1. ISetyhula 0030/2006 yabonelela izikolo ngezintlu ezinokukhetha kuzo iincwadi zezifundo zamaBakala 8, 9 no-11 ezisetyenziselwa ukuphumeza iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke ukususela ngo-2007. ISetyhula 0034/2006 yenza izilungiso nezongezo kuluhlu lweencwadi olwalunikwe kwisiHlomelelo A.
2. Ngelishwa ke, kwabakho into enye eyashiyelelwayo kwisiHlomelelo A esasihamba kunye neSetyhula 0030/2006. Iinqununu ziyacelwa ukuba zongeze le ncwadi yeMathematika ilandelayo kuluhlu (Inguqulelo yesi-Afrikansi) kwisiHlomelelo A (IBakala 8):
M31Effective TeachingWiskunde Graad 8 UGOC Cranfield, C Agasi19197535831919753885

Ikhowudi yale ncwadi engu-M31, ayikho kwifom yerikhwizishini, isiHlomelelo C njengoko sakhutshwa kunye neSetyhula 0034/2006. Ncedani ke niyifake.

3. Kukwakho nempazamo yokuchwetheza kwiSetyhula 0034/2006 malunga neekhowudi zeencwadi ezintathu zoLwazi lweMathematika zeBakala 11. Ukuba isikolo si-odola u-ML2, ML3 okanye u-ML4, inqununu iyacelwa ukuba ibhale oku kulandelayo kwiphepha elifanelekileyo lesiHlomelelo C: isihloko sencwadi negama lompapashi - ukongeza kwikhowudi yencwadi ekhethiweyo. Isikolo ngasinye esi-odole iincwadi zezifundo sisebenzisa enye yezi khowudi zintathu, kuya kuqhagamshelwana naso ukuqinisekisa ukuba kwenziwe i-odolo echanekileyo egameni laso.
4. Umhla wokugqibela wokubuyiswa kweziHlomelelo C no-D uhlala uyi-8 Agasti 2006. Kucelwa niqaphele ukuba akukho zi-odolo zifike mva ziya kuhlawulelwa liSebe iWCED.


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:08:03