1. Okuthunyelelwayo luluhlu lokugqibela loncwadi ekucetyiswa ukuba lufundwe kunye neencwadi ezimiselwe ukufundwa zamaBakala 7 - 12 ngo-2007.
2. Uluhlu lweencwadi ekufuneka zifundwe ngabafundi beBakala le-10 kunyaka ka-2007 luyafana noluhlu lweencwadi zonyaka ka 2006 ezazikhatshwa yiSetyhula 0034/2005.
3. Ngokuxhomekeka ekugqityweni kweZikhokelo zoVavanyo lweZifundo zeeLwimi zokuQala ezoNgezelelweyo kucetyiswa ukuba ootitshala beBakala 11 baqale bakhethe iintlobo EZINTATHU. Kufuneka kubekho amabali amafutshane kwezo uzikhethayo.
4. KwiBakala 11 kwiiLwimi zesiBini ezoNgezelelweyo kungakhethwa naziphi na iintlobo EZIMBINI.
5. Olu luhlu lwenziwe ngohlobo lokuba lunciphise ukuthengwa kweencwadi ezintsha kodwa lukwalungiselela ukuba kuqaliswe iincwadi ezintsha.
6. Zonke izicelo nezimvo ezivakalisiweyo ziye zaqatshelisiswa kwaza, apho kufanelekileyo, kwafakelwa izilungiso kuluhlu lokubambisa (provisional list).
7. Eli Sebe livakalisa umbulelo walo kubo bonke abo baye benza igalelo ngokumalunga nokwenziwa kolu luhlu. Likwathi maz' enethole ngokukodwa kwiiKomiti zeeNcwadi eziMiselweyo.


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:22

List of prescribed books  (ubukhulu: 150 KB)