1. ISetyhula 0020/2002 yowe-14 Februwari 2002 ne-0120/2003 yowe-7 Meyi 2003 zimalunga neemfuneko zokudipositha yonke imivuzo neentlawulo ezinxulumene nayo nezihlawulwa ngqo kwii-akhawunti zebhanki zabaqeshwa.
2. Izenzo ezithile ezitenxileyo ezinxulumene nokusetyenziswa kwefom Z56 (eyifom yokufaka isicelo sokuba umvuzo womntu udipozithwe ngqo kwi-akhawunti yakhe yebhanki) zinyanzelise iSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba lenze ifom entsha yokufaka isicelo. (Ikopi yayo iqhotyoshelwe apha.)
3. Nceda uqaphele ukuba, ukususela kumhla wokukhutshwa kwale setyhula, iya kuba yile fom entsha (APPLICATION TO DEPOSIT SALARY IN BANK ACCOUNT) kuphela, eya kwamkelwa kwanokuba zonke iifom zezicelo ezizezinye ziya kuthathwa njengezingekho mthethweni.
4. Iintloko zamaziko maziqinisekise ukuba ushicilelo lukabhontsi wasekunene kutitshala omtsha nosanda kungena kweso sithuba, okanye utitshala ophinde wanyulwa ngokutsha emva kokunqumama enkonzweni okanye utitshala ofuna ukwenza utshintsho kwiinkcukacha zakhe zebhanki, luvele kwifom yokufaka isicelo kwanokuba ifom yesicelo ihamba kunye nekopi eqinisekisiweyo yesazisi katitshala. Kukwafuneka ziqinisekise nokuba kungeniswa ifom eyintsusa ezaliswe ngokupheleleyo, nebhalwe ngesandla ngutitshala ngokwakhe, njengoko kungayi kwamkeleka zikopi okanye zifeksi.
5. Okubhalwe kule setyhula makwaziswe bonke abaqeshwa ukuze bakuthathele ingqalelo


ISAYINWE: NGU-G.J. ELLIOTT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:30

DPE 3  (ubukhulu: 6 KB)