama-40% kuNovemba. Izincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM) bekufanelwe ukuba zithengwe ngemali esisavenge sokuqala (first instalment) eyahlawulwa ngo-Apreli 2006, khon' ukuze ifumaneke phambi kokuphela kukaSeptemba 2006.
4. Iitotali ezipheleleyo zeencwadi zezifundo kuzo zonke izikolo ezingekho phantsi kwe kweSiqendu ngokweebhajethi zezikolo (WCED 032) zifikelela kwisixa esiyi-R60,53 yezigidi (million). Xa bekuhlolwa inkcitho kufunyaniswe ukuba kuphela yi-R33,04 yezigidi (million) echithwe kwiincwadi zezifundo ukuza kuthi ga kwi-27 Semptemba 2006. Ezinye izikolo zifuna ukuba abazali mabathenge iincwadi zezifundo zabafundi ngokwabo, nakuba iSebe iWCED libonelela ngemali ezikolweni ukwenzela ukuba kuthengwe iincwadi zezifundo (textbooks).
5. Maziqaphele izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ukuba imali eyabiwe ngokwemimiselo nemigangatho (N & S) ecacisiweyo yokuthenga iincwadi zezifundo (textbooks) nezinto ezithengwa kwindawo esikuyo isikolo (local purchases) ngokulandelelanayo, kwixesha elizayo mayisetyenziselwe kuphela injongo yayo yokuqala. Akusayi kuvunyelwa ukusetyenziswa kwale mali yokuthenga iincwadi zezifundo ukuba isetyenziswe ekuthengeni izinto ezithengwa kwindawo esikuyo isikolo .
6. Kufuneka iSebe iWCED limana qho linika ingxelo ngokusetyenziswa kwesixa esipheleleyo ebesibhajethelwe iLTSM kwiSebe leMfundo likazwelonke. Kango oko ke kunyanzelekile ukuba izikolo zichithe imali ebhajethelwe zona ngokweWCED 032 ukwenzela ukuthenga iincwadi zezifundo ungadlulanga owe 16 Oktobha 2006. Ezi rikhwizishini (WCED 034) mazingeniswe ke ngoko kwi-ofisi yee-odolo eKuils River ingagqithanga i-16 Oktobha 2006.
7. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:10:04