1. Intshayelelo
1.1 Uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) oluya kubhalwa okukuqala ngo-2008 luvumela abafundi ukuba bafunde isifundo esinye kwiqumrhu lovavanyo elingelilo iSebe leMfundo likazwelonke.
1.2 Izifundo ezilolu hlobo zingafundiswa kuphela ukuba ngaba zifakiwe kumgaqo-nkqubo kazwelonke.
2. Ukuvunywa kweModern Greek
2.1 NgokweSetyhula S5 ka-2006, uMphathiswa weMfundo uvume esi sifundo silandelayo kwiQumrhu loViwo eliZimeleyo (Independent Examination Board (IEB)), nesiza kufakwa kwiNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke kumaBakala 10 - 12 (IZifundo ngokuBanzi (General)) njengolwimi olungelolwaseburhulumenteni.
ISIFUNDOINOMBOLO YESIFUNDO
 IBakala 10IBakala 11IBakala 12
I-Modern Greek Second Additional Language040700120407002304070034
2.2 Ulwimi i-Modern Greek Second Additional Language luya kubhalwa njengoko kubonisiwe apha ngasentla kumhlathi C2 wolu xwebhu lomgaqo-nkqubo National Senior Certificate: A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF).
2.3 Kuya kuba ngumsebenzi wequmrhu i-IEB ukusingatha uxanduva lovavanyo lwangaphakathi noviwo lokugqibela lweModern Greek. Iya kusingatha noxanduva lokumodareyithwa kweemvavanyo zangaphakathi. Ngako oko ke abaviwa abafunda iModern Greek mababhalise kwi-IEB ukulungiselela ukusingathwa kovavanyo lwangaphakathi noviwo lwangaphandle lokugqibela lwesi sifundo, njengenxalenye yobhaliso lwabo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke esikolweni abafunda kuso. Abaviwa mabaqaphele ukuba iintlawulo ze-IEB kwisifundo ngasinye umviwa abhalisele sona kwanentlawulo yeModern Greek zingafunyanwa ngokuqhagamshelana ne-IEB ngqo.
2.4 I-Modern Greek iya kuqaliswa okukuqala kwiBakala 10 ngoJanuwari 2007. Uviwo lwangaphandle lokuqala kwiBakala 12 luya kuqhutywa ngo-2009.
2.5 Abafundi abakhetha iModern Greek bangakwenza oko ukususela ngo-2007, ngokuxhomekeka kumgaqo okhankanywe kwiSetyhula 0021/2006, wokuba sisifundo esinye kuphela sequmrhu loviwo elaziwayo nelivunyiweyo elingelilo iSebe leMfundo, esingafakwa kuluhlu lwezifundo zomviwa kwiSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate).
3. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabazali ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:07:28