1. Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 58/2000.
2. Izikolo ezinqwenela ukongeza okanye ukunciphisa inani lamabakala okanye lezifundo esezifundiswa ngoku okanye ukutshintsha ulwimi lokufundisa olusetyenziswayo njengangoku kumaBakala R - 9 kwakunye namabakala 10-12 kufuneka zisebenzise ezi fom ziqhotyoshelweyo.
2.1 Iinqununu mazingenise isicelo sesikolo sazo ngefom echaphazelekayo kumphathi wesekethe ungadlulanga owe-31 Meyi kunyaka owandulela elo xesha lenguqu kujongwe kulo.
2.2 UMphathi weSekethe makathumele loo fom izalisiweyo kwiCandelwana loLawulo lwamaZiko (Subdirectorate: Institution Management) ukuze iqwalaselwe nguMnu J Solomons ungadlulanga owe-30 Juni waloo nyaka.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kwazisa izikolo ngesiphumo sesicelo sazo ungadlulanga owe-31 Agasti kwangaloo nyaka. Kwakuba nje kugqitywe amanani obhaliso abafundi, iinqununu maziwangqine amanani lawo kuNdlunkulu kodwa ziwagqithise kubaphathi beesekethe bazo.
4. Iinqununu, abaphathi beesekethe nabalawuli bee-EMDC bayacelwa ukuba balandele ngqo le mihla ibhalwe apha ngentla, njengoko izicelo ezifike mva zingayi kuthathelwa ngqalelo.
5. INKQUBO
1. Inqununu yesikolo (eyenza umsebenzi ngenkxaso yebhunga lolawulo lesikolo)Ingenisa isicelo esikhatshwa zizizathu ezivokotheke ngokupheleleyo kumphathi wesekethe ngefom emiselweyo
2. Umphathi weseketheUmphathi wesekethe wenza iikhomenti ngesicelo eso. Wenza uphando oluyimfuneko ngokumalunga nebakala elicetywa (namabakala acetywa) ukuliqalisa (umz. ukufumaneka kweelebhu, amagumbi okufundela, ootitshala, iziphumo zoku kwizikolo ezingabamelwane, njl. njl.). Unika ingcebiso aze athumele isicelo eso kumlawuli we-EMDC.
3. UMlawuli we-EMDCUqwalasela isicelo eso aze enze ingcebiso kwaNdlunkulu.
4. ICandelo lamaLungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo (Directorate: Logistical Services)Libhalisa isicelo lize lilungiselele ukuba singeniswe kwikomiti yokuphonononga izicelo nokwenza izigqibo ngazo ngokususela kubukho bemali.
5. ICandelo loLawulo lwaBasebenzi (Directorate: Personnel Management)ICandelo loLawulo lwaBasebenzi lifumana ikopi yesicelo lize litsho ukuba iya kufumaneka imali yezithuba ezifunekayo.
6. ICandelo lamaLungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo (Directorate: Logistical Services)UMlawuli oyiNtloko ubiza intlanganiso yekomiti ukuza kunika iingcebiso. ABalawuli abaziiNtloko abachaphazelekayo benza isigqibo ngesicelo.
7. ICandelo lamaLungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo (Directorate: Logistical Services)Lazisa isikolo ngokufumaneka kwemali yokuthenga izincedisi zokufunda (LTSM) nezixhobo (equipment).
8. ICandelo loLawulo lwaBasebenzi (Directorate: Personnel Management)Lazisa isikolo ngokufumaneka kwezithuba ezongezelelweyo.

6. Isizathu sokuba kulandelwe le nkqubo ilapha ngasentla kukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni kufuneka liphonononge konke ukubonelelwa kwemfundo kwiphondo liphela phambi kokuba livume naluphi na utshintsho kwinani lamabakala, ulwimi lokufundisa okanye izifundo ezikhethiweyo kwisikolo esithile.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:08:14

Form WCED 092  (ubukhulu: 11 KB)