1. Ngokwahluke mpela kwindlela ebekusoloko kuqhutywa ngayo ngaphambili, iSebe leMfundo leNtshona Koloni alizi kuphinde lenze ii-odolo zefanitshala egameni lezikolo. Endaweni yoko eli Sebe i-WCED lenze amalungiselelo emvumelwano yeminyaka emibini nabathengisi ngabathengisi ukuba bathengisele izikolo ezo zinto ziyifanitshala zizifunayo. Abo bathengisi bavunyiweyo bokuthengisela izikolo ezo zinto ziyifanitshala zizifunayo babhalwe kwiSihlomelo A esiqhotyoshelweyo (ifumaneka kwisilungu kuphela).
2. Nakuba kunjalo, kodwa kusafuneka ukuba izikolo zingenise iimfuno zazo zefanitshala ungadlulanga owe-31 Januwari kunyaka ngamnye njengoko kubonisiwe kwikhalenda yesikolo. Oku kufunelwa iinjongo zebhajethi. Izikolo maziqinisekise ukuba iimfuno zazo zefanitshala zingeniswa ngokuthi zidlule kuqala kwi-EMDC yaye zingqinwe ngumphathi wesekethe.
3. ISebe i-WCED liya kutshekisha iimfuno zesikolo zefanitshala ngokuthi zithelekiswe nefanitshala esayifumanayo ngaphambili njengoko ibonakala kwiziko ledatha (database) le-WCED. Kwakuba kutshekishiwe, izikolo ziya kwaziswa ukuba imali yentlawulo iza kufakwa ngomatshini (transfer payment) kwi-akhawunti yebhanki yesikolo. Intlawulo yokuqala elingana ne-50% yentlawulo eza kwenziwa ngomatshini, iya kwenziwa sakuba nje isikolo singenise iikopi zee-odolo esizenze kubathengisi ngabathengisi yaye ezo kopi mazingqinwe ngumthengisi ukuba uzifumene.
4. Ziyacelwa izikolo ukuba zingenise kwiSebe i-WCED ikopi ye-invoyisi engeniswe ngabathengisi ngethuba lokuziswa kwempahla, nengqinwe nguSihlalo weBhunga loLawulo leSikolo (School Governing Body), yaye kwakufumaneka ikopi ye-invoyisi leyo, kuya kwenziwa intlawulo yokugqibela ngomatshini eyi-50% yentlawulo kwisikolo eso ukwenzela ukuba sibe nokuhlawula abathengisi. Emva koko kufuneka isikolo singenise ikopi yeetshekhi ezihlawule abathengisi (cashed cheques) njengobungqina bokuba ngokwenene zihlawulwe ezo akhawunti. Iikopi zeetshekhi ezihlawule abathengisi (cashed cheques) mazingeniswe kwiSebe i-WCED zingadlulanga iintsuku ezingama-60 ukususela kumhla ekwakwenziwe ngawo intlawulo ngomatshini.
5. Mazingaze izikolo zisebenzise le mali kuyo nayiphi na enye injongo engeyiyo leyo ikhutshelwa yona. Kwakhona izikolo mazingaze zenze ii-odolo zefanitshala kubathengisi abangabhalwanga kwiSihlomelo A. Maziqaphele kwakhona iinqununu ukuba xa kuthe akwangqinelwana nemiqathango emiselwe intlawulo ngomatshini yemali yokuthenga ifanitshala, aziyi kuphinde zenziwe ezinye iintlawulo ngomatshini ngokweMigaqo neMimiselo yoLwabiwo-mali yeZikolo (Norms and Standards allocation) de kube kufezekiswe loo miqathango.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zazise uSihlalo weBhunga loLawulo leSikolo ngokumalunga nalo mba.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:21

kwiSihlomelo A  (ubukhulu: 34 KB)